Ukumanyaniswa Ndawonye Ngemvisiswano
1 Kufuthi kangakanani uchukunyiswa yindlela umzimba womntu oyilwe kakuhle ngayo? (INdu. 139:14) Ilungu ngalinye lomzimba liyasebenzisana namanye. ILizwi likaThixo lifanisa ibandla lamaKristu nomzimba. Phantsi kobuNtloko bukaKristu, onke amalungu ebandla ‘amanyaniswe ndawonye ngemvisiswano aza enziwa asebenzisana ngelungu ngalinye elifeza indima yalo.’ (Efe. 4:16a) Ngaloo ndlela, uYehova uyakwazi ukusebenzisa abantu bakhe abamanyeneyo ukuze enze imimangaliso.
2 Amalungu ebandla lenkulungwane yokuqala ayesebenza “ngamxhelo mnye” enyamekela iintswelo zomoya nezenyama zamanye amalungu. (IZe. 2:44-47) Encediswa nguYehova, amanyana ekuhlangabezaneni nenkcaso ekrakra aza ayoyisa. (IZe. 4:24-31) Ayevakalisa isigidimi soBukumkani naphi na apho ayehamba khona, egubungela zonke iindawo awayezazi ngelo xesha ngeendaba ezilungileyo. (Kol. 1:23) Kule mihla, ibandla lamaKristu limanyene ekwenzeni kwale misebenzi minye ngomlinganiselo othe chatha. Ziziphi izinto ezincedayo ekuphumezeni obu bunye?
3 Simanyaniswa Yimfundiso Yobuthixo: Ehlabathini lonke, simanyaniswe lunqulo lwethu. Yenzeka njani loo nto? Siyaligqala ijelo elibonakalayo elisetyenziswa nguYehova ukuvelisa ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mat. 24:45) Yaye siyazixabisa “izipho ezingabantu” asinike zona ezingabafundisi ebandleni. Njengoko ngokuzithoba sisamkela amalungiselelo kaYehova okusondla ngokomoya, siliqonda ngakumbi iLizwi likaThixo yaye loo nto yenza ukuba sonke sinqwenele ukuxelisa uYesu njengabafundi bakhe. Simele siqhubeke sifundisisa iLizwi likaThixo, sizabalazele ‘ukufikelela kubunye bokholo.’ (Efe. 4:8, 11-13) Ngaba ufak’ isandla kumanyano lwethu lokomoya ngokufunda iBhayibhile yonke imihla?
4 Simanyaniswa Lunxulumano LobuKristu: Uthando lusenza sisondelelane ngakumbi xa sikwiintlanganiso zamaKristu. Xa sikwezi ntlanganiso ‘siyanyamekelana.’ (Heb. 10:24, 25) Asenzi nje inkwalambisa, kodwa siye sizimisele ukubazi ngokwenene abazalwana bethu, sibajonge njengabaxabisekileyo, njengokuba noYehova ebajonga njalo. (Hag. 2:7, umbhalo osemazantsi weNW Eneembekiselo.) Njengoko siphulaphula amagqabaza abo, siya sibathanda ngakumbi size sibe mxhelo mnye nabo. Ngaba waziwa njengomnye obakho rhoqo kwiintlanganiso zebandla?
5 Ukusebenza Kunye Entsimini: Ukushumayela iindaba ezilungileyo namanye amakholwa kusenza simanyane ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Umpostile uPawulos wayewathanda ‘amadlelane akhe ngenxa yobukumkani bukaThixo.’ (Kol. 4:11) Ukubaliselana amava nokuncedana xa sisentsimini kuyasinceda siphumeze uthumo lwethu njengamaKristu size someleze umxokelelwane wethu womanyano.—Kol. 3:14.
6 Impembelelo Yomoya Oyingcwele Iyasimanyanisa: Njengokuba sizimisela ukwenza ukuthanda kwakhe, uYehova uya kusisikelela ngomoya wakhe. Oku kuya kusinceda siyeke ukuxabana size sihlale ngomanyano. (INdu. 133:1) Kusishukumisela ukuba ‘sikuzabalazele ngokunyamekileyo ukugcina ubunye bomoya kumxokelelwane omanyanisayo woxolo.’ (Efe. 4:3) Ngamnye kuthi unokufak’ isandla kwimvisiswano ekhoyo phakathi kwabantu bakaThixo ngokubonakalisa isiqhamo somoya xa eqhubana nabanye.—Gal. 5:22, 23.
7 Ukukhonza ngomanyano phantsi kobuntloko bukaKristu ‘kwenza ukuba umzimba ukhule ukuze wakheke eluthandweni.’ (Efe. 4:16b) Ngaphezu koko, kuzukisa uYehova, “uThixo onika uxolo.”—Roma 16:20.