IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w16 Novemba iphe. 19-20
  • “Umsebenzi Mkhulu”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Umsebenzi Mkhulu”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uyawusikelela Umoya Wokuzithandela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Intsalela Yabo Ilingene Ukuswela Kwenu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Oko Sinokukwenza Ukuze Sinyamekele Abanye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • ‘Onobubele Uya Kusikelelwa’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
w16 Novemba iphe. 19-20
UKumkani uDavide ubonisa indoda iplani yetempile; umzalwana ujonga iplani

“Umsebenzi Mkhulu”

LIXESHA lentlanganiso ebaluleke kakhulu eYerusalem. UKumkani uDavide ubize zonke iinkosana, amagosa enkundla namadoda anamandla. Bavuyiswa kakhulu kukuva isaziso esikhethekileyo. UYehova uthume unyana kaDavide, uSolomon, ukuba akhe isakhiwo esingaqhelekanga sokunqulela uThixo wenene. UDavide, osele ekhulile ufumene iplani ngokuphefumlelwa waza wayinika uSolomon. Uthi: “Umsebenzi mkhulu; kuba inqaba le asiyamntu, kodwa yekaYehova uThixo.”​—1 Kron. 28:1, 2, 6, 11, 12; 29:1.

Emva koko uDavide ubuza lo mbuzo: “Ngubani okhoyo ozinikela ngokuzithandela ukuba azalise namhlanje isandla sakhe ngesipho sikaYehova?” (1 Kron. 29:5) Ukuba wawulapho, wawuya kuphendula uthini? Ngewawuwuxhasile lo msebenzi mkhulu kangaka? AmaSirayeli awazange alibazise. Enyanisweni aba “nemihlali ngokwenza umnikelo wokuzithandela kuYehova.”—1 Kron. 29:9.

Kwiinkulungwane kamva, uYehova wasungula into enkulu lee kunetempile. Waqalisa itempile enkulu yokomoya, ilungiselelo lokuba abantu bamnqule ngokusekelwe kwidini likaYesu. (Heb. 9:11, 12) UYehova ubanceda njani abantu baxolelaniswe naye namhlanje? Ngomsebenzi wethu wokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Ngenxa yalo msebenzi, nyaka ngamnye izigidi ngezigidi zezifundo zeBhayibhile ziyaqhutywa, inyambalala yabafundi iyabhaptizwa, namakhulukhulu amabandla ayasekwa.

Ulwando olungako lubangela ukuba kushicilelwe iiBhayibhile ezininzi, kwakhiwe kuze kulungiswe iiHolo zoBukumkani, kwaye kuthengwe iziza zeeholo zendibano. Ngaba awuvumi ukuba umsebenzi wethu wokusasaza iindaba ezilungileyo mkhulu kwaye unomvuzo?​—Mat. 24:14.

Ukuthanda uThixo nommelwane nokungxamiseka komsebenzi wokushumayela ngoBukumkani zibangela abantu bakaThixo ‘bazalise izandla zabo ngesipho sikaYehova’ ngeminikelo yokuzithandela. Kuvuyisa kakhulu ‘ukubeka uYehova ngezinto zethu zexabiso’ nokubona indlela loo minikelo esetyenziswa ngokuthembeka nangokuqonda ngayo ukuze kwenziwe owona msebenzi mkhulu kwimbali yoluntu!​—IMize. 3:9.

Iindlela Abanye Abakhetha Ukunikela Ngazo Kumsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke

Abaninzi namhlanje ‘babekela bucala’ imali, baze bayifake kwibhokisi yomnikelo ebhalwe “Umsebenzi Owenziwa Ehlabathini” esebandleni labo. (1 Kor. 16:2) Nyanga nganye, amabandla athumela le minikelo kwiofisi yamaNgqina kaYehova ekwilizwe lawo. Unako ukuyithumela ngokuthe ngqo iminikelo kumbutho osemthethweni osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kwilizwe okulo. Ukuze wazi igama laloo mbutho nceda uqhagamshelane neofisi yesebe. Iadresi inokufunyanwa ku-www.pr2711.com. Nazi iindlela onokunikela ngazo:

IMINIKELO

  • Yiminikelo eyenziwa ngokutransfera imali okanye ngekhadi. Kwamanye amasebe, kunokusetyenziswa u-jw.org okanye enye iwebhsayithi.

  • Kukunikela ngemali, izacholo, okanye ezinye izinto zexabiso. Quka ileta ebonisa ukuba imali okanye loo nto ngumnikelo osuka kuwe ngokuthe ngqo.

IMINIKELO ENEMIQATHANGO

  • Yiminikelo yemali enemiqathango yokuba uphinde uyibuyiselwe xa uyidinga.

  • Bhala ileta echazayo ukuba lo mnikelo unemiqathango.

EZINYE IINDLELA ZOKUNIKELA

Apha ngezantsi kudweliswe ezinye iindlela onokunikela ngazo ukuze uxhase umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Ngaphambi kokuba unikele, nceda uqhagamshelane neofisi yesebe enyamekela ilizwe lakho ukuze wazi ukuba yiyiphi iminikelo eyamkelekileyo kwindawo ohlala kuyo. Imigaqo kunye nemithetho yerhafu iyahluka kwiindawo ngeendawo, ngoko buza umntu onolwazi ngaphambi kokuba unikele.

I-inshorensi: Ngumnikelo owenziwa ngokubhalisa umbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova njengomele ufumane imali yeinshorensi xa uye wasweleka okanye wadla umhlala-phantsi.

Iiakhawunti Zebhanki: Iiakhawunti zebhanki, izatifiketi zedipozithi, okanye iimali zomhlala-phantsi zinokuhlawulwa ngqo kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova xa uye wasweleka, ngokuvisisana nemithetho yeebhanki zasekuhlaleni.

Imali Eselugcinweni Neebond: Umntu unokunikela ngokuthe ngqo ngemali eselugcinweni neebond kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova. Unokwenza isivumelwano sokuba loo mali idluliselwe kumbutho xa esweleka.

Izindlu Nemihlaba: Ukuba umntu unendlu okanye umhlaba anokuwuthengisa, unokunikela ngawo kumbutho osetyenziwa ngamaNgqina kaYehova. Ukuba uhlala kuloo mhlaba, unokwenza isivumelwano sokuba aqhubeke ehlala apho de asweleke.

Umnikelo Onembuyekezo: Umntu unokunikela ngemali kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova aze enze isivumelwano sokuba abuyekezwe isixa esithile semali nyaka ngamnye ngoxa esaphila. Usenokwehliselwa irhafu yakhe ngenxa yeso sixa semali anikele ngaso.

Iminqophiso Yamafa: Umntu unokwenza amalungiselelo okuba kunikelwe ngezinto zakhe okanye imali yakhe xa eswelekile. Unokukwenza oku ngokubhala ileta echaza ukwabiwa kwamafa okanye isivumelwano esigunyazisa umbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova njengomele ufumane ilifa. Ngenxa yoko usenokwehliselwa irhafu yakhe.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela yokunikela kumsebenzi wamaNgqina kaYehova owenziwa ehlabathi lonke usenokufunda incwadana ethi Charitable Planning to Benefit Kingdom Service Worldwide, ephume ngesiNgesi nangeSpanish. Le ncwadana ichaza iindlela ezahlukeneyo umntu anokunikela ngazo. Inkcazelo ekuyo isenokungasebenzi ngokupheleleyo kwimeko yakho ngenxa yemithetho yerhafu okanye eminye imithetho yelizwe lakho. Abantu abaninzi baye bafak’ isandla ekuxhaseni umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke, baza bafumana iingenelo zerhafu ngokuthi banikele ngenye yezi ndlela. Ukuba le ncwadana iyafumaneka kwilizwe lakho, unokuyicela kunobhala webandla lakho.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, cofa indawo ethi “Yenza Umnikelo Womsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke” esezantsi kwiphepha lokuqala ku-jw.org/xh, okanye usenokuqhagamshelana neofisi yesebe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share