Ileta Evela EIreland
Ikhefu Endingenakuze Ndililibale!
ABAZALI bam bathi: “Kuza kufuneka wenze enye into ukuze uphumze ingqondo emva kweemviwo. Masiye kutyelela abazala bakho eIreland size sishumayele kubantu abangafane bazive iindaba ezilungileyo zoBukumkani.”
Andizange ndicinge ukuba oku kunganceda nganto. Ngaphandle kokulungiselela iimviwo zam, olu hambo lwalundinxunguphalisa kuba andizange ndiphume Engilani okanye ndihambe ngenqwelo-moya. Kunokwenzeka njani ukuba intwazana eneminyaka eli-17 ubudala nehlala kwisixeko saseLondon esixakekileyo ikwazi ukuphila emaphandleni aseIreland?
Ndandingafanele ndixhalabe? Zisuka nje isa kugaleleka inqwelo-moya yethu, ndayithanda iIreland. Noko ke, ekubeni uhambo lwethu saluqalisa ekuseni, ndabiwa bubuthongo kwimoto esasihamba ngayo. Njengoko ndandimane ndisothuka, ndandibona amaphandle amahle ngaphaya kweentango zamatye ezisecaleni kwendlela.
Kubusuku bokuqala, safikela kwidolophu yaseSkibbereen, saze saba nexesha elimnandi lokuzakha ngokomoya nentsapho eyayifudukele eIreland ukuze incedise kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Sadlala umdlalo weBhayibhile. Ngamnye wethu wayekhetha ikhadi elinomntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni aze achaze amava aloo mlinganiswa amkhethileyo ngokuhumzela nangokuthetha ngezandla. Baze abanye baqashele ukuba ngubani lo mlinganiswa.
Ngosuku olulandelayo, abazali bam, umntakwethu oza emva kwam, abazala bam nenye intsapho, sakhwela esikhepheni saya kwisiqithi saseHeir, esinabantu abangaphantsi kwama-30. UYesu wathi iindaba ezilungileyo zimele zishunyayelwe kuwo wonke umhlaba omiweyo. Sachitha imini yonke sisabelana nabantu abanobuhlobo nobubele ngeZibhalo yaye sibuka nendawo yabo.
Ilanga lalithe qhakra esibhakabhakeni. Umoya wawunevumba elimnandi, elivela ematyholweni. Iintyatyambo zazithe tshitshilili kwindawo enamanzi. Amatheku anentlabathi ayehamba aye kunqandwa ngamawa, azalela iintaka. Elundini phaya kwakukho uthotho lweziqithi ezincinane, uninzi lwazo azihlali bantu. Sachukumiseka gqitha kukubona indlela elungelelene ngayo indalo kaYehova.
ESkibbereen ndazenzela abahlobo abaninzi kwibandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova ndaza ndazama ukwenza izinto endingazange ndazenza ngaphambili. Eyona nto ndandiyithanda kakhulu kolu hambo kukugugutha unxweme lwaseIreland ngephenyane. Ayikho into entle ngathi kukubuka unxweme lwaseIreland ukhwele iphenyana. Saya kuloba ukuze sifumane isidlo sangokuhlwa, kodwa izinja zaselwandle zazibamba kuqala iintlanzi. Sasidlala elunxwemeni yaye ndazama nokudanisa ngendlela yabantu baseIreland.
Sazipha nethuba lokuba sikhe sifunde imbali yaseSkibbereen. Xa iitapile zingazange zilunge ngeminyaka yee-1840, le dolophu nemimandla eyingqongileyo yachaphazeleka kanobom. Amawaka abantu abulawa yindlala yaye malunga namawaka angama-9 000 angcwatyelwa kwingcwaba elinye. Sathuthuzelwa kukwazi ukuba ngaphantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo, ayisayi kuze iphinde ibekho indlala, yaye inyambalala yabantu eyafa kabuhlungu iza kubuyiselwa ebomini apha emhlabeni kwakhona.
Sahamba namaNgqina asekuhlaleni saya kutyelela abantu ekungafane kushunyayelwe kubo kulo mmandla mkhulu. Saqhuba kwindlela emxinwa, nenamaqhina sisiya kwizindlu eziphantsi kwamawa ajonge eLwandle. Nalapha sadibana nabantu abanobuhlobo nabasamkela ngezandla ezishushu. Njengoko sasenzile kwisiqithi saseHeir, siye sachaza ukuba sisekhefini yaye inxalenye yelo xesha siyisebenzisela ukwabelana nabantu ngesigidimi seBhayibhile esikhuthazayo.
Umama wam wathetha nebhinqa elawamkela ngoko nangoko amaphephancwadi ethu, iMboniselo noVukani! Xa saphinda sadibana nalo emva kweentsuku ezimbalwa kamva, lasichazela ukuba liye lakuvuyela ukuwafunda.
Lathi: “Ndicela xa niphinda nibuya nindiphathele amaphephancwadi angakumbi nize nithethe nam.” Samchazela ukuba ngoku siza kubuyela ekhaya kodwa siza kuthumela omnye umntu ukuba aze kumbona.
Lathi: “Kulungile ke, xa niphinda nibuya ze nize kundibona. Umntu waseIreland akabulibali ubuso awakhe wabubona!”
Usuku lwethu lokugqibela lekhefu saluchithela elunxwemeni nabazalwana noodadewethu belo bandla sasilityelele. Saye soja inyama yaye sapheka nokunye ukutya. Le ntwazana yayithanda yonke into eyayibonayo!
Ngoko ke, yayinjani loo veki ndayichitha eIreland? Eli lelona khefu limnandi ndakhe ndaya kulo! Into endenza ndilithande asikokuba ndaba nethuba elimnandi kodwa ngokukhethekileyo lalisanelisa kuba ndisazi ukuba ndandisenza into emvuyisayo uYehova neyazisa indumiso kuye. Ndiyakuthanda ukukhonza uThixo wethu, xa unabahlobo nentsapho evakalelwa ngendlela efanayo neyakho yaye nisebenza kunye, kuba mnandi nangakumbi. Ukubuyela kwam ekhaya, ndambulela uYehova ngokundinika abahlobo abamthandayo nabathanda izinto zobuthixo nangeenkumbulo ezimnandi endiza kuzigcina ngonaphakade.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]
An Post, Ireland