Iindaba Ezingokobuthixo
◆ IBelize yaba nabavakalisi abangaphezu kwama-900 ngoAgasti, ekubeni babengama-902 bebonke abathi bafak’ ingxelo. Olu lulwando lwe-11 ekhulwini kunomlinganiselo wanyakenye.
◆ IEcuador iqukumbele ungcelele lwayo lweeNdibano Zesithili “Zentetho Enyulu” ngoziwo olusisimbuku sama-40 799. Incopho yalapho yabavakalisi abali-18 069 ngoAgasti yayilulwando lwama-25 ekhulwini kunomlinganiselo wonyaka ophelileyo.
◆ Kwiindibano zesithili ezaziseHaiti kwakuze abantu abali-13 236, kwaza kwabhaptizwa abangama-396. Incopho yabavakalisi kulo nyaka ibe ngama-6427.
◆ INew Caledonia ifikelele incopho entsha yabavakalisi abali-1165 ngoAgasti, ulwando lwe-15 ekhulwini.
◆ INew Zealand yaba nolwando lwe-10 ekhulwini ngoAgasti ngencopho entsha yabavakalisi abali-11 515.
◆ IVanuatu yaba nolwando lwama-83 ekhulwini ngoAgasti ngencopho entsha yabavakalisi abali-189. Umvakalisi webandla ngamnye unezifundo ezibini zeBhayibhile ngokomlinganiselo.