IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w19 Aprili iphe. 31
  • Ngaba Ubusazi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ubusazi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Amanqaku Afanayo
  • “Akukho Nomnye Kuni Oza Kufa”
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • “Ngeengozi Elwandle”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Ukuya Nakwezona Ndawo Zikude Zomhlaba
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Uthando Olumanyanisayo
    Vukani!—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
w19 Aprili iphe. 31
UPawulos uthetha nomntu osebenza kwinqanawa yabantu abathengisayo

Ngaba Ubusazi?

Kudala umntu wayehamba njani ngenqanawa?

NGOKUQINISEKILEYO ngexesha likaPawulos, zazingekho iinqanawa ezenzelwe ukukhwelisa abantu. Ukuze umntu ahambe ngenqanawa, kwakufuneka abuze kwabanye abantu ukuba akukho nqanawa yabantu abathengisayo iya kwindawo aya kuyo, eyayinokukhwelisa abantu. (IZe. 21:2, 3) Enoba umntu wayekhwele inqanawa engayi kwindawo aya kuyo, wayenokwehlika aze akhangele eza kumsondeza kule aya kuyo, ekubeni iinqanawa zazihamba zimisa kwiindawo ezahlukeneyo.​—IZe. 27:1-6.

Kwakuhanjwa ngeenqanawa ngamaxesha athile ngonyaka, ibe naxa sele zihamba kwakunzima ukuyazi ukuba ziza kuphuma ngabani ixesha kanye kanye. Abanye abaqhubi beenqanawa babelibazisa ukuhamba kungekuphela nje ngenxa yemozulu embi kodwa nangenxa yeenkolelo. Ngokomzekelo, babehamba kade xa kukho ihlungulu elikhalayo elihleli phezu kweentambo okanye amatsheyina abambe inqanawa okanye xa bebone inqanawa eyonakeleyo ngaselunxwemeni. Babesithi ezo zinto zibonisa ukuba kukho into embi eza kwenzeka. Abaqhubi beenqanawa babehamba xa kungekho moya ubhudlayo. Xa umntu efumene inqanawa eza kumkhwelisa, wayethatha umthwalo wakhe aze aye kwindawo ekukho kuyo iinqanawa, aze alinde isaziso esithi inqanawa sele iza kuhamba.

Umbhali-mbali uLionel Casson uthi: “Idolophu yaseRoma yayinendlela elula yokufumanela abantu inqanawa, ngoko babengadingi ukuzikhangelela. Kule dolophu, indawo ehlala iinqanawa yayikuMlambo iTiber. Kufutshane neRoma kwakukho idolophu ekuthiwa yiOstia eyayinendawo enkulu ekuthengiswa kuyo ejikelezwe ziiofisi. Uninzi lwezi ofisi yayizezabantu okanye iinkampani zeendawo ekuhlala kuzo iinqanawa. Inkampani yaseNarbonne [eyiFransi namhlanje] yayineofisi, kanti neyaseCarthage [eyiTunisia namhlanje] yayinayo, njalo njalo. Nabani na ofuna ukuhamba ngenqanawa wayebuza kwiiofisi ukuba zeziphi eziya kwindawo aya kuyo.”

Kwakusonga ixesha ukuhamba ngenqawa kodwa kwakuneengxaki. Amaxesha amaninzi uPawulos wayesophukelwa yinqanawa xa wayeshumayela njengomvangeli ohambahambayo.​—2 Kor. 11:25.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share