“Inye Inkokeli Yenu, UKristu”
‘Ningabizwa ngokuthi “iinkokeli,” kuba inye iNkokeli yenu, uKristu.’—MAT. 23:10.
1. Ngubani amaNgqina kaYehova amgqala njengeNkokeli yawo yaye ngoba?
IICAWA zeNgqobhoko zineenkokeli ezingabantu, njengopopu waseRoma, oobhishophu nabefundisi beecawa zobuOthodoki baseMpuma kunye neenkokeli zezinye iicawa. AmaNgqina kaYehova akanayo inkokeli engumntu. Akangobafundi okanye abalandeli bomntu. Oku kuyavisisana noko kwaprofetwa nguYehova ngokuphathelele uNyana wakhe: “Khangelani! Ndimnike ukuba abe lingqina kumaqela eentlanga, inkokeli nomphathi wamaqela eentlanga.” (Isa. 55:4) AmaKristu athanjisiweyo aphuma kwizizwe ngezizwe namaqabane awo ‘ezinye izimvu’ akafuni nkokeli yimbi ngaphandle kwaleyo ayinikwe nguYehova. (Yoh. 10:16) Ayavumelana nala mazwi kaYesu: “Inye iNkokeli yenu, uKristu.”—Mat. 23:10.
INkosana Yokomoya KaSirayeli
2, 3. Yiyiphi indima eyaphunyezwa nguNyana kaThixo kwaSirayeli?
2 Kwiinkulungwane ngaphambi kokusekwa kwebandla lamaKristu, uYehova wayesebenzisa ingelosi ukuze ikhokele abantu bakhe amaSirayeli. Emva kokukhupha amaSirayeli eYiputa, uYehova wathi kuwo: “Uyabona, ndithumela ingelosi phambi kwakho ukuba ikugcine endleleni ize ikuse endaweni endiyilungisileyo. Lumka, ulithobele ilizwi layo. Ungabi nemvukelo kuyo, kuba ayiyi kukuxolela ukunxaxha kwenu; ngokuba igama lam likuyo.” (Eks. 23:20, 21) Kusengqiqweni ukukholelwa ukuba le ngelosi, ‘elalikuyo igama likaYehova,’ yayinguNyana kaThixo olizibulo.
3 Ngaphambi kokuba azalwe njengomntu, kubonakala ukuba uNyana kaThixo wayebizwa ngokuba nguMikayeli. Kwincwadi kaDaniyeli, uMikayeli ubizwa ngokuba ‘yinkosana yabantu bakuloDaniyeli,’ amaSirayeli. (Dan. 10:21) Umfundi uYude ubonisa ukuba uMikayeli wayebandakanyekile kwimicimbi yakwaSirayeli engekabikho nokubakho uDaniyeli. Emva kokufa kukaMoses, kuyabonakala ukuba uSathana wayefuna ukusisebenzisela iinjongo zakhe eso sidumbu sakhe, mhlawumbi wayefuna ukuphembelela amaSirayeli ukuba anqule izithixo. UMikayeli wangenelela ukuze athintele oku. UYude uthi: “Xa uMikayeli isiphatha-zingelosi wayeneyantlukwano noMtyholi yaye ephikisana naye ngomzimba kaMoses, akazange abe nobuganga bokuzisa umgwebo nxamnye naye ngamazwi okutshabhisa, kodwa wathi: ‘Ngamana uYehova angakukhalimela.’” (Yude 9) Kamva, ngaphambi kokurhangqwa kweYeriko, ngokungathandabuzekiyo yayinguMikayeli ‘inkosana yomkhosi kaYehova,’ eyabonakala kuYoshuwa ukuze imqinisekise ngenkxaso kaThixo. (Funda uYoshuwa 5:13-15.) Xa inkosana eyidemon yazama ukuthintela ingelosi ukuba ingasidlulisi isigidimi esibalulekileyo kumprofeti uDaniyeli, uMikayeli isiphatha-zingelosi weza kuyincedisa le ngelosi.—Dan. 10:5-7, 12-14.
Ukufika KweNkokeli Eyayixelwe Kwangaphambili
4. Kwaprofetwa kwathiwani ngoMesiya ozayo?
4 Ngaphambi kwesi siganeko, uYehova wathumela ingelosi yakhe uGabriyeli kumprofeti uDaniyeli ukuba idlulisele kuye isiprofeto esiphathelele ukuza ‘kukaMesiya iNkokeli.’ (Dan. 9:21-25)a Kanye ngexesha ekwakuprofetwe ukuba kuya kwenzeka ngalo oku, ngokwindla lowama-29 C.E., uYesu wabhaptizwa nguYohane. Kwathululelwa umoya oyingcwele phezu koYesu, umenza Othanjisiweyo—uKristu, uMesiya. (Mat. 3:13-17; Yoh. 1:29-34; Gal. 4:4) Ngenxa yoko, ayikho enye iNkokeli enokuthelekiswa naye.
5. UKristu waba yiNkokeli njani ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni?
5 Ekuqaliseni kwakhe ubulungiseleli bakhe emhlabeni, uYesu wazingqina ‘enguMesiya iNkokeli.’ Kwiintsuku nje ezimbalwa, waqalisa ukuqokelela abafundi bakhe yaye wenza ummangaliso wakhe wokuqala. (Yoh. 1:35–2:11) Abafundi bakhe bamlandela njengoko wayetyhutyha lonke elo, eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Luka 8:1) Wabaqeqesha kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa waza wabakhokela kulo msebenzi, emisela umzekelo omhle. (Luka 9:1-6) Abadala abangamaKristu bafanele baxelise umzekelo wakhe.
6. UKristu wazingqina njani enguMalusi neNkokeli?
6 UYesu wabonisa olunye uphawu lokuba uyinkokeli ngokuzifanisa nomalusi onothando. Abelusi baseMpuma babeyikhokela imihlambi yabo. Kwincwadi ethi The Land and the Book, uW. M. Thomson uthi: “Umalusi uhamba phambili, kungekhona nje ngenjongo yokukhokela izimvu kodwa ngenjongo yokubona ukuba akukho ngozi. . . . Usebenzisa umsimelelo [wakhe] ukuze azikhokelele kumadlelo aluhlaza aze azikhusele kwiintshaba zazo.” Ebonisa ukuba unguMalusi neNkokeli yokwenene, uYesu wathi: “Ndingumalusi omhle; umalusi omhle unikezela umphefumlo wakhe ngenxa yezimvu. Izimvu zam ziyaliphulaphula ilizwi lam, kwaye ndiyazazi, zona ziyandilandela.” (Yoh. 10:11, 27) Njengoko wayetshilo, uYesu wafa ukufa okulidini ngenxa yezimvu zakhe, kodwa uYehova ‘wammisela ewongeni, wayiNkokeli noMsindisi.’—IZe. 5:31, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996; Heb. 13:20.
Umveleli Webandla LobuKristu
7. UYesu usebenzisa ntoni xa ekhokela ibandla lobuKristu?
7 Ngaphambi nje kokuba anyukele ezulwini, uYesu owayesandul’ ukuvuswa wathi kubafundi bakhe: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” (Mat. 28:18) UYehova wasebenzisa uYesu ukuba adlulisele umoya oyingcwele kubafundi bakhe abangamaKristu ukuze abomeleze. (Yoh. 15:26) UYesu wathulula lo moya kumaKristu okuqala ngePentekoste yowama-33 C.E. (IZe. 2:33) Emva kokuthululwa komoya oyingcwele kwasekwa ibandla lobuKristu. UYehova wamisela uNyana wakhe njengenkokeli yebandla lakhe lonke elisemhlabeni. (Funda eyabase-Efese 1:22; neyabaseKolose 1:13, 18.) UYesu ukhokela ibandla lobuKristu esebenzisa umoya oyingcwele kaYehova neengelosi ‘ezathotyelwa phantsi kwakhe.’—1 Pet. 3:22.
8. Liliphi ijelo lasemhlabeni elalisetyenziswa nguKristu ukukhokela abafundi bakhe ngenkulungwane yokuqala yaye usebenzisa bani namhlanje?
8 Kwakhona uKristu, esebenzisa umoya oyingcwele wasipha “izipho ezingabantu,” abanye ‘baba ngabalusi nabafundisi’ ebandleni. (Efe. 4:8, 11) Umpostile uPawulos wabongoza abaveleli abangamaKristu wathi: “Zilumkeleni nina nawo wonke umhlambi, ekuthe phakathi kwawo umoya oyingcwele wanimisela nangabaveleli, ukuba nilaluse ibandla likaThixo.” (IZe. 20:28) Ekuqalisweni kwebandla lamaKristu, bonke aba baveleli babengamadoda athanjiswe ngomoya. Abapostile nabadala bebandla laseYerusalem babebumba iqumrhu elilawulayo. UKristu wasebenzisa bona ukuze akhokele lonke iqela ‘labazalwana’ abathanjisiweyo abasemhlabeni. (Heb. 2:11; IZe. 16:4, 5) Kweli xesha lesiphelo, uKristu uphathise ‘ikhoboka lakhe elithembekileyo neliyingqondi’ nommeli walo oliQumrhu Elilawulayo, iqela lamadoda angamaKristu athanjisiweyo, ‘yonke impahla yakhe,’ oko kukuthi zonke izilangazelelo zakhe zoBukumkani ezisemhlabeni. (Mat. 24:45-47) Abathanjiswa namaqabane abo ezinye izimvu bayaqonda ukuba ngokuthobela ukhokelo lweQumrhu Elilawulayo lanamhlanje, babonisa ukuba bathobela iNkokeli yabo, uKristu.
UKristu Uyakhokela Kumsebenzi Wokushumayela
9, 10. UKristu wakwalathisa njani ukusasazwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani?
9 Ekuqalisweni komsebenzi wokushumayela nokufundisa owenziwa emhlabeni wonke, uYesu wakhokela ngokwakhe. Wamisela indlela ezaziza kudluliselwa ngayo iindaba ezilungileyo zoBukumkani kubemi bomhlaba. Ebudeni bobulungiseleli bakhe, wathi kubapostile bakhe: “Musani ukuya kwindlela yeentlanga, kwaye ningangeni kwisixeko samaSamariya; kodwa, esikhundleni soko, yiyani ngokuqhubekayo kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli. Njengoko nihamba, shumayelani, nithi, ‘Ubukumkani bamazulu busondele.’” (Mat. 10:5-7) Bashumayela ngenzondelelo phakathi kwamaYuda nabo babeguqukele ebuYudeni, ingakumbi emva kwePentekoste yowama-33 C.E.—IZe. 2:4, 5, 10, 11; 5:42; 6:7.
10 Kamva, esebenzisa umoya oyingcwele, uYesu wadlulisela ilungelo lokushumayela ngoBukumkani kumaSamariya waza emva koko walidlulisela nakwabanye ababengengomaYuda. (IZe. 8:5, 6, 14-17; 10:19-22, 44, 45) Ngenjongo yokuba kusasazwe iindaba ezilungileyo nakwezinye iintlanga, uYesu wangenelela ngokobuqu ukuze ashukumisele uSawule waseTarso ukuba abe ngumKristu. UYesu wayalela umfundi uAnaniyas wathi: “Phakama, uye kwisitrato esibizwa ngokuba seSithe Tye, ufune endlwini kaYudas umntu ogama linguSawule, waseTarso. . . . Yiya, ngenxa yokuba lo mntu usisitya esinyuliweyo kum sokuthwala igama lam ezintlangeni nakookumkani noonyana bakaSirayeli.” (IZe. 9:3-6, 10, 11, 15) “Lo mntu” waba ngumpostile uPawulos.—1 Tim. 2:7.
11. UKristu wawusebenzisa njani umoya oyingcwele ukuze kwandiswe umsebenzi wokushumayela?
11 Lathi lakufika ixesha lokuba kwandiswe umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani phakathi kwabantu abangengomaYuda, umoya oyingcwele walathisa uPawulos kuhambo lwakhe lokushumayela eAsia Minor ukuya eYurophu. Ingxelo kaLuka ekwiZenzo ithi: “Njengoko [abaprofeti nabafundisi abangamaKristu kwibandla lakwa-Antiyokwe yaseSiriya] babelungiselela esidlangalaleni kuYehova yaye bezila ukutya, umoya oyingcwele wathi: ‘Kubo bonke abantu ndibekeleni uBharnabhas noSawule bucala ngenxa yomsebenzi endibabizele wona.’ Bandula ke bazila ukutya, bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.” (IZe. 13:2, 3) UYesu wambiza ngokwakhe uSawule waseTarso ukuba abe ‘sisitya esinyuliweyo’ sokuthwala igama lakhe ezintlangeni; ngenxa yoko uKristu, iNkokeli yebandla wabangela ukuba umsebenzi wokunikel’ ubungqina wenziwe ngenkuthalo engakumbi. Ukusebenzisa kukaYesu umoya oyingcwele ekwalathiseni umsebenzi wokushumayela kwabonakala ngokucacileyo ebudeni bohambo lwesibini lukaPawulos lokushumayela. Ingxelo ithi “umoya kaYesu,” oko kukuthi uYesu wasebenzisa umoya oyingcwele ukuze walathise uPawulos nabo wayesebenza kunye nabo ukuba batshintshe indlela yabo yaye bakhokelwa ngumbono ukuba badlulele eYurophu.—Funda iZenzo 16:6-10.
UYesu Ukhokela Ibandla Lakhe
12, 13. Incwadi yeSityhilelo ibonisa njani ukuba uKristu ukwazi kakuhle oko kuqhubekayo kwibandla ngalinye?
12 UYesu wayekwazi kakuhle oko kwakuqhubeka emabandleni abalandeli bakhe abathanjisiweyo enkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. Wayeyazi imeko yokomoya yebandla ngalinye. Oku sikubona kakuhle xa sifunda iSityhilelo isahluko 2 nese-3. Uthetha ngamabandla asixhenxe, awayeseAsia Minor onke. (ISityhi. 1:11) Siyayikholelwa into yokuba wayeyazi nemeko yokomoya yamanye amabandla abalandeli bakhe awayekho emhlabeni ngelo xesha.—Funda iSityhilelo 2:23.
13 UYesu wawancoma amanye ala mabandla ngonyamezelo, ngokuthembeka ngamaxesha ovavanyo, ngokunyaniseka kwilizwi lakhe nokuchasa abawexuki. (ISityhi. 2:2, 9, 13, 19; 3:8) Kwelinye icala, wawaluleka ngokungqongqo amabandla aliqela kuba uthando lwawo lwalupholile, ayevumela unqulo-zithixo, uhenyuzo namahlelo. (ISityhi. 2:4, 14, 15, 20; 3:15, 16) Njengomveleli wokomoya onothando, ebhekisela nakwabo wabaluleka ngokungqongqo, uYesu wathi: “Bonke abo ndinomsa ngabo ndiyabohlwaya ndize ndibaqeqeshe. Ngoko ke yiba nenzondelelo uze uguquke.” (ISityhi. 3:19) Nangona esezulwini, uYesu wayekhokela amabandla abafundi bakhe abasemhlabeni esebenzisa umoya oyingcwele. Xa equkumbela isigidimi sakhe esiya kuloo mabandla, wathi: “Lowo unendlebe makakuve oko ukutshoyo umoya kuwo amabandla.”—ISityhi. 3:22.
14-16. (a) UYesu uye wazingqina njani eyiNkokeli enenkalipho yabantu bakaYehova abasemhlabeni? (b) Uye waba yintoni umphumo wokuba uYesu ‘enabafundi’ bakhe “yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto”? (c) Yintoni esiza kuyihlolisisa kwinqaku elilandelayo?
14 Siye sabona ukuba uMikayeli (uYesu) wazingqina eyiNkokeli ekhaliphileyo yamaSirayeli. Kamva uYesu waba yiNkokeli ekhaliphileyo noMalusi onothando kubafundi bakhe bokuqala. Ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, wayekhokela kumsebenzi wokushumayela. Emva kokuvuswa kwakhe wayesalathisa kumsebenzi wokusasazwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani.
15 Ekugqibeleni, esebenzisa umoya oyingcwele uYesu uya kubangela ukuba umsebenzi wokunikela ubungqina ufikelele naseziphelweni zehlabathi. Ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8; funda eyoku-1 kaPetros 1:12.) Ngenkulungwane yokuqala, ngaphantsi kokhokelo lukaKristu, kwanikelwa ubungqina ngomlinganiselo omkhulu.—Kol. 1:23.
16 Kodwa uYesu wabonisa ukuba lo msebenzi wawuya kuqhubeka usenziwa de kufike ixesha lesiphelo. Emva kokuthuma abafundi bakhe ukuba bashumayele baze benze abafundi abantu beentlanga zonke, uYesu wabathembisa wathi: “Ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mat. 28:19, 20) Ekubeni wanikwa igunya lobukumkani ngowe-1914, uKristu ‘unabafundi’ bakhe ngaphezu kunanini na ngaphambili njengeNkokeli yabo. Indlela ebexakeke ngayo ukususela ngowe-1914, iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha ezingesi siprofeto, funda isahluko 11 sencwadi ethi, Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli!
Impinda
• UNyana kaThixo waba yiyo njani iNkokeli yakwaSirayeli?
• UKristu usebenzisa ntoni xa esalathisa ibandla lakhe elisemhlabeni?
• UKristu uye wawalathisa njani umsebenzi wokusasazwa kweendaba ezilungileyo?
• Yintoni ebonisa ukuba uKristu uyazi kakuhle imeko yokomoya yebandla ngalinye?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
“Ndithumela ingelosi phambi kwakho”
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Njengakwixa elidluleyo, uKristu usebenzisa “izipho ezingabantu” ukuba zaluse umhlambi wakhe