Isingxobo Semibuzo
◼ Umveleli wenkonzo unokuwongamela njani umsebenzi wezicaka zolungiselelo ezinyamekela isebe loncwadi nelamaphephancwadi?
Imisebenzi yomveleli wenkonzo ayiphelelanga nje ekutyeleleni amaqela ezifundo zencwadi ngenyanga nasekulungiseleleni iintlanganiso eziqhutywa rhoqo zenkonzo yasentsimini. Lo mdala unenzondelelo unomdla onzulu kuyo yonke into enokuchaphazela inkqubela yomsebenzi wokushumayela kummandla owabelwe ibandla.
Uya kuqinisekisa ukuba nyanga nganye kukho isixa esaneleyo soncwadi namaphephancwadi aza kusetyenziswa yaye akwimeko entle. Ukuze enze oku wongamela ezininzi zeembopheleleko zezicaka zolungiselelo ezabelwe ukunyamekela isebe loncwadi nelamaphephancwadi.
Umveleli wenkonzo unikela ingqalelo ngokukhethekileyo kwizaziso zoncwadi oluza kuhanjiswa xa ezi zivela kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Yena nomzalwana onyamekela uncwadi basebenzisana ngokusondeleyo ukuqinisekisa ukuba kuya kubakho uncwadi olwaneleyo lokusetyenziswa, kodwa bamele balumke bangaodoli kakhulu. Ukuba incwadi iza kusetyenziswa entsimini okokuqala okanye ukuba sele iza kufundisiswa ebandleni, ezi zibakala zifanele ziqwalaselwe xa kuodolwa kuMbutho. Ukuba uncwadi lwakha lwahanjiswa ngaphambili, ingxelo yenkonzo yasentsimini yebandla yexesha eyayihanjiswa ngalo ngaphambili iya kubonisa enoba ezo ncwadi zikhoyo ziya kwanela kusini na. Kambe ke, kukwafanele kunikelwe ingqalelo kwizibakala ezinjengokuba bangaphi abavakalisi abaya kuba ngoovulindlela abangabancedani kuloo nyanga kwanakulwando kwinani labavakalisi noovulindela abathe ngxi ukususela kwixa elidlulileyo olo ncwadi lwaluhanjiswa. Uncwadi lufanele lufumaneke ngaphambi nangasemva kweentlanganiso zebandla. Iibhokisi zoncwadi zifanele zigcinwe ngokufanelekileyo kwindawo ecocekileyo, eyomileyo yaye zipakishwe ngendlela yokuba zingonakali.
Kwakhona umveleli wenkonzo uya kusebenzisana nomzalwana onyamekela isebe lamaphephancwadi. Ngamathub’ athile, umveleli wenkonzo nomzalwana onyamekela amaphephancwadi bafanele bathelekise inani lamaphephancwadi afunwayo nyanga nganye nenani lamaphephancwadi ahanjiswa ngokoqobo kubulungiseleli. Kusenokufuneka abanye abavakalisi bazinciphise iiodolo zabo zobuqu ukuba ezi zifumba emakhayeni abo. Amaphephancwadi awafanele alahlwe.
Ecinga ngale migaqo, umveleli wenkonzo ufanele aluhlole ngokobuqu inani loncwadi lwephulo ibandla eliliodolayo kwifomu yokuodola uncwadi iLiterature Order (S-AB-14). Uya kwandula ke ayidlulisele le fomu kunobhala webandla, oya kuthi ayihlole yonke ngenyameko, enikela ingqalelo ngokukhethekileyo kwinani lezinto zesitokhwe esiqingqiweyo ezibhaliweyo.
Kambe ke, kufuneka ukuzaliswa kweefomu ezithile ukuze isebe loncwadi nelamaphephancwadi linyanyekelwe kakuhle. Ukuba abazalwana ababelweyo banemibuzo mayela nokusetyenziswa kweefomu nokugcina ingxelo, unobhala uya kukuvuyela ukubanceda kule nkalo yomsebenzi wabo.