IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 9/1 iphe. 3
  • Iliwa Libhek’ Umoya Kwabasetyhini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iliwa Libhek’ Umoya Kwabasetyhini
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ngokwenene UThixo Uwakhathalele Amabhinqa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ukuphathwa Kwamabhinqa Ngogonyamelo—Ingxaki Esehlabathini Lonke
    Vukani!—2008
  • Amabhinqa—Ngaba Ayahlonelwa Namhlanje?
    Vukani!—1992
  • Amabhinqa Kwezemfundo, Kwezobugcisa Nakw
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 9/1 iphe. 3

Iliwa Libhek’ Umoya Kwabasetyhini

“Ukuba kanti kunje ukuba libhinqa makuyekwe.”—UZAHRA, ONEMINYAKA ELI-15 UBUDALA, ocatshulwe kwiphephancwadi yesifrentshi iGEO.

AMAZWI acatshulwe ngasentla eli gqiyazana atyhila intlungu echaphazela onke amabhinqa enoba aselula okanye sele ekhulile—ukuphathwa ngenkohlakalo nokucalulwa kwawo. Khawuqwalasele ezi zibakala:

  • Ukucalulwa kuba ulibhinqa. EAsiya, abazali abaninzi bakhetha ukuba nabantwana abangamakhwenkwe kunokuba nabantwana abagamantombazana. Ingxelo ka-2011 yeZizwe eziManyeneyo iqikelela ukuba kwela lizwekazi, ngamabhinqa aphantse abe zizigidi ezili-134 ekuphulukwana nawo ngenxa yokuqhomfwa, ukubulawa nangenxa yokulahlwa.

  • Imfundo. Ehlabathini jikelele, kubantu abangafundanga amabhinqa ngabona bantu baninzi.

  • Ukuxhatshazwa ngokwesondo. Amabhinqa angaphezulu kwe-2.6 eebhiliyoni ahlala kumazwe apho kungajongwa njengolwaphulo mthetho xa indoda inyanzelisa umfazi wayo ukuba babelane ngesondo.

  • Ezempilo. Kumazwe asakhasayo, ibhinqa liyabhubha rhoqo emva kwemizuzu emibini ngenxa yeengxaki zokubeleka ezibangelwa kukunqongophala kwezinto ezisisiseko kwezonyango.

  • Ilungelo lokuba nezinto ezizezakho. Nangona amabhinqa ingabona bantu basebenza umhlaba, kumazwe amaninzi awanalo ilungelo lokuba nezindlu ezizezawo okanye umhlaba.

Kutheni amabhinqa evinjwa amathuba okuba axhamle kwizinto abafanele bonke abantu babenazo? Amanye amazwe alandela iinkolelo zonqulo nezithethe ezikhuthaza ukuphathwa kakubi kwamabhinqa. Iphephandaba laseFransi lacaphula igqwetha laseIndiya uChandra Rami Chopra, owathi: “Yonke imithetho yonqulo inento efana ngayo: Ixhasa ukucalulwa kwamabhinqa.”

Ngaba nawe uyayixhasa le mbono? Ngaba iBhayibhile iwajongela phantsi amabhinqa, njengezinye iincwadi zonqulo? Abanye abantu bacinga ngaloo ndlela xa befunda iivesi ezithile zeBhayibhile. Kodwa uThixo owabhala iBhayibhile uwajonga njani amabhinqa? Nangona lo ingumbandela ontununtunu, ukuhlolisisa ngobunono nangokunyaniseka oko kuthethwa yiBhayibhile ngalo mba kuya kusinceda sifumane iimpendulo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share