Ileta Evela ENorway
Ukutyelela Amaphandle Amakhulu Agqunywe Likhephu
KUNGENTSENI yasebusika. Sityhila imidiyadiya ukuze sibone ukuba injani imozulu. Kuvuyisa ngokwenene ukubona isibhakabhaka sityhilile. Siza kuchitha iintsuku ezintathu sishumayela eFinnmarksvidda—ihewu elikhulu elise mntla weArctic Circle.
Ubusika baseNorway buqhaqhazelisa amazinyo, ngenxa yoko simathidala ukuya kuloo mmandla usemantla. Okuvuyisayo kukuba sihamba namaNgqina kaYehova amathathu ahlala kulo mmandla. Awazi kakuhle lo mmandla yaye aye asixhobisa ngamacebiso aza kusinceda.
Zimbalwa iindlela apho. Eyona ndlela ilula yokuya ebantwini abahlala kula magqagala kukusebenzisa isithuthi esihamba ekhephini. Sipakisha impahla yethu, ukutya namafutha esithuthi esileyini. Kukho udederhu lweentaba ezithe tyaba ukubheka phaya. Ikhephu likhazimla okwedayimani ebethwa lilanga. Ngumbono othimb’ ingqalelo.
EFinnmarksvidda kuhlala izilwanyana ezinjengeebhokhwe zasendle, ingqawa, imivundla, iimpungutye nomhlambi omncinane weebhere. Kodwa eyona nto isivuyisayo kukwazi ukuthetha nabantu abahlala kula magqagala. Sijonge phambili ekudibaneni namaSami, abaphila ngokufuya ezi bhokhwe okanye ngokusebenza kwimizi yokulala iindwendwe esezintabeni.
Ngaphandle kumzi wokulala iindwendwe wokuqala entabeni, sihlangana neqela lolutsha oludlala umdlalo wokutyibilika ekhephini. Luyema luze luthethe nathi, lusibuza ukuba senza ntoni. Kakade ke, nathi siyakuvuyela ukuluchazela. Omnye walo wathi xa silushiya: “Sininqwenelela okuhle ngomsebenzi wenu weBhayibhile.” Sabuyela kwisithuthi sethu, saza sacanda amadike omkhenkce nomhlaba ogqunywe likhephu. Ngaba siza kudibana nomhlambi weenyamakazi?
Njengoko siqhuba sisiya kule ndlu isemaphandleni, indoda ethile isibulisa ngobubele. Ngomnye wabantu abambalwa abahlala apha. Ithe yakubona ukuba isileyi sethu sophukile, ngobubele yacela ukusilungisa. Ithatha ixesha layo; abantu balapha abaxhabashi. Indlela eyenza ngayo nathi isenza sikhululeke. Emva kokuba isilungisile, sayibulela saza sabelana nayo ngeengongoma ezimbalwa eBhayibhileni ngesizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka. Iphulaphula ngomdla omkhulu. Ngaphambi kokuba sahlukane nayo, yamkela incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? namaphephancwadi UVukani! neMboniselo. Iyancuma ize ithi: “Ndiyabulela ngokuba niye nandityelela.”
Emva kwamatyelelo, kwaqalisa ukurhatyela, saza saya kwindlu esasiza kulala kuyo ngobo busuku. Ngequbuliso sabona impungutye. Umbala wayo obomvu wawumana ubonakala kwelo khephu limhlophe. Yathi xhungu, yaza yasithi ntsho ngamehlo yaza emva koko yaqhubeka nohambo lwayo. Ngoku kwakuqalisa ukukhithika, nto leyo eyayisenza kubenzima ukuyazi indawo esiya kuyo. Kwathi qabu sisakuyibona indlu esasiza kulala kuyo! Sabasa umlilo esitovini, yaza indlu yaqalisa ukufudumala. Nangona sasidinwe siyimfe ngenxa yokuhla sinyuka ekhepheni, sasonwabile.
Sathi singekaphumli ngokwaneleyo kwabe sele kusisa. Saphinda salayisha imithwalo yethu saza sehlisa intlambo saya kufika kumzi olala iindwendwe. Apha sadibana netyendyana lo mfana, saza sancokola nalo ngeBhayibhile. Ngobubele, lasibonisa indlela emfutshane ebuyela kwindlela enkulu.
Usuku lokugqibela lotyelelo lwethu lufikile. Njengoko singena Stabbursdalen National Park, sabona ummandla omhle, yaye mgama kubonakala iintaba ezigqunywe likhephu. Kwathi muku phambi kwethu umhlambi omkhulu weebhokwe zasendle. Zazizityela utyani, ziqhwaya umkhenkce ukuze luvele. Mgama sibona umntu othetha isiSami ehleli enqwelweni yakhe. Woluse umhlambi wakhe weebhokhwe zasendle yaye uncediswa yinja yakhe. Inja iyanqumama ize ijoje kwicala esingakulo. Kodwa ngokukhawuleza ibuyela emsebenzini wayo. Sithetha nale ndoda ngesigidimi sethu. Inobuhlobo yaye iyasiphulaphula.
Kwindlela egodukayo, sicinga ngabo siye sathetha nabo kolu hambo lwethu lweekhilomitha ezingama-300. Siziva sinenyhweba ekubeni siye sanegalelo elingephi ekushumayeleni kubantu abahlala kula maphandle agqunywe likhephu.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 15]
©Norway Post