Ukukhumbula Ukufa Okunika Ithemba Lobomi Obungunaphakade
1 Emva kokutshona kwelanga ngoAprili 6, 1993, siya kukhumbula ukufa kweMbangi yobomi. (IZe. 3:15) Eneneni, kufaneleke ngokwenene ukukhumbula ubomi nokufa kukaYesu Kristu. Ithemba lethu lokuphila ngonaphakade lixhomekeke kwigazi likaYesu elaphalalayo.
2 ISikhumbuzo sibethelela oko kuthethwa kukufa kukaKristu ekuzalisekeni kwenjongo kaYehova. Loo njongo iquka ukunikelwa kwedini elifezekileyo lomntu elalifuneka ukuhlawulela inzala ka-Adam, livula ithuba lokuba amawaka ezigidi akholwe aze aphile ngonaphakade kwiparadisi esemhlabeni.—Yoh. 3:16.
3 Bonke abathandi benyaniso nobomi bakhangele phambili ekukhumbuleni iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa bethobela umyalelo kaYesu. (Luka 22:19) Yintoni esinokuyenza ngokwabantu ngabanye ukubonisa uxabiso lwethu ngelungiselelo ledini lentlawulelo likaKristu? Ngenxa yokubaluleka kwesi sikhumbuzo, ukulungiselela okufanelekileyo kubaluleke kakhulu. Ngawaphi amalungiselelo eniwenzela esi siganeko sikhethekileyo?
4 Ukulungiselela Kwangaphambili Kuyimfuneko: Kambe ke, simele siqinisekise ukuba onke amalungu entsapho aya kubakho. Kwakhona sifanele sizilungiselele ngokwasengqondweni ngokufunda nangokucamngca ngezicatshulwa zeBhayibhile ezikwiKhalenda yowe-1993 ngoAprili 1-6. Kuya kuba kokufanelekileyo ukuquka inkcazelo engokubaluleka kweSikhumbuzo kufundisiso lwethu lweBhayibhile lobuqu nolwentsapho kanye ngaphambi koAprili 6. Ceba ukufika kwangethuba uze uhlale ithutyana emva kweSikhumbuzo ukuze wamkele abantu abatsha abasenokuba bayaqala ukubakho.
5 Kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo, mema bonke abantu abanomdla obaziyo ukuba babekho kwesi sikhumbuzo. Sebenzisa izimemo ezishicilelweyo eziodolwe libandla lakho. Xa uzisebenzisa, khumbula ukubazisa abantu abanomdla ngendawo nexesha lesikhumbuzo sasekuhlaleni. Lungiselela uludwe lwabo ufuna ukubamema. Ngaba bonke abo bafuna ukubakho banayo into yokuhamba? Ukuba akunjalo, yintoni onokuyenza ukuze ubancede? Ukuba unayo indawo kwinqwelo-mafutha yakho, kutheni ungabuzi abadala enoba kukho mntu uthile ofuna into yokuhamba?
6 Ngenxa yokuba esi isesona sikhumbuzo sibalulekileyo enyakeni yaye kulindeleke abantu abaninzi, kuya kufuneka ukuba abadala benze amalungiselelo akhethekileyo kwangaphambili. (1 Kor. 14:40) Kwisithuba esingangeveki ngaphambi koAprili 6, abadala baya kulungiselela intlanganiso ekhethekileyo nabazalwana abaya kunceda esikhumbuzweni, baqinisekise ukuba bayawaqonda amalungiselelo okuhlalisa nendlela yokuhanjiswa kwemifuziselo. Ukuba unesabelo sokunceda ebudeni besikhumbuzo njengomlindi okanye uza kuhambisa imifuziselo, qiniseka ukuba ululandela ngenyameko ulwalathiso lwabadala ngokuphathelele le mibandela. Ngokuhlolisisa izikhumbuzo kwibhokisi ekwiphepha 7, abadala banokuqinisekisa ukuba onke amalungiselelo abalindi, abo baza kuhambisa imifuziselo, imifuziselo nesithethi enziwe kusengaphambili.
7 Bambalwa kakhulu abazalwana bakaKristu abasaseleyo emhlabeni namhlanje, yaye kungekudala, ukukhunjulwa kweSidlo SeNkosi Sangokuhlwa kuya kufikelela esiphelweni. (1 Kor. 11:25, 26) Lo gama nje sisenelungelo lokwenjenjalo, kwanga ngokufanelekileyo singaqhubeka sikhumbula ukufa okunika ithemba lobomi obungunaphakade.