Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ukuqalisa Izifundo Ngokuzicela Ngokungqalileyo
1 UYesu wasiyalela ukuba ‘senze abafundi.’ (Mat. 28:19) Ngokuqhelekileyo ukuze sikufeze oku sifanele siqalise izifundo zeBhayibhile nabanomdla. Ukuzicela ngokungqalileyo izifundo zeBhayibhile kubulungiseleli bendlu ngendlu kunokusinceda ukuba sikufeze oku ngokukhawuleza. Kwakhona kuyenza icace injongo eyintloko yokutyelela abantu.
2 Yintoni esisenokuyithetha xa sizicela ngokungqalileyo izifundo zeBhayibhile? Ukusebenzisa intshayelelo elula kakhulu kokona kulungileyo. Sisenokuthi: “Ndinomdla wokunceda abantu baqonde iBhayibhile yaye ndingakuvuyela ukuyifundisisa kunye nawe nentsapho yakho ekhayeni lakho ngesisa nangaphandle kwesinyanzelo. Sinokusebenzisa iBhayibhile yakho. Ukuba akunayo, ndinokukuphathela.”
3 Kwakhona usenokuthi: “Injongo yokutyelela kwam namhlanje kukukukhuthaza ukuba ube nesifundo seBhayibhile sekhaya, esiya kukunceda uqonde apho eli hlabathi lisinge khona noko uThixo asigcinele kona. Ndingakuvuyela ukukubonisa indlela ongazuza lukhulu ngayo kwiBhayibhile yakho. Akunyanzelwa yaye kungekho namali oza kuyihlawula.” Ukuba umninimzi uyavuma, usenokusebenzisa iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo okanye incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, mhlawumbi uqale kwiphepha 10, isiqendu 11. Lo mxholwana ubalaselisa idinga likaYehova lokubuyisela iParadisi.
4 Sebenzisa Amaphecana EBhayibhile: Abaninzi bawafumanise amaphecana eluncedo xa besicela ngokungqalileyo isifundo. Xa umninimzi ekuvulela emnyango, mnike iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo yaye lifanele lingasongwa ukuze awubone ngokupheleleyo umfanekiso. Yiba nelinye iphecana esandleni, uze ufunde okanye uchaze imibuzo ekwiziqendu ezibini zokuqala. Xubusha iimpendulo, uze ufunde isibhalo esinye okanye ezibini ezixhasayo. Yandula ke ukhankanye ukuba uyinandiphile ingxubusho yenu, uze wenze ilungiselelo lokubuyela. Chaza ngokufutshane ngelungiselelo lethu lesifundo seBhayibhile sekhaya sesisa, ukuba oko kufanelekile, okanye usuke nje wenze ilungiselelo lokubuyela nize niqwalasele enye ingongoma ekwiphecana.
5 Xa ulungiselela ukubuyela, kuhle ukukhankanya into ocinga ukuba iya kubangela umdla kumninimzi. Oku unokukwenza ngokuthi uphakamise umbuzo. Kuya kumshiya umninimzi ekhangele phambili kutyelelo lwakho olulandelayo xa kuya kube kuphendulwa loo mbuzo.
6 Incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade isisixhobo esihle sokunceda abo bangazaziyo iinjongo zikaThixo noko akufunayo. Ifundisa ukuba phakathi kwezinto uThixo azifunayo kuthi kukuba sithobele imithetho yakhe, sinxulumane nejelo okanye intlangano yakhe size ngokunyanisekileyo sibe ngabameli bolawulo loBukumkani bakhe kwabanye ngaloo ndlela siphila ngokuvisisana nemilinganiselo eyandlalwe eBhayibhileni. Inika abantu ulwazi ngoYehova uThixo, ngoYesu Kristu, ngeenjongo zikaThixo ngokuphathelele umhlaba nangendima kaKristu njengoKumkani omtsha womhlaba. Imifanekiso ekwisahluko 19 iya kutsal’ ingqalelo yabantu abantliziyo zinyanisekileyo, isakha umdla wabo eBhayibhileni nakwiinjongo zikaYehova. Ngoko sonke masixhakamfule thuba ngalinye lokuqalisa izifundo size sibe nenxaxheba kuthumo ‘lokwenza abafundi.’—Mat. 24:14; 28:19, 20; Marko 13:10.