IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 11/1 iphe. 3
  • Izizathu Zokuba Abantu Bangamthandi UThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izizathu Zokuba Abantu Bangamthandi UThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Inyaniso Inokunikhulula
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ubuxoki Obabangela Ukuba UThixo Angaziwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ubuxoki Obabangela Ukuba Abantu Bathi UThixo Ukhohlakele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Mthande UThixo Okuthandayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 11/1 iphe. 3

INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUXOKI OBUBANGELA UKUBA UTHIXO ANGATHANDWA

Izizathu Zokuba Abantu Bangamthandi UThixo

“‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala.”—UYesu Kristu, ngonyaka ka-33.a

Abanye abantu bakufumanisa kunzima ukuthanda uThixo. Kubo uThixo akaqondakali, ukude ebantwini yaye ukhohlakele. Yiva nje ukuba abanye bathini:

  • “Nangona ndandithandaza kuThixo ndicela uncedo, wayengathi ukude kum. Ndandicinga ukuba akanazimvakalelo.”—UMarco waseItali.

  • “Nangona ndandifuna ngokunyanisekileyo ukukhonza uThixo, wayengathi akafikeleleki. Ndandicinga ukuba unguThixo ongqwabalala nothanda nje ukohlwaya abantu. Ndandingayikholelwa into yokuba unobubele.”—URosa waseGuatemala.

  • “Ndisengumntwana, ndandikholelwa ukuba uThixo usoloko ekhangela iimpazamo zethu kuba nje efuna ukusohlwaya. Ekuhambeni kwexesha, ndambona njengomntu ongenakufikeleleka. UThixo wayefana nomongameli ongenamdla kubantu abalawulayo.”—URaymonde waseKhanada.

Ucinga ntoni wena? Ngaba sinokukwazi ukumthanda uThixo? Kangangexesha elide amaKristu ebesoloko enalo mbuzo. Enyanisweni, kunyaka ka-500 ukusa malunga noka-1500, abantu abaninzi ababezibiza ngokuba ngamaKristu babengathandazi kwaukuthandaza kuThixo uSomandla. Ngoba? Babengcangcazela luloyiko xa becinga ngaye. Umbhali-mbali uWill Durant uthi: “Ebenokuthini umoni ukuthandaza kuThixo owoyikeka nokude kangaka ebantwini?”

Kwenzeke njani ukuba uThixo abonakale ‘njengowoyikekayo nokude ebantwini’? Ifundisa ntoni iBhayibhile ngoThixo? Ngaba ukufunda inyaniso ngoThixo kungakunceda umthande?

a Mateyu 22:37, 38.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share