Fundisa Abantwana Bakho
“Waqhubeka Enamathele KuYehova”
NGABA wakhe wayalelwa ukuba unamathele entweni?—a Abazali nootitshala banokuyalela abantwana ukuba banamathele kwizifundo zabo. Oku kuthetha ukuba bafanele bazijonge njengezibalulekileyo. Sifuna ukuthetha ngomntu iBhayibhile ethi ‘wanamathela kuYehova,’ uThixo oyinyaniso. Igama laloo mntu yayinguHezekiya. Makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kumzekelo wakhe.
UHezekiya akazange akhule kakuhle. Uyise, uAhazi, waye wayeka ukunqula uYehova. UAhazi wawakhokela ekunquleni oothixo bobuxoki xa uHezekiya wayeseyinkwenkwana. UAhazi wade wabulala omnye woonyana bakhe—umntakwabo Hezekiya—waza wenza idini ngaye kuthixo awayemnqula!
Nangona uAhazi waqhubeka esenza izinto ezimbi, uHezekiya waqhubeka ethobela uYehova. Ucinga ukuba kwakunzima ukuba enze oku?— Kumele ukuba kwakunzima. Kodwa uHezekiya akazange anikezele! Makhe sifunde indlela awenza ngayo ukuze anamathele kuYehova, nendlela nathi esinokwenza ngayo.
UHezekiya wafunda ngabanye abantu abanamathela kuYehova. UDavide wayengomnye wabo bantu. Nangona uDavide wayephila kumakhulukhulu eminyaka ngaphambili, uHezekiya wayenokufunda ngaye eZibhalweni. UDavide wabhala wathi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.”
Ngaba uyayibona into eyanceda uDavide wathobela uYehova?— Yayilukholo lwakhe! UDavide wayeqinisekile ukuba, ukuba uyathobela, uYehova wayeza kumnceda. UDavide wayengathandabuzi! Ukucinga ngoDavide ngokuqinisekileyo kwamnceda uHezekiya wanamathela kuYehova ngokumthobela. Nawe unokuqiniseka ukuba uYehova uya kukunceda ukuba uqhubeka unamathele kuye ngokumthobela.
Kuthekani, ukuba utata okanye umama wakho akamnquli uYehova?— UThixo uthi abantwana bafanele bathobele abazali babo. Ngoko ke, nawe ufanele ubathobele abakho. Ngoko ke, ukuba abazali bakho bakuyalela ukuba wenze into athi uThixo ufanele ungayenzi, unokubacacisela isizathu sokuba ungena kuyenza lo nto. Awufanele uxoke okanye ube, okanye wenze nantoni na athi uThixo ayifanele yenziwe enoba ngubani othi yenze. Wenza kakuhle ngokuthobela uThixo!
Ikho imizekelo emihle esinokuyilandela. UHezekiya wayengena mzekelo kaDavide kuphela kodwa wawukho nokayisemkhulu uYotham. Nangona uYotham wafa ngaphambi kokuba azalwe, uHezekiya wayenokufunda ngaye, kanye njengoko nathi sinokufunda ngaye eBhayibhileni namhlanje. Ngaba ikho eminye imizekelo ocinga ukuba sinokuyilandela?—
Liyinene, elokuba ungafunda eBhayibhileni ngeempazamo ezenziwa nguHezekiya, uDavide nabanye abantu abangafezekanga. Kodwa babemthanda uYehova baza bazivuma iimpazamo zabo, yaye bazama ukwenza izinto ezilungileyo. Khumbula kaloku ukuba, nguNyana kaThixo kuphela, uYesu, owayefezekile. Masifunde ngaye size sizame ukuxelisa umzekelo wakhe.
Funda eBhayibhileni yakho
a Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.