IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 6/1 iphe. 3-5
  • Indlela Isayensi Ebuchaphazela Ngayo Ubomi Bakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Isayensi Ebuchaphazela Ngayo Ubomi Bakho
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ULWAZI OLULINGANISELWEYO LWESAYENSI
  • Indalo Nobomi Zabakho Njani?
    Vukani!—2002
  • Ukuvisisana Kwenzululwazi Nonqulo
    Vukani!—2002
  • Athini AmaNgqina KaYehova Ngesayensi?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Inzululwazi—Iphulo Elingapheliyo Loluntu Lokufuna Inyaniso
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 6/1 iphe. 3-5
Ukuphucuka kwesayensi kwiimoto, iGPS, iisatellite, iinqwelo-moya, iziskeni zengqondo

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA ISAYENSI ITHATHE INDAWO YEBHAYIBHILE?

Indlela Isayensi Ebuchaphazela Ngayo Ubomi Bakho

Ngokutsho kwesinye isichazi-magama, “isayensi luhlolisiso olwenziwa ngoososayensi ngenjongo yokwazi indalo nendlela esebenza ngayo.” Akuyondlwan’ iyanetha ke ukwenza lo msebenzi. Oososayensi babila besoma besenz’ uphando de kuqengqeleke iiveki, iinyanga neminyaka. Ngamanye amaxesha babuya nemband’ esikhova kwimigudu yabo, kodwa amaxesha amaninzi siyancedwa luphando abaza nalo. Nantsi imizekelo:

Enye inkampani yaseYurophu yavelisa esinye isixhobo esenziwe ngeplastiki eqinileyo enesihluzo esisemgangathweni ukuze kuphetshwe izifo ezibangelwa kukuselwa kwamanzi angcolileyo. Izixhobo ezinjalo ziye zalulutho ngamaxesha entlekele, njengaxa kwakukho inyikima eHaiti ngo-2010.

Esibhakabhakeni kukho amaza omoya ancedisana nesixhobo esinemaphu esiyiGPS. Ngaphambili, sasenzelwe ukunceda amajoni kodwa ngoku sisetyenziswa nangabaqhubi beemoto, beenqwelo-moya, beenqanawa, abazingeli nabakhenkethi. Basinceda kakhulu oososayensi abavelisa iGPS, eyenza kube lula ukufumana indawo esiya kuyo.

Ngaba usebenzisa ifowuni, ikhompyutha okanye i-Intanethi? Ngaba uyibonile impilo yakho isiba bhetele emva kokusebenzisa amayeza athile? Ngaba ukhe uhambe ngenqwelo-moya? Ukuba kunjalo, nawe uyaxhamla kwisayensi. Ngokuqinisekileyo, isayensi idlala indima ebalulekileyo ebomini bethu.

ULWAZI OLULINGANISELWEYO LWESAYENSI

Oososayensi bale mihla abapheli mandla ekufundeni ngendalo ukuze bandise ulwazi lwabo. Iingcali zenyukliya zisoloko zifunda ngendlela iathom esebenza ngayo ngoxa iingcali zezinto ezisemajukujukwini zizama ukuqonda ngemvelaphi yendalo. Kuwo onke la matile-tile okufikelela iindawo ezikude, abanye oososayensi bathi ukuba lo Thixo kuthethwa ngaye eBhayibhileni ebekho ngokwenene, ngekukudala bamfumanayo.

Abanye oososayensi neengcali ezaziwayo bade batsiba elikaphungela ngokuxhasa amazwi ombhali wesayensi uAmir D. Aczel owathi, “isayensi ingqina ukuba uThixo akakho.” Ngokomzekelo, omnye usosayensi owaziwayo wakha wathi, “ukungabikho kobungqina obubonisa ukuba indalo yadalwa nguThixo kubonisa ukuba yintsomi emini into yokuba ukho.” Abanye bathi imimangaliso ekuthethwe ngayo eBhayibhileni eyenziwa nguThixo “ngumlingo” nje.a

Sekunjalo, nanku umbuzo ophakamayo: Ngaba uphando olwenziwe ngoososayensi ngendalo lwanele kangangokuba bangade baqine kwizigqibo zabo? Unotshe. Ewe kona, isayensi iziphucule izinto, kodwa oososayensi abaninzi bayavuma ukuba iseninzi into abangayaziyo, ibe akukho ndlela yakuzazi ezinye izinto. Ingcali uSteven Weinberg, owakhe wawongwa ngembasa yeNobel uthi, “Nokuba sesithanda, asinakuze sazi yonke into ngendalo.” Ingcali yeenkwenkwezi yaseBritani uProfesa Martin Rees, yabhala yathi: “Kukho izinto abangenakuze baziqonde abantu.” Inyaniso kukuba, zininzi izinto oososayensi abangazaziyo ngendalo, ukususela kwizinto ezingenakubonwa ngeliso lenyama ukusa kwindalo iphela. Makhe sizekelise:

  • IDNA

    Iingcali zebhayoloji azikayazi kakuhle indlela esebenza ngayo iseli. Bema nematha oososayensi xa kufuneka bachaze indlela iiseli eziwasebenzisa ngayo amandla, indlela eziyivelisa ngayo iproteni nendlela eziziphindaphinda ngayo.

  • Inkwenkwana egqampisa ibhola

    Amandla omxhuzulane asebenza lonke ixesha. Kodwa indlela asebenza ngayo iseyintsinda-badala nangoku koososayensi. Abakayazi ngokupheleleyo indlela umxhuzulane otsalela ngayo izinto emhlabeni nendlela ogcina ngayo inyanga ijikeleza umhlaba.

  • Indalo iphela

    Iingcali ngendalo ziqikelela ukuba i-95 pesenti yezinto ezikwindalo ayinakubonwa ngezixhobo zesayensi. Ziye zagqiba kwelokuba ziyimfihlo engapha kokuqonda.

Zikho nezinye izinto ezibabhidayo oososayensi. Kutheni kubalulekile nje oku? Omnye umbhali wesayensi odumileyo wakha wathi: “Zininzi gqitha izinto esingazaziyo kunezo sizaziyo. Mna ndikholelwa ukuba isayensi imele ikwenze uphangalale kunokuba ubambelele ngenkani koko sele ukwazi.”

Ngoko ukuba ucing’ ukuba isayensi ingaze ithathe indawo yeBhayibhile ize yenze abantu bangakholelwa kuThixo, khawucinge ngoku: Oososayensi abakrelekrele bazame kangangoko ukuphanda besebenzisa izixhobo zabo ezinamandla, kodwa basenezinto ezininzi abangazaziyo ngendalo. Ngaba ke ngoko kububulumko ukuzibetha ngoyaba izinto abangasoze bakwazi ukuziphanda? Eliny’ inqaku elithetha ngendalo elikwiEncyclopedia Britannica lathi: “Nangona kudlule iminyaka ephantse ibe yi-4 000 abantu befunda ngeenkwenkwezi, zisababhida nangoku njengokuba kwakunjalo ngezazi zaseBhabhiloni.”

AmaNgqina kaYehova ayasihlonipha isigqibo somntu ngamnye sokuzikhethela oko afuna ukukukholelwa. Sizimisele ukulandela icebiso leBhayibhile elithi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Yiloo nto sikucela ukuba uhlolisise indlela isayensi edibana ngayo neBhayibhile.

a Abanye abantu abafuni nokuyibona iBhayibhile ngenxa yeemfundiso zecawa, njengeyokuba umhlaba usembindini wendalo yonke nokuba indalo yadalwa kwiintsuku nje ezintandathu ezineeyure eziyi-24.—Funda ibhokisi ethi “IBhayibhile Nesayensi.”

IBhayibhile Nesayensi

IBhayibhile asiyoncwadi yesayensi. Kodwa ininzi into ethethwa ngababhali bayo enokuthimba umdla woososayensi banamhlanje. Nantsi eminye imizekelo.

  • Indalo iphela

    Inexesha elingakanani ikho indalo?

    Oososayensi baqikelela ukuba umhlaba uneminyaka ephantse ibe ziibhiliyoni eziyi-4 ukho ibe kuqikelelwa ukuba iyonke indalo ineminyaka ephantse ibe yi-13 ukuya kutsho kweyi-14 bhiliyoni. IBhayibhile ayisichazeli ukuba kwaqalwa nini ukudalwa. Ayikho nendawo engqina ukuba umhlaba uneminyaka nje embalwa ukho. Ivesi yokuqala yeBhayibhile ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Loo vesi iyabavumela oososayensi baziphandele ukuba lixesha elingakanani ikho indalo.

  • Iintaba, izityalo namanzi

    Indlela umhlaba olungiswe ngayo ukuze umiwe ngabantu

    Isahluko sokuqala seGenesis sisebenzisa igama elithi “usuku” xa sithetha ngamanqanaba okudalwa komhlaba nezidalwa eziphila kuwo. Ekugqibeleni uThixo wadala abantu. IBhayibhile ayisichazeli ukuba zazinde kangakanani ‘iintsuku’ ezintandathu zokudala. Kunoko elo xesha ilishiyele oososayensi ukuba baziphandele ukuba lalilide kangakanani. Kodwa siyazi ukuba ezo ‘ntsuku’ zokudala zazingaphezu kweeyure eziyi-24.

  • Umhlaba

    Uxhonywe entwenini umhlaba?

    IBhayibhile ithi umhlaba ‘uxhonywe kokungento.’ (Yobhi 26:7) Akukho kwanto ethi umhlaba wethu uxhaswe sisigantsontso okanye ziindlovu ezime phezu kofudo, njengokuba kwakukho iintsomi ezitshoyo mandulo. Kunoko iBhayibhile ikushiyele oososayensi oko ukuba baziphandele. Emva kwexesha, uNicolaus Copernicus noJohannes Kepler bachaza indlela iiplanethi ezilijikeleza ngayo ilanga ziqhutywa ngamandla angabonakaliyo. Kamva uIsaac Newton wabonisa indlela amandla omxhuzulane azilawula ngayo izinto ezisesibhakabhakeni.

  • Intsholongwane

    Imiyalelo yokuphepha izifo ezosulelayo nococeko

    Incwadi yeLevitikus inemiyalelo eyayisiya kumaSirayeli ethetha ngendlela awayemele aphathwe ngayo umntu onesifo esosulelayo kuquka nokuhlaliswa kwakhe yedwa. Ngokuphathelele ucoceko, umthetho okwiDuteronomi 23:12, 13 wayalela amaSirayeli ukuba xa ezithuma, aye ngasese kude neenkampu awayehlala kuzo. Ayemele ‘aligqume ilindle’ lawo ngomhlaba. Oososayensi noogqirha baye bakuqonda ukubaluleka kwalo myalelo kule minyaka iyi-200 idlulileyo.

Le nkcazelo iseBhayibhileni usandul’ ukuyifunda yabhalwa kwiinkulungwane ezadlulayo. Kwenzeka njani ukuba ababhali beBhayibhile belo xesha babhale izinto ezichane ngolo hlobo ngoxa izifundiswa zaloo mihla zazingazi nowathwethwa ngazo? UMbhali weBhayibhile uphendula athi: “Kuba njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba, ngokunjalo neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu, neengcamango zam kuneengcamango zenu.”—Isaya 55:9.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share