IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 5/1 iphe. 4-7
  • Ukho Na Umntu Onokulazi Ikamva?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukho Na Umntu Onokulazi Ikamva?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UNYANISE KANGAKANANI UTHIXO?
  • IZIPROFETO ZIKATHIXO NOKUQIKELELA KWABANTU
  • IKAMVA LAKHO
  • Ngubani Onokulazi Ikamva?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • UKoreshi Omkhulu
    Vukani!—2013
  • UYehova—“UThixo Olilungisa NoMsindisi”
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 5/1 iphe. 4-7
Umama uncedisa intombi yakhe kumsebenzi wesikolo

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ukho Na Umntu Onokulazi Ikamva?

Sonke siyacinga ngekamva. Sifun’ ukwazi ukuba liya kuba njani ikamva lethu nelabantu esibathandayo. Sizibuza imibuzo enjengethi: ‘Ngaba abantwana bam bangaphila kwihlabathi elingcono? Ngaba kukho intlekele eza kutshabalalisa ihlabathi? Ngaba ikho into endinokuyitshintsha ngoku kubomi bam ukuze ikamva lam libe bhetele?’ Lo ngumnqweno oqhelekileyo; sisoloko sifun’ ukwazi nokuqiniseka ngekamva lethu. Ukuba unokuqiniseka ngekamva lakho, unokukwazi ukuzilungiselela.

Ngoko ke, linjani ikamva lakho? Ukho olaziyo? Iingcali eziye zazama ukuqikelela ikamva ziye zanyanisa, kodwa zabhideka amaxesha amaninzi. Kanti kuthiwa uThixo usoloko enyanisile ekuchazeni iziganeko ezizayo. ILizwi lakhe lithi ngaye: “Lowo uxela ukuphela kwasekuqaleni, kwakudala izinto ebezingekenziwa.” (Isaya 46:10) Uye wanyanisa kangakanani?

UNYANISE KANGAKANANI UTHIXO?

Kutheni ufanele ube nomdla kwindlela ezibe yinyaniso ngayo iziprofeto zikaThixo? Kaloku, ukuba kukho isanuse semozulu esisoloko sinyanisile kangangexesha elide, uya kusithemba. Ngokuqinisekileyo uya kunikel’ ingqalelo xa sichaza imozulu yangomso. Ngokufanayo, ukuba uyaqonda ukuba uThixo uye wazichaza ngokuchanileyo iziganeko zexesha elizayo, ngokuqinisekileyo uya kuba nomdla koko akuchazayo ngekamva.

Ukwakhiwa kwakhona kwesixeko saseNineve, isixeko esasitshatyalalisiwe

Udonga lweNineve yamandulo oluphinde lwakhiwa

UKUTSHATYALALISWA KWESIXEKO ESIKHULU:

Ngokomzekelo, bekuya kuba yinto emangalisa ngokwenene ukuchaza ngokuchanileyo ukuba isixeko esikhulu, nebesiligunya elinamandla kangangamakhulu eminyaka, siza kutshatyalaliswa kungekudala. Loo nto yenzeka xa uThixo wachaza kwangaphambili ukuphanziswa kweNineve. (Zefaniya 2:13-15) Bathini ababhali-mbhali ngesi siganeko? Kwiminyaka yee-600, malunga neminyaka eyi-15 emva kokuba uThixo echaze ukuphanziswa kweNineve, yahlaselwa yaza yabhukuqwa yiBhabhiloni namaMedi. Ukongezelela, uThixo wayechaze nokuba iNineve yayiza kuba “ngumqwebedu njengentlango.” Ngaba kwenzeka ngokwenene oko? Ewe. Nangona esi yayisisixeko esikhulu esingange-518 skwe khilomitha, abo bahlaseli abazange basilondoloze baze basisebenzise, njengoko kwakulindelekile. Kunoko, basitshabalalisa. Ngaba ukho umhlalutyi wezopolitiko obenokuzichaza ngokuchane ngaloo ndlela ezo ziganeko?

UKUTSHISWA KWAMATHAMBO ABANTU:

Ngubani obenokuba nesibindi sokuba, kwiminyaka eyi-300 ngaphambili, achaze igama nomnombo wokuzalwa womntu owayeza kutshisa amathambo abantu esibingelelweni, kuquka igama ledolophu esasiza kuba kuyo eso sibingelelo? Ukuba oko bekunokuba yinyaniso, ngokuqinisekileyo bekuya kumenza adume. Omnye umkhonzi kaThixo wathi: ‘Kuza kuzalwa unyana ogama linguYosiya endlwini kaDavide’ . . . , yaye “amathambo abantu uya kuwatshisa” kwisibingelelo esikwidolophu yaseBheteli. (1 Kumkani 13:1, 2) Kumakhulu amathathu eminyaka kamva, kwintsapho kaDavide, kwazalwa ukumkani ogama linguYosiya​—gama elo elalingaxhaphakanga ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Kanye njengokuba kwakuchazwe kwangaphambili, uYosiya wawathabatha “amathambo kwiindawo zokungcwaba, wawatshisa phezu kwesibingelelo” esasiseBheteli. (2 Kumkani 23:14-16) Ngubani omnye owayenokukwazi ukuzichaza ngokuchane ngaloo ndlela ezo ziganeko ngaphandle kukaThixo?

Umkhosi kaKoreshi ungena eBhabhiloni kumasango avulekileyo ekwakuprofetwe ngawo nguIsaya

Iziprofeto zeBhayibhile zakuchaza ngokuchanileyo ukuwa kweBhabhiloni

UKUPHELISWA KOBUKHOSI:

Ibiya kumangalisa ngokwenene into yokuba kubekho umntu onokuchaza ngokuchanileyo igama lomntu​—kwixesha elide ngaphambi kokuzalwa kwakhe—​owayeza kubhukuqa ubukhosi behlabathi, ade achaze nobuchule obungaqhelekanga awayeza kubusebenzisa. UThixo wachaza ukuba indoda egama linguKoreshi yayiza koyisa uhlanga. Kwakhona uKoreshi wayeza kukhulula amaYuda ebukhobokeni aze axhase ukwakhiwa kwakhona kwetempile yawo engcwele. Ukongezelela, uThixo wachaza nokuba uKoreshi wayeza kuwenza uwuthe umlambo, ibe namasango ayeza kushiywa evulekile, nto leyo eyayiza kwenza kube lula ukoyisa kwakhe. (Isaya 44:27–45:2) Ngaba esi siprofeto sikaThixo siye sazaliseka ngokuchanileyo? Ababhali-mbali bayavuma ukuba oku kuye kwenzeka. Umkhosi kaKoreshi uye wasebenzisa ubuchule obungummangaliso bokujika umlambo waseBhabhiloni, nto leyo ewenze wawutha. Kwakhona, lo mkhosi wafika amasango esixeko evulekile. Emva koko uKoreshi wawakhulula amaYuda waza wawavumela ukuba aphinde ayakhe itempile yawo yaseYerusalem. Kwakungaqhelekanga oko, kuba uKoreshi wayengamnquli uThixo wamaYuda. (Ezra 1:1-3) NguThixo kuphela obenokuzichaza ngokuchanileyo ezo ziganeko.

Sikhankanye imizekelo emithathu ebonisa indlela uThixo aye wanyanisa ngayo ekuchazeni iziganeko zekamva. Akuphelelanga nje kwezi ziganeko. Inkokeli yamaYuda uYoshuwa, yachaza into eyayisaziwa kakuhle ngabo babephulaphule, yathi: “Niyazi kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni. Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo.” (Yoshuwa 23:1, 2, 14) Abantu bomhla kaYoshuwa babengenakuyikhanyela into yokuba izithembiso neziprofeto zikaThixo zibe yinyaniso. Kodwa wenza njani uThixo? Kukho umahluko omkhulu phakathi kweendlela zikaThixo nezabantu. Kubalulekile ukwazi oku, kuba uThixo uye wachaza iziganeko ezibalulekileyo eziza kwenzeka kwikamva neziya kukuchaphazela ngokuqinisekileyo.

IZIPROFETO ZIKATHIXO NOKUQIKELELA KWABANTU

Xa abantu beqikelela ikamva badla ngokuthembela kuphando abalwenzileyo, okanye kubantu abathi banolwazi olungaphezu kolwemvelo. Emva kokuchaza oko bakuqikeleleyo, abantu badla ngokulinda ukuze babone oko kuza kwenzeka.​—IMizekeliso 27:1.

Ngokungafaniyo nabantu, uThixo uyazazi zonke izibakala. Uziqonda kakuhle izenzo neengcamango zabantu, ngoko ke, xa ethanda, uThixo uyakwazi ukujonga kwangaphambili oko abantu nohlanga luphela luza kukwenza. Kodwa uThixo unokwenza okungaphezu koko. Unokuzilawula okanye azitshintshe iimeko ukuze aqinisekise ukuba kuyenzeka oko akuchaze kwangaphambili. Uthi, ‘IIizwi lam eliphuma emlonyeni wam, aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, yaye liya kukuphumelelisa ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.’ (Isaya 55:11) Ngoko ke, ezinye zeziprofeto zikaThixo zichaza nje kuphela oko aza kukwenza kwixesha elizayo. Uyaqinisekisa ukuba iziprofeto zakhe zisoloko ziyinyaniso.

IKAMVA LAKHO

Ngaba ikho indlela yokulichaza ngokuchanileyo ikamva lakho nelabantu obathandayo? Ukuba wazi kwangaphambili ngesivuthuvuthu esizayo, unokuzilungiselela ukuze usinde. Kuyafana ke nangesiprofeto seBhayibhile. UThixo uye wachaza ukuba kuza kubakho utshintsho olukhulu ehlabathini kungekudala. (Funda ibhokisi ethi: “Oko UThixo Akuchazayo Ngekamva.”) Eli kamva lahluke kakhulu koko kuqikelelwa ziingcali ezininzi.

Kujonge ngale ndlela oku: Ikamva leli hlabathi liqulunqwe lagqitywa. Sele libhaliwe, yaye unokuzifundela ngalo. UThixo uthi, ‘Ndixela isiphelo kwasekuqaleni. Ndithi, “Icebo lam liya kuma, yaye yonk’ into endiyoliswa yiyo ndiya kuyenza.”’ (Isaya 46:10) Wena nentsapho yakho ninokuba nekamva elimangalisayo. Cela amaNgqina kaYehova akuchazele ngoko iBhayibhile ikutshoyo ngezinto eziseza kwenzeka. AmaNgqina awangabo oosiyazi; yaye aweva mazwi avela kwelemimoya; engenawo namandla akhethekileyo okubona ikamva. Angabafundi beBhayibhile abanokukubonisa izinto ezintle uThixo aza kukwenzela zona kwikamva.

Ukuhlolisisa iziprofeto zeBhayibhile kusifundisa into ebangel’ umdla ngobuntu bukaThixo. UThixo uyasichazela ngoko aza kukwenza, ngaloo ndlela ebonisa ukuba unomdla ebantwini nakwikamva labo. Ufuna sibe nekamva eliqaqambileyo.

Oko UThixo Akuchazayo Ngekamva

Izandlaezisezulwini ezalathisa abantu abathobelayo kwikamva eliqaqambileyo kumhlaba omhle
  • Ngokwahlukileyo koko kuthethwa ngabantu abaprofeta ngokubhangiswa komhlaba, uThixo uthi lo Mhlaba awusoze utshatyalaliswe.​—INdumiso 104:5; INtshumayeli 1:4.

  • Njengoko abantu bewonakalisa umhlaba, uThixo uya kungenelela aze abatshabalalise.​—INdumiso 92:7; ISityhilelo 11:18.

  • UThixo uyazi ukuba iicawa ezininzi ziye zamgculela zaza azayithobela iBhayibhile, ibe uza kuzitshabalalisa.​—ISityhilelo 18:4-9.

  • Urhulumente kaThixo wasezulwini​—kungekhona abantu basemhlabeni—​uza kutshabalalisa bonke abantu abangendawo nabangathobeliyo. “Ikamva labantu abangendawo liya kunqunyulwa.”​—INdumiso 37:10, 38; Daniyeli 2:44.

  • UThixo uza kubasindisa abantu akholiswayo ngabo, yaye baya kuphila emhlabeni omhle. “Mlinde ongenakusoleka uze umkhangele othe tye, kuba ikamva laloo mntu liya kuba leloxolo.”​—INdumiso 37:11, 37; ISityhilelo 21:3, 4.

  • Ngobubele uThixo uyichazile eBhayibhileni into omele uyenze ukuze umkholise, nendlela ‘onokuphumelela ngayo ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho.’​—Luka 21:36; Yohane 17:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share