IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 7/1 iphe. 10
  • Ngaba UYehova Unazo Iimvakalelo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UYehova Unazo Iimvakalelo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokumvuyisa UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Indlela Onokuhlala Ngayo Womelele Ngoxa Uvukelwa Ngumntwana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • “Mna Yehova UThixo Wakho, Ndibamba Isandla Sakho Sasekunene”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ungakoyisa Njani Ukudimazeka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 7/1 iphe. 10

Sondela KuThixo

Ngaba UYehova Unazo Iimvakalelo?

UKUBA IMPENDULO nguewe, umbuzo olandelayo ngowokuba: Ngaba indlela esiziphatha ngayo iyayichaphazela indlela avakalelwa ngayo uThixo? Ngamanye amazwi, ngaba izenzo zethu zinokumenza uThixo onwabe okanye abe buhlungu? Ezinye iintandabulumko zamandulo zazilandula. Zazisithi akakho umntu onokuphembelela uThixo, ngenxa yoko uThixo akanakuba nazimvakalelo. Kodwa iBhayibhile ifundisa into eyahlukileyo, yokuba uYehova unovelwano yaye iyamchaphazela into esiyenzayo. Khawucinge ngamazwi akwiNdumiso 78:40, 41.

INdumiso 78 ichaza indlela uThixo awaqhubana ngayo namaSirayeli. Emva kokuba ehlangule olo hlanga kubukhoboka baseYiputa, uYehova wathi uza kuba nolwalamano olukhethekileyo nalo. Waluthembisa ukuba, ukuba lwaluza kuthobela imithetho yakhe, lwaluza kuba “yinqobo” kuye luze lusetyenziselwe ukuphumeza injongo yakhe. Abantu bavuma waza wenza umnqophiso woMthetho nabo. Ngaba baphila ngokuvisisana neso sivumelwano?—Eksodus 19:3-8.

Ayikho into exabisekileyo esinokunikela ngayo kuYehova kunokuba siphile ngendlela evuyisa intliziyo yakhe

Umdumisi uthi: “Babemvukela ngokufuthi kangakanani entlango!” (Vesi 40) Ivesi elandelayo yoleka isithi: “Izihlandlo ngezihlandlo babemvavanya uThixo.” (Vesi 41) Phawula ukuba umbhali uthetha ngemvukelo eqhubekayo. Lo moya wemvukelo wahle wabonakala entlango emva nje kokuba bekhululwe eYiputa. Abantu baqalisa ukumbombozela, bebuza enokuba uThixo uyakwazi ukubanyamekela. (Numeri 14:1-4) Enye incwadi yabaguquleli beBhayibhile ithi amazwi athi “babemvukela” anokuthetha ukuba “bazenza zalukhuni intliziyo zabo ‘nxamnye noThixo’ okanye ‘bathi “Hayi” kuThixo.’” Sekunjalo uYehova wayebenzela inceba abaxolele abantu bakhe bakuguquka. Kodwa babebuyela kwiindlela zabo ezindala baze bavukele.—INdumiso 78:10-19, 38.

Wayevakalelwa njani uYehova sihlandlo ngasinye evukelwa ngabantu bakhe abangamawexuwexu? Ivesi 40 ithi: “Babemenza azive ebuhlungu.” Enye inguqulelo ithi “babemzisela intlungu.” Enye imbekiselo ithi: “La mazwi athetha ukuba izinto ezazisenziwa ngamaHebhere zazibangela intlungu, njengokuba kubanjalo xa umzali evukelwa ngumntwana wakhe.” Kanye njengokuba umntwana oyindlavini enokubenza buhlungu abazali bakhe, amaSirayeli ‘ayemenza buhlungu Lowo uyiNgcwele kaSirayeli.’—Vesi 41.

Yintoni esinokuyifunda kule ndumiso? Kuyasomeleza ukubona ukuba uYehova uyabathanda abanquli bakhe akakhawulezi ukubancama. Kwangaxeshanye, kuyasichukumisa ukwazi ukuba uYehova uneemvakalelo nokuba indlela esiziphethe ngayo inokuchaphazela iimvakalelo zakhe. Kukuchaphazela njani ukwazi loo nto? Ngaba kukwenza ufune ukwenza okulungileyo?

Kunokuba senze izinto ezimbi size siyenze ibe buhlungu intliziyo kaYehova, sinokukhetha ikhondo lobulungisa size sivuyise intliziyo yakhe. Yiloo nto kanye acela abanquli bakhe ukuba bayenze: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam.” (IMizekeliso 27:11) Ayikho into exabisekileyo esinokunikela ngayo kuYehova kunokuba siphile ngendlela evuyisa intliziyo yakhe.

Izibhalo onokuzifunda NgoJulayi:

INdumiso 60–86

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share