IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 12/15 iphe. 14-17
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukhetho Neengxaki Ezibandakanyekileyo
    Vukani!—2004
  • Iindlela Zokuvelisa Inzala Ezibangele Abafazi Bazala Baphul’ uluthi
    Vukani!—2004
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2014
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 12/15 iphe. 14-17

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaphambi kokuba sifunde inyaniso, sinomfazi wam senza i-“in vitro ferti-lization” (inkqubo eyenziwa elebhu yokudityaniswa kwedlozi lendoda neqanda lomfazi, lize xa sele liqhamile liphinde libuyiselwe esibelekweni) kuba sasifuna ukuba nomntwana. Akazange asetyenziswe onke amaqanda ethu aqhamileyo; amanye agcinwa emkhenkceni. Ngaba amele agcinwe, okanye alahlwe?

Lo ngomnye wemiba emininzi enobuzaza emele icingwe zizibini ezitshatileyo xa zikhetha ukusebenzisa i-in vitro fertilization (IVF). Sibini ngasinye sinembopheleleko esiyinikwe nguYehova yokugqiba ngendlela esimele senze ngayo kulo mba. Noko ke, kunokusinceda ukubuqonda obu bugcisa bokuncedisa umfazi ofuna ukumitha.

Ngowe-1978, elinye ibhinqa laseNgilani laba lelokuqala ukukhulelwa ngale ndlela. Lalingade likhawule ngenxa yokuba imibhobho yalo yesibeleko yayivalekile, ngaloo ndlela amadlozi ayengadluli aye kudibana namaqanda. Oogqirha benza utyando baza bakhupha iqanda kulo, balifaka kwisitya seglasi, balidibanisa nedlozi lomyeni walo laza laqhama. Loo mbumba yahlaliswa kwizithako ezayinceda yakhula yaza yaphinda yabuyiselwa kwisibeleko salo. Ekuhambeni kwexesha, labeleka umntwana oyintombazana. Le nkqubo nezinye ezifana nayo, yabizwa ngokuba yi-in vitro fertilization okanye i-IVF.

Ngoxa iinkcukacha zale nkqubo zinokwahluka, ngokuqhelekileyo i-IVF, iquka oku kulandelayo: Kangangeeveki eziliqela umfazi unikwa amayeza okukhulisa nokwandisa amaqanda kwisibeleko sakhe. Umyeni wakhe unokucelwa ukuba aziphulule amaphambili ukuze kuphume amadlozi. Amadlozi kwakunye nala maqanda adityaniswa elebhu. Amaqanda amaninzi ayaqhama aze aqalise ukwahlukana abe ziimbumba. Kwisithuba esimalunga nosuku, ezi mbumba zisandul’ ukuvela ziyahlolisiswa ukuze kubonwe ezo zonakeleyo nezo zibonakala ziphilile nezinokuhlala zize zikhule esibelekweni. Kwisithuba esimalunga neentsuku ezintathu, kudla ngokubuyiselwa iimbumba ezimbini okanye ezintathu eziphile kakuhle kwisibeleko somfazi ngelokwandisa amathuba okuba akhulelwe. Ukuba imbumba enye okanye ezingaphezu koko iye yahlala, uyakhulelwa aze abeleke ngexesha elililo.

Kodwa kwenziwa ntoni ngeembumba ezingakhange zisiwe esibelekweni, kuquka ezo bezibonakala zonakele? Ukuba azisetyenziswa, zisenokukhawuleza ziphelelwe. Ngaphambi kokuba kwenzeke loo nto, ezo mbumba zinokufakwa emkhenceni nenitrojeni engamanzi. Ngoba? Ukuba i-IVF yokuqala iye ayalunga, iimbumba eziseleyo zinokusetyenziswa kwelandelayo ize loo nto icuthe iindleko. Noko ke, oku kuphakamisa eminye imiba. Njengesi sibini sibuze lo mbuzo ungasentla, abaninzi abazi ukuba mabenze ntoni ngeembumba ezisemkhenkceni. Kusenokwenzeka ukuba abafuni kuba nabanye abantwana. Izinto zinokuba nzima kakhulu xa isibini sele sikhulile yaye sitsala nzima ngokwezimali. Sisenokoyika iingozi ezihamba nokukhulelwa amawele.a Ukusweleka okanye ukuphinda kwelinye iqabane litshate kunokuzenza nzima izinto. Ngokwenene zininzi izinto ezixhalabisayo yaye loo nto ibangela ukuba ezinye izibini ziqhubeke zihlawula ukugcinwa kwezo mbumba emkhenkceni kangangeminyaka emininzi.

Ngowama-2008, ingcali eyintloko yokuyileka kweemveku yathi kwiThe New York Times abazali abaninzi baye baxakwe nyhani ukuba mabenze ntoni ngeembumba eziseleyo. Eli nqaku lathi: “Ubuncinane zingama-400 000 iimbumba ezigcinwe emkhenkceni kwiikliniki ezikweli lizwe, yaye kongezelelwa ezingakumbi suku ngalunye . . Iimbumba zinokuhlala zilungile kangangeshumi leminyaka xa zifakwe kakuhle emkhenkceni kodwa asizizo zonke eziphilayo xa sele zinyibilikisiwe.” (Akekeliswe sithi.) Le ngongoma isekugqibeleni ibangela ukuba amanye amaKristu eme kancinane aze acingisise. Ngoba?

Izibini ezingamaKristu ezicingisisa ngeemeko ezibandakanyekileyo kwi-IVF, kunokufuneka khe zijonge nenye ingxaki yempilo. UmKristu kusenokufuneka agqibe ngoko anokukwenza ngesalamane sakhe esinesifo esinganyangekiyo nesixhomekeke kwisixhobo esithile ukuze siqhubeke siphila. AmaKristu okwenyaniso abuxabise ngokwenene ubomi ngokuvisisana ne-Eksodus 20:13 neNdumiso 36:9. UVukani! kaMeyi 8, 1974, wathi: “Ngenxa yokuba behlonela imbono kaThixo ngobungcwele bobomi, yaye bethobela izazela zabo nemithetho karhulumente, abo bafuna ukuvisisanisa ubomi babo nemigaqo yeBhayibhile abasayi kuze bambulale ngabom umntu ogula kakhulu ukuze bamphumze ezintlungwini.” Noko ke, kwezinye iimeko umntu udla ngokuxhomekeka koomatshini kuphela. Amalungu entsapho anokugqiba kwelokuba ucinywe loo matshini.

Eneneni, le nto ayifani nemeko esikuyo isibini esitshatileyo esiye sasebenzisa i-IVF saza sagcinisa iimbumba emkhenkceni. Kodwa olunye ukhetho abanokuvunyelwa ukuba balwenze kukuzisusa ezo mbumba kumkhenkce onenitrojeni, ukuze zinyibilike. Xa zingasekho kuloo mkhenkce, ezo mbumba zisenokukhawuleza zingasebenzi. Sisibini eso esiya kugqiba enoba siza kuyivumela loo nto.—Gal. 6:7.

Ngenxa yokuba isibini siye sakhetha ukusebenzisa i-IVF, ukuze umfazi akhulelwe de abeleke, sisenokukhetha ukunyamezela iindleko zokugcinwa kweembumba okanye sizisebenzise xa sisenza enye i-IVF kwixesha elizayo. Noko ke, esinye isibini sisenokugqiba kwelokuba singaqhubeki sizigcinile iimbumba emkhenkceni, sivakalelwa kukuba ezi mbumba zixhomekeke emkhenkceni ngokupheleleyo ukuze ziqhubeke zikho. AmaKristu ajongene nokwenza esi sigqibo anembopheleleko phambi koThixo yokusebenzisa izazela zawo eziqeqeshwe yiBhayibhile. Akafuni kukhathazwa zizazela ngoxa kwangaxeshanye engafuni ukukhathaza izazela zabanye.—1 Tim. 1:19.

AmaKristu ajongene nokwenza esi sigqibo anembopheleleko phambi koThixo yokusebenzisa izazela zawo eziqeqeshwe yiBhayibhile

Enye ingcali ngezenzala yafumanisa ukuba izibini ezininzi “zibhideka ngokwenene kukwenza izigqibo ngento emaziyenze ngeembumba ezisemkhenkceni.” Yaqukumbela ngelithi: “Kubonakala ngathi, izibini ezininzi ziyadideka xa kufuneka zenze izigqibo kulo mba.”

Ngokucacileyo, amaKristu okwenyaniso asafuna ukwenza i-IVF afanele ahlolisise yonke imiba ebalulekileyo ngale ndlela. IBhayibhile iluleka ngelithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”—IMize. 22:3.

EZINYE IINDLELA EYENZIWA NGAZO I-IVF

Ukusungulwa kweIVF kwavulela ithuba nezinye iindlela ezingqubanayo nokuthanda kukaThixo okuchazwe eZibhalweni. Ngokomzekelo, amaqanda ebhinqa anokuqhanyiswa ngamadlozi aphuma kwindoda elingatshatanga nayo. Liye ke livumele imbumba ukuba zifakwe kulo. (Izibini ezingamafanasini zidla ngokusebenzisa le ndlela maxa wambi.) Kanti umfazi unokuvumela ukuba kufakwe kwisibeleko sakhe iimbumba ezivele emva kokuba kudityaniswe amadlozi omyeni wakhe namaqanda elinye ibhinqa.

Kanti kwezinye iimeko, kudla ngokufakwa iimbumba kwisibeleko somfazi ezingenziwanga ngamaqanda akhe, zingenawo namadlozi omyeni wakhe. Kanti ngelinye ixesha, amaqanda namadlozi esibini esitshatileyo adla ngokuqhanyiswa ngaphandle kwesibeleko ngeIVF. Zithi ke iimbumba ezivele apho ziye kufakwa kwisibeleko selinye ibhinqa, elithi lona limithe loo mveku lize libazalele umntwana.b

Ezo ndlela zokuzala azamkelekanga kubakhonzi bakaThixo ngenxa yokuba bahlonela umyalelo wakhe othi: “Uze ungakhupheli amadlozi akho kumfazi wesinxulumani sakho, uzenze ongahlambulukanga ngawo.” (Lev. 18:20, 29; IMize. 6:29) Xa kuza kubandakanyeka amaqanda okanye amadlozi (okanye zombini) omnye umntu ekungatshatwanga naye, oko kukuziphatha okubi ngokwesini okanye ipor·neiʹa, ngokutsho kweBhayibhile. Ezo nkqubo zikukusetyenziswa kwamalungu enzala ngendlela engcolileyo.—Mat. 5:32; 1 Kor. 5:11; 6:9, 18; Heb. 13:4.

b UVukani! kaMatshi 8, 1993, iphepha 12-13, uyanaba ngombandela wokumitha umntwana wabanye abantu.

Isibini esingatshatanga esizizifundo zeBhayibhile sifuna ukubhaptizwa, kodwa asikwazi ukuwubhalisa umtshato waso kuba indoda ingenazo iimpepha zokuhlala kweli lizwe. Urhulumente akavumi ukuba umntu ohlala elizweni ngokungekho mthethweni atshate. Ngaba sinokutyobela iSindululo Sokuhlala Uthembekile (Declaration Pledging Faithfulness) size ke sibhaptizwe?

Kunokubonakala ngathi sesona sicombululo eso kule ngxaki, kodwa siyangqubana neZibhalo. Ukuze sisiqonde isizathu soko, makhe siqale ngokuhlolisisa injongo yeSindululo Sokuhlala Uthembekile, isizathu sobukho baso, indlela kwakunye nalapho sinokusetyenziswa khona.

Olu xwebhu luneenkcukacha lutyotyelwa phambi kwamangqina sisibini esingavumelekanga ukuba sitshate ngenxa yezizathu ezichazwe apha ngezantsi. Kolu xwebhu sithembisa ukuba siza kuthembeka njengamaqabane size sibhalise umtshato waso xa oko kunokwenzeka. Ibandla liya kusigqala njengesenze isithembiso phambi kukaThixo nabantu ukuba siza kuthembeka ukuze umtshato waso ugqalwe njengobhaliswe ngokusemthethweni ngabasemagunyeni.

Sidla ngokusetyenziswa nini iSindululo Sokuhlala Uthembekile yaye ngaziphi izizathu? NguYehova owasungula umtshato yaye uwugqala njengobaluleke kakhulu. UNyana wakhe wathi: “Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.” (Mat. 19:5, 6; Gen. 2:22-24) UYesu waleka ngelithi: “Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, ngaphandle kwangesizathu sohenyuzo, [ukuziphatha okubi ngokwesini] aze atshate nomnye uyakrexeza.” (Mat. 19:9) Ngenxa yoko, ‘uhenyuzo’ oko kukuthi, ukuziphatha okubi ngokwesini, lukuphela kwesizathu esiseZibhalweni sokuqhawula umtshato. Ngokomzekelo, ukuba indoda iba neentlobano zesini nomntu engatshatanga naye, umfazi wayo omsulwa unokugqiba enoba awuqhawule okanye angawuqhawuli umtshato kusini na. Ukuba uwuqhawule umtshato kunye nayo, ukhululekile ukuba angatshata nenye indoda.

Noko ke, kwamanye amazwe, ingakumbi phambili phayaa, icawa eyayiphambili yayingayamkeli le nkolelo icacileyo yeBhayibhile. Kodwa yafundisa ukuba umtshato awunakuqhawulwa nangasiphi na isizathu. Ngenxa yoko, kwiindawo ezithile apho icawa yayinempembelelo kakhulu, umthetho welizwe wawungaluvumeli uqhawulo-mtshato, kuquka naphantsi kwesizathu esivakalayo esachazwa nguYesu. Kwamanye amazwe, uqhawulo-mtshato luvumelekile, kodwa inkqubo elandelwayo xa lusenziwa inde gqitha yaye ineenkcukacha ezininzi. Kusenokuthatha iminyaka emininzi gqitha ukuqhawula umtshato. Ngaloo ndlela icawa okanye urhulumente ‘bathintela’ oko kwamkelekileyo kuThixo.—IZe. 11:17.

Ngokomzekelo, isibini sinokuhlala kwilizwe apho kunzima ukuqhawula umtshato mhlawumbi kuthatha iminyaka ukwenjenjalo. Ukuba siye sazama konke okusemandleni aso ukuze siqhawule umtshato waso yaye siyafaneleka emehlweni kaThixo ukuphinda sitshate, sinokutyobela iSindululo Sokuhlala Uthembekile. Ibandla lamaKristu linelungiselelo lothando elinokusetyenziswa kuloo mazwe. Noko ke, elo asilolungiselelo elinokusetyenziswa kumazwe amaninzi ekulula kuwo ukuqhawula umtshato, enoba le nkqubo ibiza imali yaye inobuceducedu obuninzi.

Bengasiqondi iSindululo Sokuhlala Uthembekile, abanye abantu abahlala kumazwe ekulula kuwo ukuqhawula umtshato baye bacinga ngokutyobela olu xwebhu kuba besonqena ubucukubhede obuninzi.

Xa sibuyela kumbuzo osekuqaleni, indoda nebhinqa ehlalisana nalo bafuna ukutshata. Ngamnye kubo ukhululekile ngokweZibhalo; akakho osabopheleleke kwiqabane langaphambili. Sekunjalo, indoda ihleli kweli lizwe ngokungekho mthethweni, yaye urhulumente akasayi kuwubhalisa umtshato womntu ongenazo iimpepha zokuhlala elizweni. (Kumazwe amaninzi abasemagunyeni bayawuvumela umtshato enoba elinye iqabane okanye omabini akanazo iimpepha zokuba kwelo lizwe.) Kule meko sithetha ngayo, ilizwe liyavuma ukuba kuqhawulwe umtshato. Ngoko ke, akunakutyotyelwa iSindululo Sokuhlala Uthembekile. Phawula ukuba apha asithethi ngento yokuba esi sibini sifuna ukuqhawula umtshato, ube umthetho welizwe ungavumi. Sikhululekile ukuba singatshata. Noko ke, sinokuyenza njani loo nto, ekubeni indoda ihleli elizweni ngokungekho mthethweni? Kusenokufuneka siye kwelinye ilizwe apho indoda ivunyelwayo ngumthetho ukuba itshate, enoba ayinazo iimpepha zelo lizwe. Okanye sinokutshatela kwilizwe esihlala kulo ukuba nje le ndoda ithabatha amanyathelo okufumana iimpepha zokuhlala kwelo lizwe.

Esi sibini sinokukwazi ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo nemithetho kaKesare. (Marko 12:17; Roma 13:1) Sithemba ukuba siya kwenjenjalo. Emva koko, sinokukufanelekela ukubhaptizwa.—Heb. 13:4.

a Kuthekani xa le mveku inesiphene okanye zininzi iimbumba ezisesibelekweni? Ukuzikhupha ngabom ezo mbumba okanye loo mveku sele ikhula esibelekweni kukuqhomfa. Xa kusetyenziswe i-IVF, kuxhaphakile ukukhulelwa amawele amabini nangaphezulu, nto leyo edla ngokwandisa iingozi ezifana nokubeleka ngaphambi kwexesha nokopha kakhulu xa ubeleka. Ibhinqa elikhulelwe amawele amaninzi lidla ngokucetyiswa ukuba livumele iwele elinye nangaphezulu ukuba liphungulwe. Oko kukuqhomfa ngabom, okulinganayo nokubulala.—Eks. 21:22, 23; INdu. 139:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share