IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/92 iphe. 4
  • Ukunikela Umrhumo WeMboniselo NgoMeyi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunikela Umrhumo WeMboniselo NgoMeyi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunikela Imirhumo Kwindlu Ngendlu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Nceda Abanye Bafunde NgoNyana KaThixo, UYesu Kristu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukunxibelelanisa Iintshayelelo Zethu Noncwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Hambisa Imirhumo Ngawo Onke Amathuba
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 5/92 iphe. 4

Ukunikela Umrhumo WeMboniselo NgoMeyi

1 Injongo yeMboniselo ichazwe ngamafuphi kwinkupho nganye phezulu kwiphepha 2. Yintoni esinokuyenza ngokuvisisana naloo njongo ichaziweyo ukuze sincede abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka? NgoMeyi, siya kwenza umgudu okhethekileyo wokukhuthaza abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba barhumele IMboniselo.

2 Kumntu othi ungumKristu sinokuthi:

◼ “Sibuza abamelwane bethu lo mbuzo ibe singayivuyela impendulo yakho kuwo. Ekubeni uYesu wasifundisa ukuba sithandazele ukuba uBukumkani bukaThixo bufike nokuba ukuthanda Kwakhe kwenziwe emhlabeni njengokuba kusenziwa ezulwini, ngaba ucinga ukuba ngokwenene ukuthanda kukaThixo kuza kwenziwa apha emhlabeni?” Lindela impendulo, wandule ke utyhile kuIsaya 55:10, 11 uze ucele umninimzi ukuba aphawule indlela onke amadinga kaThixo aya kuzalisekiswa ngayo.—rsXO, iphe. 11, intshayelelo yesibini phantsi komxholwana othi “UBukumkani.”

3 Ukuba umninimzi ubonakalisa umdla, usenokuqhubeka ngokuthi:

◼ “Enye yeenjongo zephephancwadi iMboniselo kukutsalel’ ingqalelo kwinzaliseko yesiprofeto seBhayibhile. Phawula eli nqaku.” Yandula ke walathisel’ ingqalelo kwinqaku lokuqala lenkupho yeMboniselo kaMeyi 1, elithi “Owe-1914—Unyaka Owakhwankqisa Ihlabathi” uze uthi: “Usenokuba uyazibuza, ‘Kutheni ndimele ndibe nomdla kowe-1914?’ Phawula oko isiqendu 2 sikuthethayo ngowe-1914 neMboniselo.” Yandula ke ufunde eso siqendu.

4 Ukuba ufuna ukuba nengxubusho ende ngakumbi, loo ntshumayelo ikwanye inokolulwa ukuze iquke indinyana ekwiSityhilelo 21:3-5, njengoko iboniswe kwincwadi Ukuqiqa.

Kule meko, emva kokufunda uIsaya 55:10, 11, unokuthi:

◼ “Kungekudala isiprofeto esimangalisayo nesiphathelele ukuthanda kukaThixo ngomhlaba siza kuzalisekiswa. Siza kuchaphazela ubomi bakho nobam. Khawuphulaphule nje oko kubhalwe kwiSityhilelo 21:3-5.” Unokwandula ke ufunde ezo ndinyana uze uxubushe ngeentsikelelo eziya kubakho kulawulo loBukumkani bukaThixo. Bonisa indlela IMboniselo ewuvakalisa ngayo urhulumente woBukumkani bukaThixo.

Usenokuthi:

◼ “Inkupho kaMeyi 1 iqulethe inqaku elithi ‘Ngoobani Abaya Kusinda “Ngexesha Lembandezelo”?’ Iya kukunceda ubone indlela ekunokwenzeka ngayo ukuba uphile kwihlabathi elitsha lobulungisa kuBukumkani bukaThixo esifunda ngabo kwiSityhilelo 21.”

5 Sebenzisa IMboniselo Njengomchankcatho Okhokelela Kwisifundo SeBhayibhile: Usukelo lwethu kukunceda aba- nye bafunde inyaniso ukuze nabo babe nokusebenza noYehova yaye babe nesabelo ekuvakaliseni uBukumkani bukaYehova. Ngoko ke, xa sifumana abantu abanomdla, sifanele sibhale phantsi size sibuyele kwakamsinya.

6 Ngoxa ngokungathandabuzekiyo inkoliso yemirhumo siza kuyifumana kwindlu ngendlu, asifanele sibatyeshele abo sisebenza nabo kwezoshishino, abamelwane nezalamane zethu. Xa sikumsebenzi wasesitratweni omnye usenokuthi: “Ndisoloko ndiwafunda amaphephancwadi enu.” Mcacisele indlela anokuyifumana ngayo IMboniselo rhoqo ngokuyirhumela. Ngaba abethu abantwana bayarhumela? Ngaba sikhe sacinga ngokuthumelela umntu esimkhathalele ngokwenene isipho somrhumo? Kuthekani ngabo sibuyela rhoqo kubo okanye kwanabo sifundisisa nabo iBhayibhile? Ukuba umntu akanakukwazi ukwenza umrhumo wonyaka, nikela umrhumo weenyanga ezintandathu. Ukuba umntu akawamkeli umrhumo, cebisa ukuba athabathe amaphephancwadi amabini.

7 Njengoko sisabelana nabanye ngenyaniso ngoncedo lweMboniselo, ngamana singasoloko sifuna ulwalathiso lukaYehova kumsebenzi wethu ukuze sibe nokufumana abo banjengezimvu size sibondle.—Yoh. 21:15-17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share