IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 11/1 iphe. 7
  • Inyaniso Inokunikhulula

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inyaniso Inokunikhulula
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Izizathu Zokuba Abantu Bangamthandi UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ngaba Inyani Isabalulekile?
    Imixholo Engakumbi
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 11/1 iphe. 7

INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUXOKI OBUBANGELA UKUBA UTHIXO ANGATHANDWA

Inyaniso Inokunikhulula

Ngenye imini eYerusalem uYesu wayethetha ngoYise, uYehova, yaye ebhenca iinkokeli zonqulo lobuxoki zemihla yakhe. (Yohane 8:12-30) Oko wakuthethayo ngeso sihlandlo kusifundisa indlela yokuhlolisisa iinkolelo ezithandwayo ngoThixo kwimihla yethu. UYesu wathi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:31, 32.

‘Hlala kulo izwi lam.’ Apha uYesu usibonisa indlela esinokwazi ngayo enoba iimfundiso zonqulo ‘ziyinyaniso’ na. Xa usiva kuthethwa ngoThixo, zibuze, ‘Ngaba oku kuyavisisana namazwi kaYesu kunye nazo zonke iZibhalo Ezingcwele?’ Xelisa umzekelo wabo beva umpostile uPawulos ethetha baza ‘bazincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto [ababezifunda].’—IZenzo 17:11.

UMarco, URosa, noRaymonde, ekuthethwe ngabo kwinqaku lokuqala bahlolisisa iinkolelo zabo ngokufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Bafunda ntoni?

UMarco: “INgqina elalisifundisa iBhayibhile laphendula yonke imibuzo esasinayo nomkam ngeZibhalo. Saya simthanda ngakumbi nangakumbi uYehova, satsho sathandana nangakumbi nomkam!”

URosa: “Ekuqaleni, ndandicinga ukuba iBhayibhile yincwadi ebhalwe ngabantu esichazela ukuba inokuba unjani uThixo. Ndaya ndizifumana iimpendulo zeBhayibhile kwimibuzo endandinayo. Ngoku, uYehova ngumntu wokwenene kum. NguMntu endinokumthemba.”

URaymonde: “Ndathandaza kuThixo ndicela andincede ndimazi. Kungekudala emva koko, mna nomyeni wam saqalisa ukufunda iBhayibhile. Ekugqibeleni, safunda inyaniso ngoYehova! Asinawo amazwi okuchaza indlela esavuya ngayo sakuva uhlobo loThixo alulo.”

IBhayibhile ayibhenci nje kuphela ubuxoki ngoThixo; kodwa ikwachaza neempawu zakhe ezintle. IliLizwi lakhe eliphefumlelweyo yaye isinceda “sizazi izinto esizinikwe ngobubele nguThixo.” (1 Korinte 2:12) Kutheni ungazifundeli indlela iBhayibhile eyiphendula ngayo imibuzo eqhele ukubuzwa nebalulekileyo ngoThixo, injongo yakhe nekamva lethu? Funda iimpendulo zeminye yale mibuzo kwindawo ethi “Iimfundiso ZeBhayibhile > Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa” kwiwebhsayithi ethi www.pr2711.com/xh. Unokuzicelela nesifundo seBhayibhile kwakule Webhsayithi okanye kwiNgqina likaYehova. Siqinisekile xa usenjenjalo, uyakufumanisa kulula ukuthanda uThixo kunokuba wawucinga.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share