IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 12/1 iphe. 3
  • Ngaba UThixo Uyasohlwaya?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Uyasohlwaya?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Kutheni Zixhaphake Kangaka Iintlekele Zemvelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba UThixo Usohlwaya Ngeentlekele Zemvelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ngaba UThixo Usebenzisa Iintlekele Zemvelo Ukohlwaya Abantu Namhlanje?
    Vukani!—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 12/1 iphe. 3

Ngaba UThixo Uyasohlwaya?

Enye inkokeli yezopolitiko yaseJapan yathi: “Nangona ndivelana namaxhoba entlekele, ndicinga ukuba yitembatsu (isohlwayo esivela kuThixo)” yatsho njalo emva kokuba ilizwe lintlithwe yinyikima kwaza kwalandela itsunami ngoMatshi 2011.

Umshumayeli kumabonwakude ophambili ,emva kokuba abantu abangaphezulu kwama-220,000 bebulewe yinyikima eHaiti ngoJanuwari 2011, wathi: ‘kungenxa yokuba benze isivumelwano nomtyholi’ yaye ngoku kufuneka ‘babuyele kuthixo.’

Xa kwafa abantu abangama-79 ngenxa yokunyathelana kwisidubedube esasiseManila kwiPhilippines, umshumayeli wamaKatolika wathi: “UThixo ufuna ukuvuselela izazela zethu ezifileyo.” Iphepha ndaba lalapho lanikela ingxelo yokuba “abantu abadala abangamashumi amabini ananye ekhulwini bakholelwa ukuba uThixo uphalaza ingqumbo yakhe ngokunisa izantyalatyala zemvula nezinye iintlekele” ezisoloko zintlitha ilizwe.”

INKOLELO yokuba uThixo wohlwaya abantu abangendawo ngeentlekele ayintshanga. Xa abantu abangama-60 000 babulawa yinyikima, ngumlilo nayitsunami eLisbon, ePortugal ngowe-1755, intanda-bulumko eyaziwayo uVoltaire yabuza ukuba “ngaba abantu baseLisbon bebengendawo ukodlula abaseParis na?” Kakade ke, izigidi zabantu ziyazibuza enoba uThixo usebenzisa iintlekele zemvelo ukuze azohlwaye. Kumazwe amaninzi iintlekele ezinjalo kuthiwa zibangelwa nguThixo.

Ngenxa yezi mbono, kufuneka sizibuze: ngaba ngokwenene uThixo ebesebenzisa iitlekele zemvelo ukohlwaya abantu? Ngaba olu dederhu lweentlekele zemvelo zakutshanje zisisohlwayo esivela kuThixo?

Abo batyhola uThixo ngezi ntlekele, bade bacaphule neengxelo zeBhayibhile apho uThixo wasebenzisa indalo ukuze atshabalalise abantu. (Genesis 7:17-22; 18:20; 19:24, 25; Numeri 16:31-35) Noko ke, xa kuhlalutywa ezi ngxelo zeBhayibhile zibonisa ukuba kukho izinto ezintathu ezizenza zahluke. Okokuqala abantu balunyukiswa kusengaphambili. Okwesibini, ngokungafaniyo nezi ntlekele zemvelo ezibulala wonke umntu, xa uThixo etshabalalisa ubulala abantu abangendawo kuphela. Ngabantu abangendawo kuphela nabaqaqadekileyo abangafuniyo ukuziphulaphula izilumkiso ababetshatyalaliswa nguThixo. Okwesithathu uThixo wenza indlela yokuba abantu abamsulwa basabe.—Genesis 7:1, 23; 19:15-17; Numeri 16:23-27.

Kwezi ntlekele zemvelo zingaka eziye zabangela umonakalo ongathethekiyo kwizigidi zabantu namhlanje, abukho ubungqina bokuba nguThixo unobangela wazo. Yintoni ebangela ukuba zixhaphake kangaka ezi ntlekele? Singazikhusela njani kuzo? Ngaba likho ixesha apho zingasayi kubakho iintlekele zemvelo? Le mibuzo iza kuphendulwa kumaqaku alandelayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share