IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/93 iphe. 8
  • Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Ebudeni BukaDisemba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Ebudeni BukaDisemba
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Buyela Ukuze Uncede Abantu Bafunde Ngoko Banokukwenza Ukuze Baphile Ngonaphakade
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Kwincwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Nceda Abanye Bafunde NgoNyana KaThixo, UYesu Kristu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Yandlala Isiseko Esifanelekileyo Kutyelelo Lwakho Lokuqala
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 12/93 iphe. 8

Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Ebudeni BukaDisemba

1 UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba babe ngabafundisi beendaba ezilungileyo. (Mat. 28:19, 20) Eyona ndlela iphambili esifundisa ngayo abanye kungokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Ngaba unesabelo kulo msebenzi? Ukuba akunjalo, unokusiqalisa njani isifundo ukuze unandiphe isabelo esikhulu ekufundiseni abanye?

2 Masithi mhlawumbi besinike umninimzi iphecana saza sathembisa ukubuya ukuze sixubushe oko likuquletheyo.

Xa sibuyela kumninimzi ebesimshiyele iphecana elithi “Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda?,” sisenokuthi:

◼ “Xa bendilapha kwiintsuku ezimbalwa ezidluleyo, sixubushe ngokungxamiseka kwamaxesha ethu nokuba uYesu wazichaza ngokuchanileyo iimeko eziqhubekayo kumhla wethu. Ndingathanda sichithe imizuzu embalwa size ngokufutshane siqwalasele inkcazelo ethile kwiphecana endikushiyele lona. Phawula oko kuchazwe phantsi komxholwana othi ‘Umqondiso.’” Tyhila kwiphepha 3 lephecana, uze uxubushe iziqendu zokuqala ezibini okanye ezithathu phantsi kwaloo mxholwana, ufunde izibhalo ezibonisiweyo xa ixesha livuma. Balaselisa indlela isiprofeto sikaYesu esizaliseka ngayo namhlanje. Lungiselela ukubuyela uze uxubushe ezinye iziqendu phantsi kwalo mxholwana. Khuthaza umninimzi awufunde loo mbandela ngaphambi kokuba ubuye.

3 Okanye unokuthetha okufana noku:

◼ “Ukugqibela kwethu ukuthetha, ndikushiyele iphecana elinomxholo othi Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? Sithethe ngendima kaYesu Kristu kwimicimbi yehlabathi. Sifunde amazwi akhe abhalwe eBhayibhileni kuYohane 17:3. [Mfunde.] Ekubeni kubalulekile ukufunda ngoThixo noYesu ukuba sifuna ubomi obungunaphakade, kufanelekile ukuba senze okusemandleni ethu ukuze samkele olo lwazi. Xa uYesu wayesemhlabeni, wabonakalisa iimpawu zikaThixo ezininzi nezibalaseleyo. Ngaba akukho ngqiqweni ukukholelwa kwelokuba okukhona simazi uYesu nobulungiseleli bakhe, kokukhona siya kumazi ngakumbi uYise? [Vumela impendulo.] Phawula oko kuthethwa yile ncwadi, Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila.” Funda isiqendu sokuqala nesesibini kwiphepha leshumi lesahluko 116. Gxininisa ukuba le ncwadi iqulethe yonke inkcazelo ekwiingxelo zeVangeli ezine ezingoYesu yaye iwubeka lo mbandela ngendlela ezilandelelana ngayo ezo ziganeko. Thetha ngemixholo yezahluko ezithile, imifanekiso nemaphu esekuqaleni kwencwadi. Mazise loo mntu ukuba ubungakuvuyela ukumshiyela le mpapasho intle ngomnikelo wee-R9,00.

4 Sakuba simbulisile umninimzi owamkele incwadi “Oyena Mntu Ubalaseleyo” sisenokuthi:

◼ “Njengokuba benditshilo kutyelelo oludluleyo, incwadi Oyena Mntu Ubalaseleyo yenzelwe isifundo seBhayibhile. Ndingathanda ukukubonisa ngokufutshane indlela enokusetyenziswa ngayo ngokunempumelelo.” Tyhila kwisahluko 1 sale ncwadi, “Izigidimi Ezivela Ezulwini.” Tsalela ingqalelo yomninimzi kwimibuzo ebhalwe encwadini. Funda umbuzo wokuqala, wandule ke uqwalasele iziqendu zokuqala. Nxibelelanisa umfanekiso okwiphepha lesibini noko kusesiqendwini. Xubusha imibuzo eseleyo, uze ubalaselise iimpendulo xa ixesha livuma. Ngaphambi kokuluqukumbela olo tyelelo, lungiselela ukubuyela uze uqhubeke nencoko.

5 Ngokulondoloza isimo sengqondo esingqalileyo, ukulungiselela kakuhle nokuxhakamfula onke amathuba, siya kuba sikuxhobele kakuhle ukuqalisa izifundo zeBhayibhile ebudeni bukaDisemba.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share