IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/97 iphe. 2
  • Isikhumbuzo—Isiganeko Esibaluleke Kakhulu!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isikhumbuzo—Isiganeko Esibaluleke Kakhulu!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Amanqaku Afanayo
  • Owona Mhla Ubalulekileyo Ngowe-1991
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • UYehova Uyazisikelela Iinzame Esizenzayo Zokubakho ESikhumbuzweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Kutheni Sisiya ESikhumbuzweni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Ukunceda Bonke Ababonakalise Umdla
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 2/97 iphe. 2

Isikhumbuzo—Isiganeko Esibaluleke Kakhulu!

1 NgeCawa, ngoMatshi 23, emva kokutshona kwelanga, siza kubhiyozela iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. (Luka 22:19) Ngenene esi sisiganeko esibaluleke kakhulu! Ngokugcina ingqibelelo yakhe kuYehova de kwasekufeni, uYesu wabonisa ukuba kunokwenzeka ngomntu ukuhlala ehlonel’ uThixo ngokupheleleyo kwanaphantsi kwamanzithinzithi, ngaloo ndlela ephakamisa ukulunga kolongamo lukaYehova. (Heb. 5:8) Ukongezelela, ukufa kukaKristu kwanikela idini lomntu ofezekileyo elalifuneka ukuze kuhlawulelwe uluntu, nto leyo eyavulel’ abo bakholwayo ithuba lokuphila ngonaphakade. (Yoh. 3:16) Sinokuwubonakalisa umbulelo osuk’ emazantsi eentliziyo zethu ngothando lukaYehova nangenxa yokuzinikela kukaYesu ngenxa yethu, ngokubakho kwesi Sikhumbuzo.

2 Sonke siyakhuthazwa ukuba sihambisane nocwangciso lofundo lweBhayibhile ngoMatshi 18-23, njengoko luboniswe kwiKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1997. Kwakhona, ukuxubusha njengentsapho isahluko 112-16 sencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila kuya kusinceda sicinge ngeyona veki ibalulekileyo kwimbali yabantu.

3 Ngaba unokulandisa ixesha olisebenza kubulungiseleli basentsimini ebudeni bexesha leSikhumbuzo? Uninzi lwabavakalisi luza kulixhakamfula ithuba leeveki ezintlanu kuMatshi ukuze lukhonze njengoovulindlela abangabancedani. Kutheni ungenjinjalo wena? Sonke sinokuba negalelo ngokupheleleyo ekubalaseliseni ukubaluleka kokuza kwiSikhumbuzo. Ekubeni siza kuba ngeCawa, kuza kuba lula ukuba abaninzi babekho. Qiniseka ukuba umema zonke izifundo zeBhayibhile nabanye abantu abanomdla ukuba basithelele. Bachazele ngoko kuthethwe kwiphepha 127, isiqendu 18, kwincwadi ethi Ulwazi ngokuphathelele olu suku lunye lonyaka lumele lubhiyozelwe ngokukhethekileyo.

4 Yiza kwesi siganeko sikhulu sowe-1997 unombulelo ongazenzisiyo ngako konke esikwenzelwe kukufa kukaYesu. Yibakho ngorhatya lukaMatshi 23, xa amaKristu okwenyaniso kuzo zonke iindawo ebhiyozela esi Sikhumbuzo ngokuthembeka.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share