‘Ukukhathalele’
Nokuba abanye abantu banokukulahla, ukhona umntu ongasoze akushiye. Ngubani lowo?
UKumkani uDavide, xa wayemdala wathi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.”—INdumiso 27:10.
UYehova ‘nguYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.’—2 Korinte 1:3, 4.
‘Liphose kuye lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.’—1 Petros 5:7.
Ukuze ufunde ngendlela uThixo afuna ngayo ukukunceda, funda isifundo 8 sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! eyenziwe ngamaNgqina KaYehova. Iyafumaneka naku-www.pr2711.com/xh