‘UYehova Omnye’ Uhlanganisa Intsapho Yakhe
‘Ndiyanibongoza ukuba nigcine ubunye bomoya.’—EFE. 4:1, 3.
UNOKUCHAZA UTHINI?
Yintoni injongo yelungiselelo likaThixo?
‘Sinokubugcina njani ubunye bomoya’?
Yintoni enokusinceda ‘sibe nobubele omnye komnye’?
1, 2. Yintoni injongo kaYehova ngomhlaba nangoluntu?
INTSAPHO. Yintoni ethi qatha engqondweni yakho xa kubizwa elo gama? Ngaba ucinga ngobubele? Kuthekani ngolonwabo? Ngaba akuthi qatha intsebenziswano ukuze kufikelelwe usukelo olufanayo? Ngaba ucinga ngendawo ekhuselekileyo onokukhula kuyo, ufunde uze ufumane izimvo? Kusenokuba njalo ukuba ukhulela kwintsapho enenkathalo. NguYehova uMseki wentsapho. (Efe. 3:14, 15) Wayenenjongo yokuba zonke izidalwa zakhe ezisezulwini nezisemhlabeni zizive zikhuselekile, zithembane zize zimanyane ngokupheleleyo.
2 Bathi bakona, abantu ababa saba yinxalenye yentsapho kaThixo esemhlabeni wonke, kodwa injongo kaYehova ayizange iphanze. Uya kuqinisekisa ukuba umhlaba oyiParadesi uya kuzaliswa yinzala ka-Adam noEva. (Gen. 1:28; Isa. 45:18) Uye wenza amalungiselelo amaninzi ukuze afeze le njongo yakhe. Uninzi lwala malungiselelo luchaziwe kwincwadi yeBhayibhile yabase-Efese, yaye lubandakanya umanyano ubukhulu becala. Makhe siqwalasele iindinyana ezithile kule ncwadi size sibone indlela esinokusebenzisana ngayo nenjongo kaYehova yokumanyanisa indalo yakhe.
ILUNGISELELO NENJONGO YALO
3. Liliphi ilungiselelo likaThixo ekuthethwa ngalo kweyabase-Efese 1:10, yaye laqala nini inqanaba lalo lokuqala?
3 UMoses wathi kumaSirayeli: “UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.” (Dut. 6:4) Izinto ezenziwa nguYehova nenjongo yakhe ziyavumelana. Ngenxa yoko, ‘ekuzalisekeni kwamaxesha amisiweyo,’ uThixo wenza ‘ilungiselelo’—oko kukuthi ilungiselelo lokumanyanisa zonke izidalwa ezikrelekrele. (Funda eyabase-Efese 1:8-10.) Eli lungiselelo liya kufeza injongo yalo ngokwamanqanaba amabini. Inqanaba lokuqala kukulungiselelwa kwebandla labathanjiswa ubomi basezulwini phantsi kukaYesu Kristu njengeNtloko yalo yokomoya. Eli nqanaba laqalisa ngePentekoste yowama-33 C.E. xa uYehova waqalisa ukuhlanganisa abo baza kulawula noKristu ezulwini. (IZe. 2:1-4) Ekubeni abathanjiswa beye bavakaliswa bengamalungisa ngenxa yedini lentlawulelo likaKristu, bayaqonda ukuba baye bamkelwa ‘njengabantwana bakaThixo.’—Roma 3:23, 24; 5:1; 8:15-17.
4, 5. Liliphi inqanaba lesibini leli lungiselelo?
4 Inqanaba lesibini lilungiselela abo baya kuhlala kwiParadesi esemhlabeni phantsi koBukumkani bukaKristu onguMesiya. “Isihlwele esikhulu” siya kuba ngabokuqala kweli qela. (ISityhi. 7:9, 13-17; 21:1-5) Ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka, siya kuba kunye neebhiliyoni zabantu abavusiweyo. (ISityhi. 20:12, 13) Khawucinge nje ngendlela uvuko oluya kulubonisa ngayo umanyano lwethu! Ekupheleni kweminyaka eliwaka, ‘izinto ezisemhlabeni’ ziya kufumana uvavanyo lokugqibela. Abo bazingqine bethembekile emhlabeni baya kwamkelwa ‘njengabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21; ISityhi. 20:7, 8.
5 Omabini la manqanaba elungiselelo likaThixo ahambela phambili namhlanje—ezulwini nasemhlabeni. Kodwa ngamnye kuthi, unokusebenzisana njani neli lungiselelo likaThixo ngoku?
‘GCINA UBUNYE BOMOYA’
6. IZibhalo zibonisa njani ukuba amaKristu amele ahlanganisane?
6 IZibhalo zithi amaKristu amele ahlanganisane ngokoqobo. (1 Kor. 14:23; Heb. 10:24, 25) Oku akumele kuphelele nje ekuchitheni ixesha ekwindawo enye, njengabantu abaya emarikeni okanye kwibala lemidlalo. Umanyano lokwenene lufuna okungakumbi. Olo manyano siba nalo xa siphila ngokuvisisana nemiyalelo kaYehova size sizivumele sixonxwe ngumoya oyingcwele kaThixo.
7. Kuthetha ntoni ‘ukugcina ubunye bomoya’?
7 Nangona uYehova evakalise abathanjiswa bengamalungisa njengoonyana nezinye izimvu zingamalungisa njengabahlobo ngenxa yedini lentlawulelo likaKristu, kuza kubakho iingxabano logama sisaphila kweli hlabathi lale nkqubo yezinto. (Roma 5:9; Yak. 2:23) Ukuba bekungenjalo, ngelingekho icebiso eliphefumlelweyo lokuba siqhubeke ‘sinyamezelana.’ Sinokumanyana njani namanye amaKristu? Simele sizame ‘ukuba nokuthobeka okupheleleyo kwengqondo.’ (Funda eyabase-Efese 4:1-3.) Ukuthobela esi siluleko kuquka ukuvumela impembelelo yomoya kaThixo kuthi size siwuvumele uvelise isiqhamo sawo kuthi. Eso siqhamo singciba iiyantlukwano phakathi kwabantu, ngokwahlukileyo kwimisebenzi yenyama, esoloko ibangela ukungavisisani.
8. Imisebenzi yenyama ikuhlwayela njani ukungavisisani?
8 Phawula indlela “imisebenzi yenyama” ekuhlwayela ngayo ukungavisisani. (Funda eyabaseGalati 5:19-21.) Uhenyuzo lwahlukanisa lowo ulwenzayo noYehova nebandla, yaye ukrexezo lwahlukanisa ngenkohlakalo abantwana nabazali babo, kanti lwahlukanisa amaqabane amsulwa nabo batshate nawo. Ukungahlambuluki kuchaphazela ukumanyana komntu noThixo kwakunye nabo bamthandayo. Umntu odibanisa izinto ezimbini uyazi ukuba zombini ezo zinto zimele zicoceke ngaphambi kokuba zidityaniswe zingaphindi zahlukane. Ukubandakanyeka kwihambo egabadeleyo kubonisa indelelo epheleleyo ngemithetho kaThixo yobulungisa. Msebenzi ngamnye kuleyo yenyama wahlukanisa abantu kwakunye noThixo. Ihambo enjalo ayivisisani kwaphela nobuntu bukaYehova.
9. Sinokuzihlolisisa njani enoba ‘sikuzabalazela ngokunyamekileyo ukugcina ubunye bomoya’?
9 Ngenxa yoko, ngamnye wethu umele azibuze oku: ‘Ndizimisele kangakanani ukuzama “ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo”? Ndiye ndenze ntoni xa kuvela ukungavisisani? Ngaba ndixelela wonke umntu ngoko kungavisisani, ngelokuzama ukufumana inkxaso kwabona bahlobo bam baninzi? Ngaba ndilindela ukuba abadala bandithethelele kunokuba mna ndenze umgudu wokwenene wokubuyisela uxolo? Ngaba ndiyabaphepha abanye ukuze kungabi yomfuneko ukuba ndithethe nabo xa ndiye andavisisana nabo, mhlawumbi ndiqinisekise ukuba ndibabekela kude kangangoko kunokwenzeka?’ Ngaba ukwenza ngolo hlobo kubonisa ukuba senza ngokuvisisana nenjongo kaYehova yokuhlanganisela zonke izinto kwakhona kuKristu?
10, 11. (a) Kubaluleke kangakanani ukuba seluxolweni nabazalwana bethu? (b) Kufuneka senze ntoni ukuze kubekho uxolo nenkqubela yokomoya?
10 UYesu wathi: “Ukuba, ngoko, uzisa isipho sakho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho unento ngakuwe, sishiye isipho sakho apho phambi kwesibingelelo, uze uhambe uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ke, wakubuya, unikele isipho sakho. Lungisana ngokukhawuleza nalowo ukumangaleleyo.” (Mat. 5:23-25) UYakobi wabhala wathi “imbewu yesiqhamo sobulungisa ihlwayelwa phantsi kweemeko zoxolo ngabo benza uxolo.” (Yak. 3:17, 18) Ngenxa yoko, asinakuqhubeka nehambo yobulungisa lungekho uxolo.
11 Ngokomzekelo, kuqikelelwa ukuba kwamanye amazwe adlakazwe yimfazwe, umhlaba ongaphezu kwama-35 ekhulwini ubunokulinywa ukuba abantu balapho bebengoyiki izigcayiseli ezityalwe apho. Xa kudutyulwa izigcayiseli, amasimi ayashiywa ngabalimi, abantu basezilalini bangabi nanto yakutya kuze kungabikho kutya kwizixeko. Ngendlela efanayo ukukhula kwethu ngokomoya kuyaphazamiseka xa sinemikhwa enokuphazamisana noxolo esinalo nabazalwana. Kodwa xa sikhawuleza ukuxolela size siqiniseke ukuba sibaphatha kakuhle abanye, senza kubekho inkqubela yokomoya.
12. Abadala banokusinceda njani simanyane?
12 Abanye abantu, abanokukhuthaza umanyano lokwenene, “zizipho ezingabantu.” Banikwe ilungelo lokusinceda “sifikelele kubunye bokholo.” (Efe. 4:8, 13) Xa abadala besebenza nathi kwinkonzo engcwele baze baveze iingcamango ezisekelwe kwiLizwi likaThixo, bayasinceda senze inkqubela ekwambatheni ubuntu obutsha. (Efe. 4:22-24) Ngaba iziluleko abazinikelayo uzijonga njengomgudu kaYehova wokusilungiselela ukuphila kwihlabathi elitsha eliza kulawulwa nguNyana wakhe? Badala, ngaba niluleka abanye ninaloo mbono?—Gal. 6:1.
“YIBANI NOBUBELE OMNYE KOMNYE”
13. Kuya kuphumela entwenini ukungasithobeli isiluleko esikweyabase-Efese 4:25-32?
13 Eyabase-Efese 4:25-29 ichaza ihambo esifanele siyiphephe ngokukhethekileyo. Le hambo iquka ukuxoka, ukuqumba, okanye ukonqena, nentetho ebolileyo kunaleyo imnandi neyakhayo. Ukuba sinokusilela ukuthobela eso siluleko, besiya kuwenza buhlungu umoya kaThixo, kuba umoya oyingcwele ukhuthaza umanyano. (Efe. 4:30) Ukuphila ngokuvisisana noko kwathethwa nguPawulos kamva, kunokuba negalelo kuxolo nomanyano: “Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi. Kodwa yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu.”—Efe. 4:31, 32.
14. (a) Athetha ukuthini amazwi athi “yibani nobubele”? (b) Yintoni eya kusinceda sibe nobubele?
14 Amazwi athi “yibani nobubele” abonisa ukuba ngokomlinganiselo othile asikhange sibubonise ububele yaye ngenxa yoko simele siphucule. Kufaneleke ngokwenene ukuba sizifundise ukucinga ngeemvakalelo zabanye kunezethu! (Fil. 2:4) Mhlawumbi into esifuna ukuyithetha ingabangela ukuba kuhlekwe okanye isenze sibonakale sikrelekrele, kodwa ngaba ibonisa ukuba sinobubele? Ukuwucingisisa lo mba kwangaphambili kuya kusinceda ‘sibe nobubele.’
UKUFUNDA UKUBA NOTHANDO NENTLONELO ENTSATSHENI
15. Yiyiphi inkalo yokusebenzisana kukaKristu nebandla awayebhekisela kuyo uPawulos kwabase-Efese 5:28?
15 IBhayibhile ithelekisa ulwalamano lukaKristu nebandla kolo lwendoda nomfazi wayo. Oku kubethelela indlela indoda efanele imkhokele, imthande ize imnyamekele ngayo umfazi wayo kwakunye nendlela umfazi afanele azithobe ngayo emtshatweni. (Efe. 5:22-33) Xa uPawulos wabhala wathi: “Ngale ndlela amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo,” wayethetha ngayiphi ‘indlela’? (Efe. 5:28) Amazwi akhe angasentla ayechaza indlela ‘uKristu awalithanda ngayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo, walihlambulula ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi.’ Eneneni, ukuze yenze ngokuvisisana nenjongo kaYehova yokuhlanganisela zonke izinto kwakhona kuKristu, indoda imele ikuphaphele ukondla intsapho yayo ngokomoya.
16. Kuya kuphumela entwenini ukufeza kwabazali iimbopheleleko zabo zekhaya ezichazwe eZibhalweni?
16 Abazali kufuneka bakhumbule ukuba benza isabelo abasinikwe nguYehova. Ilusizi into yokuba ehlabathini namhlanje, abantu abaninzi ‘abanawo umsa wemvelo.’ (2 Tim. 3:1, 3) Ootata abaninzi bayayibaleka imbopheleleko yabo—yaye loo nto ibenza nzima ubomi babantwana babo. Kodwa uPawulos wabaluleka ngelithi oobawo abangamaKristu: “Musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efe. 6:4) Yiyiphi enye indawo, ngaphandle kwasentsatsheni abanokuthi abantwana bafundiswe kuyo uthando negunya? Abazali abaye baphumelela ukubafundisa loo nto abantwana babo baye benza ngokuvisisana nelungiselelo likaYehova. Xa sisenza amakhaya ethu azaliswe luthando, sisuse umsindo, ingqumbo nokutshabhisa, sifundisa abantwana bethu izifundo ezibalulekileyo ngendlela yokubonisa uthando kwakunye nokuhlonela igunya. Oku kuya kubenza bakulungele ukuphila kwihlabathi elitsha likaThixo.
17. Yintoni efunekayo ukuze sikwazi ukuxhathisa uMtyholi?
17 Sifanele siqonde ukuba uMtyholi, owaqala waphazamisa uxolo lwehlabathi, uza kuyichasa ngokukrakra imigudu yethu yokwenza ukuthanda kukaThixo. Ngaphandle kwamathandabuzo, injongo kaSathana iyaphumelela njengoko umkhamo wokuqhawulwa kwemitshato untinga, abantu bekuyeka ukutshata bahlalisane kuze kunyanyezelwe imitshato yamafanasini. Asifuni ukuphila ngemilinganiselo abaphila ngayo abantu namhlanje. Thina sinomzekelo onguKristu. (Efe. 4:17-21) Ngenxa yoko, sibongozwa ukuba ‘sambathe sonke isikrweqe sikaThixo’ ukuze siphumelele ekuxhathiseni uMtyholi needemon zakhe.—Funda eyabase-Efese 6:10-13.
‘QHUBEKANI NIHAMBA ELUTHANDWENI’
18. Yintoni eyona nto inokusenza simanyane njengamaKristu?
18 Eyona nto inokusenza simanyane njengamaKristu luthando. Sineentliziyo ezizaliswe luthando ‘ngeNkosi yethu enye,’ ‘ngoThixo wethu omnye,’ yaye sithandana sonke, sizimisele ‘ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.’ (Efe. 4:3-6) UYesu wathi xa wayethandazela olo thando: “Ndenza isicelo, kungekhona ngaba kuphela, kodwa nangabo bakholwayo kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye, kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe, ukuze nabo bamanyane nathi . . . Ndilazisile igama lakho kubo yaye ndiza kulazisa, ukuze uthando owandithanda ngalo lube kubo ndize nam ndimanyane nabo.”—Yoh. 17:20, 21, 26.
19. Yintoni ozimisele ukuyenza?
19 Ukuba sifumanisa ukuba kunzima ukutshintsha ngenxa yokungafezeki kwethu, ngamana uthando lungasishukumisela ekubeni sithandaze njengomdumisi owathi: “Yenze imanyane intliziyo yam ukuba iloyike igama lakho.” (INdu. 86:11) Masizimisele ukuxhathisa imigudu kaMtyholi yokusahlukanisa noBawo wethu onothando nabo abathandayo. Masenze umgudu ‘wokuxelisa uThixo njengabantwana abaziintanda, size siqhubeke sihamba eluthandweni’—ezintsatsheni zethu, kubulungiseleli nasemabandleni.—Efe. 5:1, 2.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ushiya isipho sakhe esibingelelweni, aze ahambe aye kuxolelana nomzalwana wakhe
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Bazali, fundisani abantwana benu ukuba nembeko