Ukufeza Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani NjengamaNgqina KaYehova
1 NjengamaNgqina kaYehova sinelona lungelo likhulu emhlabeni. Simela uYehova kwityala lenkundla lendalo iphela apho kuxoxwa ityala labo bonke abo banqulwa njengoothixo. (Isa. 41:1, 23; 43:12) Ukusinceda ukuba silikhusele ngokufanelekileyo ithemba esinalo, uYehova usilungiselele ithala elityebileyo leempapasho. (1 Pet. 3:15) Isikhokelo esibalulekileyo ekufumaneni inkcazelo esiyifunayo yiWatch Tower Publications Index. Ukuqhelana nezinye zeenkalo zayo eziziintloko kuya kusinceda siyisebenzise ngobuchule obungakumbi.
2 Sonke sifanele siqhelane kakuhle nomxholo omkhulu othi “Jehovah.” Phantsi kwaloo mxholo kwi-1986-1989 Index, ngaba unokuzifumana iimbekiselo ezichaza izizathu zokuvumela kukaYehova ubungendawo okomzuzwana? Kwakhona, uya kufumana umxholo obhalwe esazulwini somhlathi othi “Name” kwi-1930-1985 Index nakwi-Index yangoku. Zonke iimbekiselo ezalatha kwiimpapasho ezingegama likaYehova zibhalwe apha. Kwisalathiso saminyaka le kwiphepha lokugqibela leMboniselo kaDisemba 15 kukho inkcazelo efanayo edweliswe phantsi komxholo othi “UYehova.”
3 Omnye umxholo obaluleke kakhulu ngothi “Jehovah’s Witnesses.” Ngaphantsi kwawo kukho iimbekiselo ezithetha ngamaNgqina kaYehova njengentlangano. Ngaba uyayazi imbono efanelekileyo esinayo ngemfundo ephakamileyo, utyando lwezidumbu, ukubulala ngoxa uzikhusela, okanye ukunikela uncedo kwintlalo-ntle yoluntu? Uya kufumana iimbekiselo zemibuzo enjalo ngaphantsi komxholwana othi “attitude toward—.” Kwalapha kudweliswe imbali yanamhla yamaNgqina kaYehova kumazwe awahlukahlukeneyo, kwaye uludwe olubanzi loko kuthethwayo ngamaNgqina kaYehova lufumaneka phantsi komxholo osesazulwini othi “Statements by Others.” Inkcazelo efanayo idweliswe phantsi komxholo othi “AmaNgqina KaYehova” kwisalathiso saminyaka le senkupho nganye yeMboniselo kaDisemba 15.
4 Inkcazelo engendlela abantu bakaYehova kumaxesha anamhla abaye babufeza ngayo ubulungiseleli babo boBukumkani inokufunyanwa ngokusetyenziswa kwemixholo eliqela eyintloko. Phantsi komxholo othi “Dates,” kukho osesazulwini othi “Clarification of Beliefs.” Iimbekiselo ezalatha ekucacisweni kweendlela esiziqonda ngazo iimfundiso ezisisiseko, isiprofeto nemizekelo yesiprofeto zidweliswe ngokulandelelana kweminyaka. Phantse ngokukhawuleza emva koko kulandela othi “Dates of Prophetic Significance.” Le yiminyaka ezazaliseka okanye ezaqalisa ngayo ukuzaliseka iziprofeto okanye imizekelo engokwesiprofeto.
5 Amabali obomi babakhonzi abathembekileyo bakaYehova angumthombo wokhuthazo ibe ayasifundisa. Anokusinceda sakhe isiseko esiqinileyo sekamva kubantwana bethu nakwabo sifunda nabo iBhayibhile. Uya kuwafumana la mabali obomi edweliswe ngamagama abantu nemixholo yenqaku phantsi kothi “Life Stories of Jehovah’s Witnesses.” Kwakhona bona umxholo othi “Amabali Obomi” kwisalathiso saminyaka le seMboniselo kaDisemba 15.
6 Okwenza abantu bakaYehova bahluke yimfundiso engokweZibhalo yamathemba aziindidi ezimbini abanawo abo bakholekileyo kuYehova—ithemba lasezulwini nelasemhlabeni. Umxholo oyintloko esifumana phantsi kwawo iimbekiselo ezithetha ngabo bafumene ‘ubizo lwasezulwini’ ngothi “Congregation of God.” (Heb. 3:1; IZe. 20:28; 1 Tim. 3:15) Omnye umxholo ngothi “Remnant” nothi “144 000.” Imixholo emibini, othi “Great Crowd” nothi “Other Sheep,” yeyintloko eyalatha kwinkcazelo ethetha ngabo banethemba lobomi obungunaphakade emhlabeni.—ISityhi. 7:9; Yoh. 10:16.
7 Enoba siselula okanye sikhulile, ilungelo lokuba ngomnye wamaNgqina kaYehova libandakanya zonke iinkalo zobomi. Amanqaku eenkupho ezilandelayo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani aya kubonisa indlela i-Index enokusinceda ngayo kubulungiseleli bethu, ebandleni, entsatsheni nasentsimini.