Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokuzisebenzisa Ngobulumko Iimpapasho
1 Ucwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye yonyaka wenkonzo we-1991 lubalaselise ingxubusho ethi “Ubulungiseleli Bethu—Abuqhelekanga, Kodwa Bungcwele.” Lugxininise ukuba umsebenzi wethu ungcwele yaye awufanele uthatyathwe lula. Ekubeni ukusetyenziswa koncwadi olushicilelweyo kuyinxalenye esisiseko yobulungiseleli bethu, nalo lufanele luphathwe ngentlonelo. Ngamnye wethu unokubonakalisa uxabiso olunzulu ngokuzisebenzisa ngobulumko iimpapasho zethu.
2 Ebudeni bonyaka wenkonzo we-1990, uMbutho wavelisa izigidi ezingama-678 zamaphephancwadi iiBhayibhile neencwadi ezingaphezu kwezigidi ezingama-51 ukuze zisetyenziswe kwintsimi yehlabathi lonke. Oku kubonisa inkcitho enkulu yobuncwane ekuye kwanikelwa ngabo, kuquka ixesha, amandla nemali. Imigudu emanyeneyo yabasebenzi bokuzithandela abaninzi iphumele ekuvelisweni koncwadi ukuze silusebenzise ngokwethu nokuze silusasaze kwinkonzo yasentsimini. Ziziphi ezinye iindlela esinokubonakalisa ngazo uxabiso olusuk’ entliziyweni ngoncwadi lwethu njengoko sibhengeza isigidimi soBukumkani kwabantliziyo zinyanisekileyo?
3 Ufundisiso Lobuqu Nolwentsapho: KwabaseRoma 2:21 umpostile uPawulos uthi: “Wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi?” Xa sizinika ixesha lokufunda, lokufundisisa nelokucamngca ngomthandazo ngoncwadi lwethu olusekelwe eBhayibhileni, ngaloo ndlela sibonisa indlela esiwaxabisa ngayo ngokobuqu amalungiselelo kaYehova afika ngexesha elifanelekileyo okudla kokomoya ngodidi lwegosa lakhe. (Luka 12:42) Enoba kungofundisiso lobuqu okanye lwentsapho, ukuhlala singenisa ulwazi lwenyaniso kusenza sibe noxabiso olunzulu ngako konke oko uYehova asiphathise kona. Kwanabantwana bafanele baqeqeshwe kakuhle ukuba baluxabise yaye balunyamekele uncwadi lwabo, bangarhoqozi kulo okanye balugugise. Ukongezelela, uncwadi lwethu lufanele lugcinwe kakuhle ukuze luhlale lucocekile yaye lukwimeko entle yokuba lungasetyenziswa entsimini.
4 Kuphephe Ukulusebenzisa Ngokungakhathali: Ukuze lube luncedo ngokwenene, uncwadi lwethu lufanele lunikwe abantu abafuna inyaniso, oko kukuthi, abo banomdla wokwenene kwisigidimi nakumsebenzi wethu. (Mat. 10:11) Ngoko sifanele sikuphephe ukunikisa nje ngoncwadi ngokungakhethi kwabo bangabonakalisanga luxabiso lokwenene ngesigidimi seBhayibhile. Kwakhona bekuya kuba kukungakhathali ukuwayeka amaphephancwadi, iincwadi, okanye olunye uncwadi ukuba lufumbe emakhayeni ethu.
5 Ekubeni amaphephancwadi ebhalwe ukuba ngawexesha elithile, sinexesha elilinganiselweyo lokuwahambisa njengeenkupho zakutshanje. Ngoko kufuneka senze umgudu wokwenza umsebenzi wobulungiseleli size sihambise la maphephancwadi kwabanomdla. Ukuba sekunjalo sibona ngathi amaphephancwadi ethu ayafumba, mhlawumbi kungakuhle ukuhlengahlengisa ucwangciso lwethu ukuze sichithe ixesha elingakumbi kumsebenzi wamaphephancwadi. Okanye ukuba oku akunakwenzeka ngokwemeko yethu, sifanele sihlengahlengise iodolo yethu. Ngokulandela la macebiso, sizibonakalisa singamagosa athembekileyo obabalo lukaThixo.—1 Kor. 4:2; 1 Pet. 4:10, 11; thelekisa uLuka 16:1, 10.
6 UYehova ‘uphathise’ abantu bakhe abazinikeleyo imbopheleleko nomsebenzi onzima kakhulu, kuquka “impahla” elinegunya kuyo ‘igosa’ elithembekileyo. (2 Tim. 1:12; Luka 12:42-44, 48b; 1 Tim. 6:20) Ngokuwaxabisa kwethu ngokunzulu amalungelo esinawo kwinkonzo kaThixo, ngamana singaqhubeka sizisebenzisa ngobulumko iimpapasho zethu ekunikeleni iindaba ezilungileyo kwabanye.