IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp18 No. 3 iphe. 3
  • “Ebephi UThixo?”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Ebephi UThixo?”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuye Kwandivuyisa Ukukhonza UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Ingqibelelo Yakho Iyayivuyisa Intliziyo KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba Ndifanele Ndifudukele Kwilizwe Elimi Kakuhle?
    Vukani!—1993
  • Ngaba Ukhona Umntu Ondikhathaleleyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
wp18 No. 3 iphe. 3
Abantu abazilileyo baphethe amakhandlela

“Ebephi UThixo?”

“UMANE USITHI QATHA KUM UMBUZO OTHI: EBEPHI UTHIXO?”​—UPopu Benedict XVI, xa wayetyelele kwinkampu ekwakukade kuvalelwa kuyo amabanjwa yaseAuschwitz, ePoland.

XA KWENZEKE IZINTO EZIBUHLUNGU, NGABA UKHE UZIBUZE UKUBA ‘EBEPHI UTHIXO?’ OKANYE WAKHE WEHLELWA YINTO EMBI EYAKWENZA WATHANDABUZA UKUBA UTHIXO UKUHOYILE?

Mhlawumbi nawe uziva njengoSheila, ohlala eMerika. Kowabo babengabantu abakhonzayo. Uthi: “Ndamthanda ndisemncinci uThixo kuba nguMdali wethu. Kodwa ndandingaziva ndisondele kuye. Ndandisazi ukuba undijongile, kodwa endijongele kude. Ewe kona, ndandingacingi ukuba uThixo uyandicaphukela kodwa ndandingenakuthi uyandithanda.” Yintoni eyayimenza athandabuze? Uthi: “Ekhaya kwakusenzeka izinto ezibuhlungu, enye emva kwenye, ibe yayingathi uThixo usonge izandla.”

NjengoSheila, mhlawumbi nawe uqinisekile ukuba uThixo uSomandla ukhona. Kodwa awuqinisekanga ukuba ukuhoyile wena. Indoda elilungisa uYobhi, nangona yayikholelwa ukuba uMdali unamandla ibe usisilumko, nayo yayingaqinisekanga. (Yobhi 2:3; 9:4) Emva kokuba ehlelwe zizinto ezibuhlungu, enye emva kwenye, kungekho siqabu, wathi kuThixo: “Kutheni ubufihla ubuso bakho uze undigqale njengotshaba lwakho?”​—Yobhi 13:24.

Ithini yona iBhayibhile? Ngaba singatyhola uThixo ngezinto ezibuhlungu ezenzekayo? Bukhona ubungqina bokuba uThixo ubahoyile abantu? Ngaba ukhona apha kuthi umntu onokutsho eqinisekile ukuba uThixo uyasibona, uyasazi, uyavelana nathi, okanye uyasinceda kwiingxaki zethu?

Kula maphepha alandelayo siza kubona ukuba indalo isifundisa ntoni ngale nto. (Roma 1:20) Emva koko siza kujonga ukuba iBhayibhile yona ithini. Xa usiya ‘umazi’ uThixo ngokufunda kwindalo yakhe nakwiLizwi lakhe, uza kutsho uqiniseke ukuba ‘ukukhathalele.’​—1 Yohane 2:3; 1 Petros 5:7.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share