IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w17 Novemba iphe. 18-19
  • ‘Onobubele Uya Kusikelelwa’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Onobubele Uya Kusikelelwa’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Amanqaku Afanayo
  • “Umsebenzi Mkhulu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Intsalela Yabo Ilingene Ukuswela Kwenu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • UYehova Uyawusikelela Umoya Wokuzithandela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Oko Sinokukwenza Ukuze Sinyamekele Abanye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
w17 Novemba iphe. 18-19
UHana usa uSamuweli emnqubeni

‘Onobubele Uya Kusikelelwa’

IMIBINGELELO ibisoloko ibalulekile kunqulo lwenene. AmaSirayeli ayebingelela ngezilwanyana, namaKristu ebesoloko esaziwa ‘ngombingelelo wendumiso.’ Kodwa ke, ikho neminye imibingelelo uThixo akholiswa yiyo. (Heb. 13:15, 16) Njengoko le mizekelo elandelayo ibonisa, le mibingelelo isenza sivuye size sisikelelwe.

UHana, umkhonzi othembekileyo wamandulo, wayefuna ukuba nonyana kodwa engabafumani abantwana. Wafunga kuYehova esithi ukuba anganonyana, wayeza ‘kumnikela kuye yonke imihla yobomi bakhe.’ (1 Sam. 1:10, 11) Ethubeni, uHana waye wakhulelwa, waza waba nonyana, wamthiya igama lokuba nguSamuweli. Emva kokuba uSamuweli elunyulwe, uHana wamsa emnqubeni kanye njengokuba wayefungile. UYehova wamsikelela uHana ngalo moya wakhe wokuzincama. Wafumana nabanye abantwana abahlanu, yena uSamuweli waba ngumprofeti nombhali weBhayibhile.—1 Sam. 2:21.

NjengoHana noSamuweli, amaKristu namhlanje anikela ngobomi bawo, ekhonza uMdali. UYesu wathembisa ukuba nayiphi into esiyincamayo ukuze sikhonze uYehova siza kuvuzwa ngayo.—Marko 10:28-30.

Ngenkulungwane yokuqala, ibhinqa elingumKristu, uDorkas, lalisaziwa ‘ngezenzo ezilungileyo nezipho zenceba’—enceda abantu. Okubuhlungu kukuba, waye ‘wagula waza wafa,’ nto leyo eyalikhathaza kakhulu ibandla. Xa abafundi bevayo ukuba uPetros ukufutshane, bamcela ukuba eze ngokukhawuleza. Khawuthelekelele indlela abavuya ngayo xa uPetros wezayo waza wamvusa uDorkas, ibe siqala ngaye ukuva ngomntu owavuswa ngumpostile! (IZe. 9:36-41) UThixo wayengakulibelanga ukuzincama kukaDorkas. (Heb. 6:10) Ingxelo yakhe yokuba nezinwe ibhalwe kwiLizwi LikaThixo ukuze nathi simxelise.

Nompostile uPawulos ungumzekelo omhle womntu owanikela ngexesha lakhe. Wabhalela amaKristu aseKorinte, esithi: “Mna ke ndiya kuchulumanca kakhulu ukuba ndinokudleka ndize ndisetyenziswe ngokupheleleyo ngenxa yemiphefumlo yenu.” (2 Kor. 12:15) UPawulos wayibona kuye into yokuba ukuzincama ngenxa yabantu akukwenzi waneliseke nje kuphela, kodwa okubaluleke nangakumbi kukuba, kukwenza usikelelwe kwaye uYehova akholiswe nguwe.—IZe. 20:24, 35.

Izicacele into yokuba uYehova uyavuya xa sisebenzisa ixesha namandla ethu ukuze sixhase intlangano kumsebenzi wayo kwaye sincede nabazalwana noodadewethu. Kodwa ngaba zikho ezinye iindlela esingawuxhasa ngazo umsebenzi wokushumayela? Ewe zikho! Ukongezelela kwimisebenzi esiyenza siqhutywa luthando, sinokumzukisa uThixo nangeminikelo yethu yokuzithandela. Isetyenziswa kumsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini, oquka ukuxhasa abathunywa bevangeli nabanye abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo. Ukongezelela, iminikelo yethu yokuzithandela ixhasa umsebenzi wokubhala nowokuguqulela iincwadi neevidiyo, ukunceda xa kuhle iintlekele nokwakha iiHolo ZoBukumkani. Siqinisekile ukuba ‘onobubele uya kusikelelwa.’ Enye into kukuba, xa sinikela ngezinto zethu zexabiso kuYehova, siyamzukisa.—IMize. 3:9; 22:9.

Iindlela Abanye Abakhetha Ukunikela Ngazo Kumsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke

Njengakwimihla kaPawulos, abaninzi namhlanje ‘babekela bucala’ imali, baze bayifake kwibhokisi yomnikelo ebhalwe “Umsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke” esebandleni labo. (1 Kor. 16:2) Nyanga nganye, amabandla athumela le minikelo kwiofisi yamaNgqina KaYehova ekwilizwe lawo. Unako ukuyithumela ngqo iminikelo kumbutho osemthethweni osetyenziswa ngamaNgqina KaYehova kwilizwe okulo. Ukuze wazi igama lombutho osetyenziswa ngamaNgqina KaYehova kwilizwe okulo, nceda uqhagamshelane neofisi yesebe. Iadresi inokufunyanwa ku-www.pr2711.com/xh. Nazi iindlela onokunikela ngazo:

IMINIKELO

  • Yiminikelo eyenziwa ngokutransfera imali nge-elektroniki okanye ngekhadi. Kwamanye amasebe, kunokusetyenziswa u-jw.org okanye enye iwebhsayithi.

  • Kukunikela ngemali, izacholo, okanye ezinye izinto zexabiso. Bhala ileta ebonisa ukuba loo mali okanye loo nto ngumnikelo osuka kuwe.

IMINIKELO ENEMIQATHANGO

  • Yiminikelo yemali enemiqathango yokuba uphinde uyibuyiselwe xa uyidinga.

  • Bhala ileta echazayo ukuba lo mnikelo unemiqathango.

EZINYE IINDLELA ZOKUNIKELA

Apha ngezantsi kudweliswe nezinye iindlela onokunikela ngazo ukuze uxhase umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Ngaphambi kokuba unikele, nceda uqhagamshelane neofisi yesebe eliphantsi kwayo ilizwe okulo ukuze wazi ukuba yiyiphi iminikelo eyamkelekileyo kwindawo ohlala kuyo. Imigaqo kunye nemithetho yerhafu iyahluka kwiindawo ngeendawo, ngoko buza umntu onolwazi ngaphambi kokuba unikele.

I-inshorensi Nemali Yomhlala-phantsi: Ngumnikelo owenziwa ngokubhalisa umbutho osetyenziswa ngamaNgqina KaYehova njengomele ufumane imali yeinshorensi xa uye wasweleka okanye wadla umhlala-phantsi.

Iiakhawunti Zebhanki: Imali ekwiiakhawunti zebhanki inokuhlawulwa ngqo kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina KaYehova xa uye wasweleka, ngokuvisisana nemithetho yeebhanki zasekuhlaleni.

Imali Eselugcinweni Neebond: Umntu unokunikela ngqo ngemali eselugcinweni neebond kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina KaYehova njengesipho okanye enze isivumelwano esibhaliweyo sokuba itransferwe akusweleka.

Izindlu Nemihlaba: Ukuba umntu unendlu okanye umhlaba onokuthengiswa, unokunikela ngawo kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina KaYehova njengesipho okanye, ukuba uhlala kuwo, unokwenza isivumelwano sokuba aqhubeke ehlala kuwo de asweleke.

Iminqophiso Yamafa: Umntu unokulungiselela ukuba xa eswelekile kunikelwe ngezinto okanye ngemali yakhe kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina KaYehova ngokubhala echaza ukwabiwa kwelifa okanye enze isivumelwano esigunyazisa loo mbutho njengomele ufumane ilifa. Ngenxa yoko usenokwehliselwa irhafu yakhe.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela yokunikela kumsebenzi wamaNgqina KaYehova owenziwa ehlabathi lonke usenokufunda incwadana ethi Charitable Planning to Benefit Kingdom Service Worldwide, ephume ngesiNgesi nangeSpanish. Le ncwadana ichaza iindlela ezahlukeneyo umntu anokunikela ngazo. Inkcazelo ekuyo isenokungasebenzi ngokupheleleyo kwimeko yakho ngenxa yemithetho yerhafu okanye eminye imithetho yelizwe lakho. Abantu abaninzi baye bafak’ isandla ekuxhaseni umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke, baza bafumana iingenelo zerhafu ngokuthi banikele ngenye yezi ndlela. Ukuba le ncwadana iyafumaneka kwilizwe lakho, unokuyicela kunobhala webandla lakho.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, cofa indawo ethi “Yenza Umnikelo Womsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke” esezantsi kwiphepha lokuqala ku-jw.org/xh, okanye usenokuqhagamshelana neofisi yesebe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share