IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 6/1 iphe. 16
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Isithembiso SikaThixo Sokuba Ukungcoliswa Komhlaba Kuza Kuphela
    Vukani!—2023
  • Isipho Sikanaphakade Esivela KuMdali
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Isijikelezi-langa Esinezinto Eziphilayo
    Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?
  • Kulo Vukani!
    Vukani!—2023
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 6/1 iphe. 16

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Ngaba umhlaba udalwe ngenjongo?

Umfana ubukele imibala eyahlukahlukeneyo yendalo

Umhlaba wenziwa ukuze ube likhaya labantu abonwabileyo

Umhlaba udalelwe ukuba kubekho izinto eziphilayo kuwo. Unamanzi awaneleyo okusetyenziswa zizo zonke izinto eziphilayo. Ukuthambeka komhlaba nokujikeleza kwawo ilanga kubangela ukuba ulwandle lungabandi lube ngumkhenkce okanye lubile luze lube ngumphunga. Yaye umoya ojikeleze umhlaba kunye nemagnethi yomhlaba ziwukhusela kwimitha yelanga enobungozi.

Kuyamangalisa ukubona indlela izityalo kunye nezilwanyana ezixhomekeke ngayo enye kwenye. Oku kwenza kucace ukuba umhlaba wawudalwe ngenjongo.—Funda uIsaya 45:18.

Kodwa usenokuzibuza: Ukuba umhlaba wawenziwe ngenjongo, ngaba ukubandezeleka nokungabikho kokusesikweni kuyinxalenye yaloo njongo?—Funda iDuteronomi 32:4, 5.

Ngaba injongo yomhlaba iza kuphunyezwa?

Umhlaba wenziwa ngenjongo yokuba ube likhaya labantu abonwabileyo, abahlonelanayo nabathanda uMdali wabo. Ngoko uThixo unenjongo ephakamileyo ngabantu, kunokuba kunjalo ngezityalo nezilwanyana. Njengabantu siyakwazi ukufunda ngoMdali wethu ibe siyakwazi nokuxelisa uthando nokuba sesikweni kwakhe.—Funda iNtshumayeli 12:13; Mika 6:8.

UMdali wethu unawo amandla okuphumeza yonke injongo yakhe. Ngoko sinokuqiniseka ukuba uza kuphelisa iintlungu nokungabikho kokusesikweni baze abantu baphile ngolonwabo emhlabeni.—Funda iNdumiso 37:11, 29; Isaya 55:11.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 3 sale ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Iyafumaneka nakwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share