Nceda Abanye Bafunde NgoNyana KaThixo, UYesu Kristu
1 UDisemba yinyanga ethi inkoliso yabazibanga bengamaKristu inikele ingqalelo ngayo kuYesu kunalo naliphi na ixesha lonyaka. Ngaloo ndlela, yinyanga entle yokubalaselisa incwadi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Ngokungathandabuzekiyo siya kufumana abaninimzi abaninzi abaya kuba nomdla ekufundeni ngakumbi ngoNyana kaThixo. Sinokuyihambisa njani le mpapasho ixabisekileyo?
2 Zama ukuqalisa ngencoko engqalileyo esekelwe eBhayibhileni exubusha ngoYesu.
Wakuba umbulisile umninimzi, usenokuthetha okufana noku:
◼ “Namhlanje sibuza abamelwane bethu ngoko bakucingayo xa befunda kwiiBhayibhile zabo ngokuphila ngonaphakade. [Vumela impendulo.] Oku kubangela umdla ngokukhethekileyo kuba iBhayibhile kangangezihlandlo ezingama-40 ithetha ngoku njengokunokwenzeka. Bunokuthetha ntoni ubomi obunjalo kuthi? Phawula oko kuthethwa siSityhilelo 21:4. [Sifunde.] Ngaba uphawule ukuba yintoni ethenjiswayo apha? [Vumela impendulo.] Sinokubuzuza njani ubomi obungunaphakade?” Funda uYohane 17:3, uze ubalaselise isizathu sokuba kufuneka samkele ulwazi ngoThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu. Bonisa umninimzi incwadi Oyena Mntu Ubalaseleyo, usebenzisa imixholwana ekwintshayelelo ukuze uvuse umdla wakhe ngokubhekele phaya.
3 Ukuba umninimzi akanamdla wokuthabatha le mpapasho intle, hambisa iinkupho zakutshanje zeMboniselo noVukani! okanye iphecana elithi Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? Tsalela ingqalelo kwingongoma enye okanye ezimbini ezingqalileyo kwimpapasho oyihambisayo. Cela ukubuyela ngexesha elifanelekileyo ukuze uqhubeke uxubusha loo mbandela kunye naye.
4 Ukuba umninimzi ubonakala exakekile, kusenokuba bubulumko ukwenza mfutshane le ntshumayelo ingasentla. Kwakhona abavakalisi abasebatsha basenokukufumanisa kulula ngakumbi ukusebenzisa le ntshumayelo ilandelayo.
Sakuba sizazisile, sisenokuthi:
◼ “Namhlanje sibuza abamelwane bethu ngoko bakucingayo xa befunda kwiiBhayibhile zabo ngokuzuza ubomi obungunaphakade. Ngokomzekelo, phawula oko kwathethwa nguYesu kuYohane 17:3. [Mfunde.] Ukuze kuncedwe abantu bafunde ngakumbi ngoYesu Kristu noko wakufundisayo, kupapashwe le ncwadi.” Tyhila kweminye yemifanekiso emihle yencwadi Oyena Mntu Ubalaseleyo. Yiya kwintshayelelo, uze ufunde isiqendu sesibini phantsi komxholwana othi “Fumana Iingenelo Ngokufunda Ngaye.” Yazisa umninimzi ukuba unokuzifumanela le ncwadi ngomnikelo wee-R9,00.
5 Ukuba uhambisa le ncwadi, yandlala isiseko sesifundo seBhayibhile ngokumcela nixubushe isahluko sokuqala esithi, “Izigidimi Ezivela Ezulwini,” kwangelo xesha okanye xa ubuyela kwiintsuku ezimbalwa kamva. Kunokuba uchazele umninimzi ixesha elingqalileyo eniza kulichitha kutyelelo olulandelayo, unokusuka nje uthi ngemizuzu embalwa, unokufunda inkcazelo engakumbi enik’ umdla ngoYesu Kristu evela eLizwini likaThixo, iBhayibhile.
6 Ngamana sonke singasebenzisa eli xesha leeholide zehlabathi ukuze sinikele ingqalelo kwinyaniso engoNyana kaThixo, uYesu Kristu, ukuze sincede abanye beze kwindlela esa ebomini obungunaphakade.—Mat. 7:14.