Ukufeza Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani Ngoncedo LweIndex
1 NjengamaKristu azahluleleyo, ngokunyanisekileyo sizabalazela ukufeza ubulungiseleli bethu. Ukuze asincede senze oku, uYehova usilungiselele uvimba wokusikhokela nokusikhuthaza olithala elikhulu leempapasho ezixabisekileyo. Ngaba sinokuzisebenzisa ngokunengenelo ngakumbi ezi mpapasho? Uncedo oluyintloko lokwenjenjalo yiWatch Tower Publications Index, ebipapashwa ngokuqhubekayo ngeelwimi ezahlukahlukeneyo ukususela ngowe-1961. (Ukuba akukwazi ukufunda isiNgesi, sikukhuthaza ukuba usebenzise Isalathiso Semibandela esipapashwa kwinkupho kaDisemba 15 nekaDisemba 8 yeMboniselo noVukani! Esi salathiso sinokukunceda uwafumane ngokulula amanqaku awaphuma kwiMboniselo nakuVukani! ebudeni bonyaka ophelileyo.)
2 I-Index inokukunceda njani ukuba ufeze ubulungiseleli bakho? Oku ikwenza ngokukubonisa indlela yokufumana isiluleko esibalaseleyo neenkcazelo esele zinikelwe. I-Index ilungiselelwe kucingwa ngabazalwana abasehlabathini lonke. Ukususela kubantwana kuse kumaxhego namaxhegokazi, abo basandul’ ukuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile ukusa kubadala, bonke banokufumana iimbekiselo abazifunayo zayo nayiphi na injongo eyiyeyengenelo.
INDLELA YOKUZUZA OKO UKUFUNAYO
3 Ukuba unomdla kwintsingiselo yendinyana ethile okanye kwiindinyana eziliqela, uya kukufumanisa kukokona kuhle ukuqala ngokutyhila kwisalathiso sezibhalo ekugqibeleni. Ngaba uthile uye wacaphula uYohane 10:30 ngelinge lokungqina imfundiso kaBathathu Emnye? Isalathiso sezibhalo siya kukwalathisa kumbandela ocacisa isizathu sokuba uYesu wathetha loo mazwi. Isalathiso sezibhalo siya kulwenza lube yingenelo ufundo lwethu lobuqu lweBhayibhile njengoko sifuna ingcaciso yeendinyana ezibonakala zisixaka okanye zingacacanga.
4 Isalathiso semibandela sinikela iindlela ezahlukeneyo zokufikelela inkcazelo ekwanye eluncedo. Ngokomzekelo, usenokuba ufuna inkcazelo engoko mawukwenze ukuba iqabane elingakholwayo alivumelani nokuhamba kwakho nabantwana ukuya ezintlanganisweni. Ukuze ufumane impendulo, usenokutyhila kwimixholo ethi, “Husbands,” “Wives,” “Children,” “Opposition,” okanye othi “Meetings.” Kuwo nawuphi na umbandela, ukuba oko ukufunayo akufumaneki phantsi komxholo wokuqala owutyhilileyo, zama komnye. Zibuze oku: ‘Ngubani obandakanyekileyo? Ngaba yindawo ethile ebalulekileyo? Ngaba luphawu okanye bubuchule obuthile? Ngaba yimvakalelo ebalaseleyo? Ngaba lusukelo oluthile?’ Ukuba ufumana umxholo oyintloko obonakala ungochanileyo, qala ngokuhlolisisa iimbekiselo ezithungelanayo eziphantsi kwawo. Ngokufuthi ezi zikongela ixesha ngokukwalathisa komnye umxholo ohlab’ emxholweni.
5 Ubuchule ekusebenziseni i-Index bunokuba negalelo elikhulu ekubeni ngabanempumelelo ekufezeni iimbopheleleko zethu ezingcwele. Iintsapho zethu, izifundo zethu zeBhayibhile namabandla esikuwo aya kungenelwa njengoko siya sisiba nobuchule ekusebenziseni esi sixhobo. Iinkupho ezilandelayo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani ziza kuhlolisisa iinkalo ezingqalileyo enokuthi kuzo iWatch Tower Publications Index ibe luncedo oluxabiseke kunene ekufezeni ubulungiseleli bethu boBukumkani.