IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 12/15 iphe. 4-5
  • UYehova Uyawusikelela Umoya Wokuzithandela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Uyawusikelela Umoya Wokuzithandela
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Afanayo
  • “Umsebenzi Mkhulu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Intsalela Yabo Ilingene Ukuswela Kwenu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Oko Sinokukwenza Ukuze Sinyamekele Abanye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • ‘Onobubele Uya Kusikelelwa’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 12/15 iphe. 4-5
Umntu onikelayo

UYehova Uyawusikelela Umoya Wokuzithandela

UMDALI wethu ujizeke abantu ngenkululeko yokuzikhethela. Ngaphezu koko, uyabasikelela abo basebenzisa inkululeko yabo ukuze bahambisele phambili unqulo lokwenene baze benze unako nako ukungcwalisa igama lakhe elingcwele nokuxhasa injongo yakhe. UYehova akafuni senze uphela sonwabe xa simthobela okanye sithobele kuba nje sisoyika ukohlwaywa. Kunoko, uyabaxabisa abo bazinikela kuye ngokuzithandela beqhutywa luthando naluxabiso.

Ngokomzekelo, xa amaSirayeli ayesentlango eSinayi, uYehova wawayalela ukuba akhe indawo yokumnqula. Wathi: “Thabathani phakathi kwenu umnikelo kaYehova. Bonke abantliziyo zivumayo mabawuzise ube ngumnikelo kuYehova.” (Eks. 35:5) MSirayeli ngamnye wayenokunikela ngayo nantoni na awayenamandla okunikela ngayo, ibe umnikelo ngamnye wokuzithandela—kungakhathaliseki ukuba wawuyintoni okanye ungakanani—wawunokusetyenziselwa ukuphumeza injongo kaThixo. Asabela njani amaSirayeli?

“Wonk’ ubani owayeqhutywa yintliziyo, abo bonke bamoya wabaqhubayo,” benza umnikelo wokuzithandela, ‘bonke ngeentliziyo ezivumayo.’ Amadoda nabafazi banikela kuYehova ngezinto abanazo: iimbasa, amacici, imisesane, igolide, isilivere, ubhedu, imisonto eluhlaza, uboya obudaywe bamfusa bubomvu, umchako omfusa, ilinen ecikizekileyo, uboya bebhokwe, iimfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe zabomvu, izikhumba zeentini, imithi yomnga, amatye axabisekileyo, ibhalsam kunye neoli. Ekugqibeleni, “yawanela ke impahla leyo wonke umsebenzi owawufanele ukwenziwa, yada yangaphezu kwaleyo ifunekayo.”—Eks. 35:21-24, 27-29; 36:7.

Eyona nto yayikholisa uYehova, yayingezozinto ekwanikelwa ngazo, kodwa yayingumoya wokuzithandela wabo babexhasa unqulo lokwenyaniso. Banikela ngexesha nangamandla abo. Le ngxelo ithi: “Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo.” Nyhani ke, “bonke abafazi abaqhutywa yintliziyo ngobulumko basonta uboya bebhokhwe.” Ngaphezu koko, uYehova wanika uBhetsaleli ‘ubulumko, ukuqonda, ulwazi nobungcibi bohlobo lonke.’ UThixo wanika uBhetsaleli no-Oholiyabhi ubuchule bokwenza wonke umsebenzi ababewabelwe.—Eks. 35:25, 26, 30-35.

Xa uYehova wathi amaSirayeli makanikele, wayenentembelo yokuba “wonk’ ubani owayeqhutywa yintliziyo” wayeza kuluxhasa unqulo lokwenene. Yena wabasikelela ngokubakhokela nokubanika uvuyo abo banikela ngeentliziyo ezivumayo. Ngaloo ndlela uYehova wabonisa ukuba xa ewusikelela umoya wokuzithandela wabakhonzi bakhe, abasweli nto ukuze injongo yakhe iphumelele. (INdu. 34:9) Ukuba ukhonza uYehova ngomoya wokuzithandela, uya kukusikelela.

IINDLELA ABANYE ABAKHETHA UKUNIKELA NGAZO KUMSEBENZI OWENZIWA EHLABATHINI LONKE

Njengakwimihla kaPawulos, abaninzi ‘babekela bucala okuthile,’ okanye imali baze bayifake kwiibhokisi zeminikelo ezisemabandleni ezibhalwe “Umsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke.” (1 Kor. 16:2) Nyanga nganye, amabandla athumela le minikelo kwiofisi yamaNgqina kaYehova ekhonza ilizwe lawo. Unako ukuyithumela ngokuthe ngqo iminikelo kumbutho osemthethweni osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kwilizwe okulo. Ukuze wazi igama lombutho oyintloko osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova akwilizwe lakho, sicela uqhagamshelane neofisi yesebe ekhonza elo lizwe. Iadresi yeofisi yesebe iyafumaneka ku-www.pr2711.com/xh. Nantsi iminikelo onokuyithumela ngokuthe ngqo:

UKUNIKELA NGOKUTHE NGQO

  • Yiminikelo eyenziwa ngebhanki, ngekhadi ledebhithi okanye lekhredithi. Kwamanye amasebe, kunokusetyenziswa i-jw.org okanye enye iWebhsayithi.

  • Kukunikela ngemali, izacholo, okanye ezinye izinto zexabiso. Quka ileta ebonisa ukuba imali okanye loo nto ngumnikelo osuka kuwe ngokuthe ngqo.

UKUNIKELA OKUCETYIWEYO

Ukongezelela kwizipho zemali nezinto ezixabisekileyo, zikho ezinye iindlela zokunikela kumsebenzi woBukumkani owenziwa ehlabathini lonke. Ezi ndlela ziyachazwa apha ngezantsi. Enoba uthanda ukusebenzisa yiphi kwezi ndlela, sicela uqale uqhagamshelane neofisi yesebe ekwilizwe okulo ukuze ubone iindlela ezisetyenziswayo kwelo lizwe. Ekubeni imithetho yamazwe neyerhafu ingafani, kubalulekile ukuqhagamshelana neengcali kwezerhafu nezomthetho ngaphambi kokukhetha eyona ndlela ibhetele yokunikela.

I-inshorensi: Ngumnikelo owenziwa ngokubhalisa umbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova njengomele ufumane imali yeinshorensi xa uye wasweleka okanye kwilungiselelo lomhlala-phantsi.

Iiakhawunti Zebhanki: Iiakhawunti zebhanki, izatifiketi zedipozithi, okanye iimali zomhlala-phantsi zinokuhlawulwa ngqo kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova xa uye wasweleka ngokuvisisana nemithetho yeebhanki zasekuhlaleni.

Imali Eselugcinweni Neebond: Umntu unokunikela ngokuthe ngqo ngemali eselugcinweni neebond kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova yaye unokwenza isivumelwano sokuba loo mali idluliselwe kumbutho xa esweleka.

Izindlu Nemihlaba: Ukuba unqwenela ukunikela ngendlu okanye umhlaba, sicela uqale uqhagamshelane neofisi yesebe. Yiofisi eza kugqiba enoba loo ndlu okanye loo mhlaba unokusetyenziswa, okanye koba bhetele ukuwuthengisa ize loo mali inikelwe kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke.

Iminqophiso Yamafa: Izinto ofuna ukunikela ngazo okanye imali zinokushiyelwa kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova njengomnqophiso welifa osemthethweni okanye kuchazwe loo mbutho njengofanele ufumane imali okanye ezo zinto kuvunyelwene ngazo. Kusenokungatsalwa rhafu ingako xa isivumelwano senziwe ngolu hlobo.

Umbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kwilizwe okulo unokubhaliswa njengoza kufumana elo lifa. Awufanele ubhaliswe njengomabi, umlawuli okanye umgcini welo lifa.

Inkcazelo engakumbi unokuyifumana ngokufowunela okanye ubhalele iAccounting Office, kule adresi ibhalwe ngezantsi, okanye unokuqhagamshelana neofisi yesebe ekhonza ilizwe okulo.

ACCOUNTING OFFICE

Watchtower Bible and Tract Society

Private Bag X2067

Krugersdorp

1740

South Africa

+27 11 761 1000

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share