Kutheni Ubomi Bubonakala Bungenanjongo?
KUTHENI ufanele ukholelwe ukuba ubomi abuyi kusoloko ‘bubufutshane yaye buphuthile’ sidlule kubo “njengesithunzi,” njengokuba uKumkani uSolomon watshoyo? (INtshumayeli 6:12, IBhayibhile YesiXhosa yowe-1996) ILizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile—elingumthombo wenkcazelo enokuthenjwa—ithembisa ukuba ubomi kwixa elizayo buya kuba nenjongo ngokwenene.—2 Timoti 3:16, 17.
IBhayibhile isixelela injongo kaThixo yantlandlolo ngomhlaba. Ikwasichazela isizathu sokuba ihlabathi lizaliswe kukungabikho kokusesikweni, ingcinezelo nokubandezeleka. Kutheni kubalulekile ukuba siziqonde ezi zinto? Isizathu esiyintloko esibangela ukuba abantu bacinge ukuba ubomi abunanjongo kukuba abazi okanye bakhetha ukungayazi injongo kaThixo ngomhlaba nabantu abakuwo.
Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
UYehova uThixoa wawenza umhlaba waba likhaya labantu eliyiparadesi egqibeleleyo—indawo apho amadoda nabafazi banokunandipha ubomi ngokupheleleyo, ubomi obanelisayo befezekile ngonaphakade. Le nyaniso ingasentla ichasene nenkolelo engaxhaswayo ziZibhalo yokuba umhlaba awulokhaya lethu yaye silapha kuwo ukuze uThixo asivavanye aze abone enokuba siyakufanelekela kusini na ukuphila kwelemimoya.—Funda ibhokisi ethi “Ngaba Simele Sihambe Emhlabeni Ukuze Siphile Ubomi Obunenjongo?” kwiphepha 6.
UThixo wenza indoda nomfazi ngomfanekiso wakhe, wabanika amandla okukwazi ukubonisa iimpawu zakhe ezintle. (Genesis 1:26, 27) Wabenza bafezeka. Babenayo yonke into eyayifuneka ukuze ubomi bube nenjongo nemveliso. Oko kwakuza kuquka ukuzalisa umhlaba nokuwoyisa, wonke ube yiparadesi enjengomyezo wase-Eden.—Genesis 1:28-31; 2:8, 9.
Konakala Phi?
Kucacile, ukuba ikhona into engazange ihambe kakuhle. Uluntu ngokubanzi alukwazi ukuxelisa iimpawu zikaThixo. Ngokuqinisekileyo umhlaba awuyiyo iparadesi. Kwenzeka ntoni? Abazali bethu bokuqala uAdam noEva bayisebenzisa kakubi inkululeko yabo yokuzikhethela. Babefuna ukuba “njengoThixo,” bazigqibele ngento ‘elungileyo nembi.’ Ngokwenjenjalo, balandela ikhondo likaSathana uMtyholi lemvukelo.—Genesis 3:1-6.
Ububi, asiyonxalenye yenjongo kaThixo efihlakeleyo, emiselwe kwangaphambili. Baqala emva kokuba uSathana—kamva uAdam noEva bevukele ulawulo lukaThixo. Ngenxa yemvukelo yabo, abazali bethu bokuqala baphulukana neParadesi nemfezeko, baza bona nenzala yabo bazuza isono nokufa. (Genesis 3:17-19; Roma 5:12) Yiloo nto ebangela ezi meko sikuzo namhlanje.
Kwakutheni Ukuze Angabatshabalalisi Kwangoko?
Abanye bayabuza ukuba, ‘Kwakutheni ukuze uThixo angabatshabalalisi kwangoko uSathana nabanye abavukeli aze aqale ngokutsha?’ Ngaba wayeya kuba wenze ngobulumko? Ubuya kumjonga njani urhulumente obulala wonke umntu ocela umngeni igunya lakhe? Ngaba izenzo ezilolo hlobo azibacaphukisi abantu abathanda umthetho zize zimenze adeleleke urhulumente?
UThixo wakhetha ukungabatshabalalisi kwangoko abo bavukeli. Ngobulumko, wavumela ixesha lokuba kuzinziswe imbambano eyaqala e-Eden ephathelele indlela alawula ngayo.
Ukupheliswa Kwabo Bonke Ububi
Nantsi into esimele siyikhumbule: uThixo ubuvumele ixeshana ububi. Ubuvumele kuba esazi ukuba unako ukuwulungisa wonke umonakalo xa imbambano eyabangelwa kukuvukelwa kolawulo lwakhe izinzisiwe.
UThixo akazange ayityeshele injongo yakhe ngomhlaba nangoluntu. Ngomprofeti uIsaya, uYehova usiqinisekisa ukuba unguMenzi womhlaba “ongawudalelanga ilize, kodwa owawubumba ukuba umiwe.” (Isaya 45:18) Kungekudala, uza kubuyisela umhlaba kwinto awayefuna ube yiyo. Xa enze kwacaca ukuba indlela yakhe yokulawula ifanelekile, uya kuthetheleleka xa esebenzisa amandla akhe ukuze kwenziwe intando yakhe aze aphelise bonke ububi. (Isaya 55:10, 11) Kumthandazo ongumzekelo, uYesu Kristu waquka isibongozo sokuba uThixo akwenze oku. UYesu wasifundisa ukuthandaza: “Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Kuquka ntoni?
Ukuthanda KukaThixo Ngomhlaba
Phakathi kwezinye izinto, “abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba.” (INdumiso 37:9-11, 29; IMizekeliso 2:21, 22) UYesu Kristu uza “kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo.” Uya kubahlangula “kwingcinezelo nakugonyamelo.” (INdumiso 72:12-14) Azisayi kubakho iimfazwe; ukufa, iinyembezi, iintlungu okanye ukubandezeleka. (INdumiso 46:9; ISityhilelo 21:1-4) Inginginya yabantu eye yafa ngoxa uThixo ebevumele ububi iya kuvuselwa emhlabeni ize inikwe ithuba lokuxhamla ezi ntsikelelo nezinye.—Yohane 5:28, 29.
UYehova uza kuwulungisa wonke umonakalo obangelwe kukuvukela kukaSathana. Uya kuwulungisa ngokupheleleyo lo monakalo kangangokuba “izinto zangaphambili [zonke izinto ezibangela usizi nentlungu namhlanje] aziyi kukhunjulwa.” (Isaya 65:16-19) Elo kamva liqinisekile. UThixo akanakuxoka. Zonke izithembiso zakhe ziyenzeka. Ubomi abusayi kuba “ngamampunge nokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 2:17) Kunoko, ubomi buya kuba nentsingiselo.
Kodwa kuthekani ngoku? Ngaba ukwazi oko kufundiswa yiBhayibhile nokuqonda injongo kaThixo ngomhlaba kunokongeza intsingiselo kubomi bakho ngoku? Inqaku lokugqibela lolu ngcelele liza kuphendula loo mbuzo.
[Umbhalo osemazantsi]
a UYehova, ligama abizwa ngalo uThixo eBhayibhileni.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Ngaba Simele Sihambe Emhlabeni Ukuze Siphile Ubomi Obunenjongo?
Kangangeenkulungwane, abantu abangayaziyo injongo kaThixo ngomhlaba bebefundisa ukuba simele simke emhlabeni ukuze sinandiphe ubomi obunenjongo.
Abanye bathi umphefumlo “ubuphila ubomi obukumgangatho ophezulu ngaphambi kokuba ube semntwini.” (INew Dictionary of Theology) Abanye babesithi umphefumlo “wafakwa emntwini ngenxa yezono owazenza xa wawusezulwini.”—ICyclopedia of Biblical, Theological, and Ecclesiastical Literature.
Iintanda-bulumko zamaGrike, ezinjengoSocrates noPlato zazifundisa ukuba: Kuphela kusemva kokuba umntu efile apho umphefumlo wakhe uya “kukhululeka ekubhaduleni, kwimikhwa emibi nakuloyiko, kwiminqweno engatshongo khona nezinye izinto ezimbi ezithwaxa uluntu” uze uhlale “noothixo ngonaphakade.”—Plato’s Phaedo, 81, A.
Kamva, iinkokeli zamaKristu zaquka iimfundiso zamaGrike “zokungafi komphefumlo” kwiimfundiso zazo.—Christianity—A Global History.
Thelekisa ezo ngcamango neenyaniso ezintathu ezifumaneka eBhayibhileni:
1. Injongo kaThixo kukuba umhlaba ube likhaya labantu ngokusisigxina, kungekhona indawo yokuvavanya ukuba ngoobani abafanelekela ukuphila ezulwini. Ukuba uAdam noEva babeyithobele imithetho kaThixo, ngebesaphila kumhlaba oyiparadesi.—Genesis 1:27, 28; INdumiso 115:16.
2. Ngoxa iicawa ezininzi zifundisa ukuba umntu unomphefumlo—into ethile ephila ngaphakathi kuye—iBhayibhile ifundisa into eyahlukileyo nelula. Umntu “ngumphefumlo ophilayo” owenziwe “ngothuli lomhlaba.” (Genesis 2:7) IBhayibhile ayizange ithi umphefumlo awufi. Ithi umphefumlo ungabulawa, utshatyalaliswe, ubhangiswe. (INdumiso 146:4; INtshumayeli 9:5, 10; Hezekile 18:4, 20) Umphefumlo wokuqala, uAdam, wafa waza wabuyela eluthulini owawudalwe ngalo. Akazange aphile kwakhona.—Genesis 2:17; 3:19.
3. Ikamva lomntu alixhomekekanga kumphefumlo ongafiyo oya kwelemimoya, kodwa lixhomekeke kwisithembiso sikaThixo sokuvuswa kwabafileyo ukuze baphile kumhlaba oyiparadesi.—Daniyeli 12:13; Yohane 11:24-26; IZenzo 24:15.