Isiprofeto—Ingxelo Egqibeleleyo
“Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni.”—YOSHUWA 23:14.
YAHLUKE NJANI IBHAYIBHILE? Oosiyazi bamandulo bangumgub’ engxow’ enye nabavumisi ngeenkwenkwezi bale mihla ngenxa yokuba babedume ngokunganyaniseki nokungathembeki. Inzululwazi yekamva ichaza izinto eziza kwenzeka kwikamva ngokusekelwe kwizinto ezenzeka ngoku. Ngokwahlukileyo kuyo iziprofeto zeBhayibhile zichanile yaye zihlala ziba yinyaniso, kwanokuba zixelwe “kudala izinto ebezingekenziwa.”—Isaya 46:10.
UMZEKELO: Ngenkulungwane yeshumi elinesithandathu Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, umprofeti uDaniyeli wabona umbono owaxela kwangaphambili ukoyiswa kwamaMedi namaPersi ngamaGrike. Kwakhona waxela kwangaphambili ukuba ngokukhawuleza ‘esakuba namandla’ ukumkani wamaGrike ubukumkani babuza ‘kophuka.’ Ngubani owayeza kungena ezihlangwini zakhe? UDaniyeli wabhala wathi kwakuza kubakho: “Izikumkani ezine kuhlanga lwakhe, kodwa amandla azo aya kuba nganeno kwawakhe.”—Daniyeli 8:5-8, 20-22.
ZITHINI IZAZI NGEMBALI: Emva kweminyaka engama-200 emva kwemihla kaDaniyeli, uAleksandire oMkhulu waba ngukumkani waseGrisi. Kwiminyaka nje elishumi, uAleksandire waboyisa uBukhosi bamaMedi namaPersi lwaza ulawulo lwamaGrike lwahamba lwaya kuthi xhaxhe ngoMlambo i-Indus (esePakistan namhlanje). Kodwa wafa ngesiquphe eneminyaka engama-32 nje ubudala. Ekugqibeleni, ubukhosi bakhe babhanga emva kwedabi elaliseIpsus eAsiya Mayina. Amagorha awoyisa kwelo dabi ohlulelana ngobo Bukhosi. Kodwa ke, akakho kubo owaba nobukhosi obulingana nobukaAleksandire.
UTHINI WENA? Ngaba ikho enye incwadi eneziprofeto eziye zazaliseka ngale ndlela? Okanye ngaba iBhayibhile yahlukile?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
“Iziprofeto zeBhayibhile . . . zininzi gqitha ukuba zingazaliseka ngamabona ndenzile.”—IGQWETHA LIHLOLA IBHAYIBHILE, NGUIRWIN H. LINTON
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
© Robert Harding Picture Library/SuperStock