IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w24 Februwari iphe. 30
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova—“UThixo Olilungisa NoMsindisi”
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
  • Ukho Na Umntu Onokulazi Ikamva?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Ngubani Onokulazi Ikamva?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UKoreshi Omkhulu
    Vukani!—2013
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
w24 Februwari iphe. 30

Imibuzo Evela Kubafundi

IBhayibhile isixelela ntoni ngokukwazi kukaYehova ukubona izinto zingekenzeki?

▪IBhayibhile yenza kucace ukuba uYehova uyakwazi ukubona izinto zingekenzeki. (Isa. 45:21) Ayichazi yonke into ngokuba wenza njani, nini, ibe ziintoni akhetha ukuzazi. Ngoko asinakuqiniseka ngezinto ezinjalo. Kodwa khawujonge ezi zinto zimbalwa.

UYehova angenza nantoni na ayifunayo, kodwa ngamanye amaxesha uye akhethe ukungazenzi ezinye izinto. Uyakwazi ukusebenzisa ubulumko bakhe ukuze azi izinto eziseza kwenzeka. (Roma 11:33) Kuba ekwazi ukuzibamba, ukhe akhethe ukungazazi ezinye izinto.—Thelekisa uIsaya 42:14.

UYehova uyakwazi ukwenza izinto azifunayo zenzeke. Loo nto idibana njani nokukwazi kwakhe ukubona izinto ngaphambi kokuba zenzeke? Kaloku uIsaya 46:10 uthi: “NdinguLowo uchaza umphumo wezinto zingekenzeki, nozichaza kwakudala izinto zingekenziwa. Ndithi, ‘Isigqibo sam siza kuma, ibe ndiza kuyenza yonke into endithanda ukuyenza.’”

Esinye isizathu esenza ukuba uThixo akwazi ukuchaza izinto ngaphambi kokuba zenzeke, kukuba unawo amandla okuzenza. Akakudingi ukujonga ukuba kuza kwenzeka ntoni kwixesha elizayo ukuze abone ukuba ziza kwenzeka njani izinto. UYehova uyakwazi ukubeka ixesha lokuba into iza kwenzeka nini, aze aqinisekise ukuba iyenzeka nyhani xa lifika elo xesha.—Eks. 9:5, 6; Mat. 24:36; IZe. 17:31.

Ngenxa yaloo nto, xa iBhayibhile ithetha ngezinto eziseza kwenzeka ithi uYehova uye ‘azilungiselele,’ ‘azenze,’ ibe “uyagqiba ngazo.” (2 Kum. 19:25; umbhalo osemazantsi; Isa. 46:11) La magama aguqulelwe kwigama lesiHebhere elithetha into efanayo nelithi ‘umbumbi.’ (Yer. 18:2-4) Umbumbi onobuchule unokusebenzisa udongwe ukuze enze ivazi entle. Ngokufanayo, uYehova uyakwazi ukusebenzisa nantoni na ukuze kwenzeke into ayifunayo.—Efe. 1:11.

UYehova uyabavumela abantu ukuba bazenzele izigqibo. Akazicebi kwangaphambili izinto eziza kwenzeka ebomini bomntu ngamnye. Akabangeli nokuba abantu abalungileyo benze izinto eziza kubafaka engxakini. Uvumela bonke abantu ukuba bazikhethele indlela abafuna ukuphila ngayo. Kodwa uyabafundisa neyona ndlela ibhetele yokuphila.

Khawuve le mizekelo mibini. Umzekelo wokuqala yinto eyenzeka kubantu baseNineve. UYehova wathi isixeko sabo sasiza kutshatyalaliswa ngenxa yezinto ezimbi ababezenza. Kodwa xa abantu balapho baguqukayo, uYehova “wayiyeka intlekele awayethe uza kubazisela yona, waza akayizisa.” (Yona 3:1-10) Wayitshintsha into awayethe iza kwenzeka, kuba abantu baseNineve baguquka emva kokuba beve isilumkiso sakhe.

Umzekelo wesibini ngowesiprofeto esingendoda ekwakuthiwa nguKoreshi. Kwachazwa kwangaphambili ukuba wayeza koyisa amaBhabhiloni aze akhulule amaYuda ebukhobokeni. Wayeza kuyalela nokuba kuphinde kwakhiwe itempile kaYehova. (Isa. 44:26–45:4) UKumkani uKoreshi wasePersi wazenza nyhani ezo zinto zazichazwe kwangaphambili. (Ezra 1:1-4) UYehova wamsebenzisa uKoreshi nangona wayengamkhonzi, kodwa zange amnyanzelise ukuba makakhethe ukukhonza yena.—IMize. 21:1.

Ewe kona, zininzi izinto uYehova azenzayo xa eza kusebenzisa ubulumko bakhe bokwazi izinto ngaphambi kokuba zenzeke. Xa sithetha inyani, akukho mntu unokuyiqonda ngokupheleleyo indlela azenza ngayo izinto. (Isa. 55:8, 9) Kodwa izinto esizaziyo ngaye zisenza simthembe ukuba usoloko esenza izinto ezilungileyo, naxa esixelela izinto eziseza kwenzeka kwixesha elizayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share