Owona Mhla Ubalulekileyo Ngowe-1991
1 Owona mhla ubalulekileyo kwikhalenda yethu kulo nyaka nguMgqibelo, ngoMatshi 30. Emva kokutshona kwelanga ngolo suku, siya kube sisenza iSikhumbuzo sokufa kukaYesu. (1 Kor. 11:20, 24) Kwakutheni ukuze lo mhla wokufa kukaYesu wenziwe usuku lwesikhumbuzo esikhethekileyo?
ISIKHUMBUZO—UKUBALULEKA KWASO
2 Ukufa kukaYesu kwakusisiganeko esibalulekileyo emhlabeni wonke. Xa wayebhalela amalungu ebandla lamaKristu azalwe ngomoya, umpostile uPawulos wathi: “Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.” (1 Kor. 11:26) Ngoko iSikhumbuzo sibalaselisa ukubaluleka kokufa kukaYesu Kristu ekufezeni iinjongo zikaYehova. Sibalaselisa intsingiselo yokufa kukaYesu okulidini, ingakumbi ngokunxulumene nomnqophiso omtsha nendlela ukufa kwakhe okubachaphazela ngayo abo baya kuba ziindlalifa kunye naye eBukumkanini basezulwini.—Yoh. 14:2, 3; Heb. 9:15.
3 Ngokugcina ingqibelelo kude kube sekufeni kwakhe, uYesu walingcwalisa igama likaYise waza wabonisa ukuba umntu ofezekileyo unako ukuzingqina ethembekile kuThixo phantsi kwaso nasiphi na isilingo uSathana anokusizisa kuye. Kwakhona ukufa kwakhe kwalungiselela idini lomntu ofezekileyo elalifuneka ukuhlawulela inzala ka-Adam kuze kwenze kube nokwenzeka ukuba enoba bangaphi na abo banokholo baphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadisi. Ngenxa yako konke okwakuya kuphunyezwa kukufa kukaYesu, kwakufaneleke ngokona kona ukuba ayalele abafundi bakhe ukuba benze isikhumbuzo sokufa kwakhe.—rsXO iphe. 329-30.
INDLELA ESINOKUBONAKALISA NGAYO UXABISO
4 Ihlabathi linemibhiyozo emininzi ebudeni bonyaka, yaye kuninzi okwenziwayo ukuyilungiselela. Kwelinye icala, iSidlo seNkosi Sangokuhlwa sikuphela komsitho abalandeli abazinikeleyo abahamba emanyathelweni kaYesu abayalelwa ukuba benze isikhumbuzo sawo. Ngokungathandabuzekiyo, singowona msitho ubalulekileyo enyakeni kuwo onke amaKristu okwenyaniso. Ngaba akumele ukubaluleka okukhulu kweSidlo seNkosi Sangokuhlwa esimele sikhunjuzwe kusishukumisele ukuba sinikele ingqalelo kuso ebudeni bukaMatshi?
5 Mhlawumbi sinokusebenzisa imizuzu embalwa veki nganye ebudeni bukaMatshi size sixubushe nezifundo zethu zeBhayibhile izibhalo ezibalaselisa ukubaluleka kokufa kukaKristu size sizibonise oko kusisizinzi seSikhumbuzo. Kwakhona sinokuzikhuthaza ukuba zihambisane ngokusondeleyo nofundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo olususela ngoMatshi 25-30, njengoko kuphawulwe kwiKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1991. Oku kunokunceda ekulwenzeni lube nzulu uxabiso lwazo ngeSidlo seNkosi Sangokuhlwa.
6 Ekubeni umsitho weSikhumbuzo uza kuba ngoMgqibelo, kuya kuba lula ngakumbi kwabaninzi ukuba bacwangcise imicimbi yabo ukuze bakwazi ukubakho. Abavakalisi abaninzi basebenzisa ithuba lokuba uMatshi eneempela-veki ezintlanu ukuze bakhonze njengoovulindlela abangabancedani. Oku kubavulela ithuba lokuba nesabelo esikhudlwana ekuwubhengezeni ngokungakumbi umsitho weSidlo seNkosi Sangokuhlwa. Kubavulela amathuba awongezelelekileyo okunceda abatsha ukuze iingqondo zabo bazilungiselele esi siganeko sikhethekileyo.
7 Ekubeni ubaluleke kangaka umsitho weSikhumbuzo, masenze konke okusemandleni ethu ukunceda abanye ukuze babekho. Iingongoma eziluncedo ezikhumbuzayo nezineenkcukacha abafanele abadala banikele ingqalelo kuzo zinokufunyanwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1989 nobuka-Aprili 1990.
8 Ngamana sonke singakhangela phambili kolu suku lulolona lubalulekileyo ngowe-1991 sinengqiqo ephangaleleyo noxabiso olunzulu ngako konke oko ukufa kukaYesu kukuthethayo kuluntu. Ewe, ngamana sonke singakho ngengokuhlwa kaMatshi 30 kanye njengabanquli abathembekileyo bakaYehova abathobela umyalelo kaYesu othi “niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.”