Imibuzo Yabafundi . . .
Ngaba Ndifanele Ndihambe Inkonzo Ethile?
▪ Ngaba uyoyika ukuhamba inkonzo ngenxa yohanahaniso nokungamanyani kwamarhamente nabefundisi? Ukuba kunjalo, iqhalo lesiFrentshi liyichaza kakuhle indlela ovakalelwa ngayo, “Abona bantu bakude noThixo idla ngokuba ngabo bakufutshane necawa.”
Mhlawumbi uyayihlonela iBhayibhile yaye ucinga ukuba oorhulumente nabantu bafanele balihlonele ilungelo lomntu lokuzikhethela icawa afuna ukungena kuyo. Kodwa usenokuzibuza ukuba, ‘Ngaba ngokwenene uThixo uthi abantu abafuna ukumnqula bafanele bahambe inkonzo?’
Impendulo yalo mbuzo nguewe. Yintoni esenza siqiniseke? Yaye ngaba nayiphi na inkonzo yamkelekile?
Makhe sithethe ngomzekelo kaYesu. Ngaba wayesiya enkonzweni? Xa wayeselula, uYesu wayehamba nentsapho yakowabo yamaYuda nabanye ababeqhele ukuya kwitempile yaseYerusalem baye kunqula khona. (Luka 2:41-43) Ekukhuleni kwakhe, uYesu wayenqula uThixo namanye amaYuda kwindlu yesikhungu. (Luka 4:14-16) Xa wayethetha nebhinqa elalihamba kwenye inkonzo, uYesu wathi: “Thina sinqula esikwaziyo.” (Yohane 4:22) Apha uYesu wachaza ukuba yena wayengena kwinkonzo yamaYuda.
Kamva, uYesu wathi uThixo wayeza kuwalahla amaYuda ngenxa yokuba lungazange lumamkele. (Mateyu 23:33–24:2) Noko ke, wakwenza kwacaca ukuba abantu abafuna ukunqula uThixo ngendlela ayamkelayo, babeza kuba ngamalungu enkonzo ethile. Wathi kubalandeli bakhe: “Bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Umfundi kaYesu wayengenakwazi ukuwathanda amanye amakholwa xa enganxulumani nawo. Phofu ke noYesu watsho phandle ukuba zimbini kuphela iindlela zokukhonza. Wathi enye “ibanzi kwaye iphangalele” yaye isa “entshabalalweni.” Kwelinye icala wathi: “Limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.”—Mateyu 7:13, 14.
Kuyacaca ke ngoko ukuba azamkelekanga zonke iinkonzo. IBhayibhile isilumkisa nxamnye nokunxulumana nabantu “ababonakala bengamakholwa kodwa bewakhanyela amandla onqulo.” ILizwi likaThixo lihlabela mgama lisithi “baphephe abantu abanjalo.” (2 Timoti 3:5, The NET Bible) Kwelinye icala sizuza lukhulu ngokwazi nokunxulumana nabantu abasendleleni esa ebomini. Siyakhuthazeka size sixhaswe yaye siba nethemba ngekamva.—Hebhere 10:24, 25.
Ungayibona kanjani inkonzo ekwindlela emxinwa? Unokufumana iimpendulo zeBhayibhile kwisahluko 15 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile.a Loo nto iya kukunceda wenze isigqibo sobulumko ngenkonzo ofanele uhambe kuyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.