Imfuneko Yokuba Uluntu Lufune UThixo
1 Kule nkulungwane yama-20, iimfazwe, ingcinezelo neengxaki zoqoqosho zibangele ukuba abemi abaninzi bafudukele kwezinye iindawo. Yaye ekubeni kukho iinkqubo ezikhawuleza ngakumbi zezothutho nezoqhagamshelwano, ihlabathi libonakala lisiba lincinane ngakumbi. Oku kubangele ukuba abantu beenkonzo ezahlukahlukeneyo bahlale ndawonye. Ngenxa yoko, ngokufuthi unqulo lungundaba-mlonyeni njengoko luchaphazela ubomi babantu kuzo zonke iindawo.
2 Nomsebenzi wethu wokushumayela uye wachaphazeleka. Akuseyonto ingaqhelekanga ukudibana nabantu abanemvelaphi yonqulo esingayaziyo.
3 Ukuze siziqonde kakuhle ezinye iinkonzo nemvelaphi yazo engokwembali, siye salungiselelwa incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo. Iphendula amakhulu-khulu emibuzo ngokuphathelele iinkolelo ezisisiseko zeenkonzo eziphambili zehlabathi. Siza kube sisebenzisa le ncwadi kubulungiseleli bethu kule nyanga kaJuni. Yiyiphi imibandela equlethwe yile ncwadi ixabisekileyo esinokuyibalaselisa ukuze sikhuthaze abantu abanyanisekileyo ukuba bafunde ngakumbi ngoThixo?
4 Omnye umbuzo obalulekileyo okho kuyo yonke le ncwadi uthi: Ngaba umntu unomphefumlo ongafiyo nophilayo emva kokufa uze uye kubomi basemva kokufa? Ngandlel’ ithile, phantse zonke iinkonzo zifundisa loo ngcamango. Eminye imibuzo exutyushwe kule ncwadi ithi: Ngaba sikho isihogo ekuthuthunjiswa kuso imiphefumlo? Liliphi ithemba lokwenyaniso ngabafileyo? Ngaba kukho uThixo omnye, okanye kukho oothixo abaninzi? Kunokwalathiselw’ ingqalelo kwimibuzo ekwiphepha 17-18 lale ncwadi. Naxa sithetha nomntu ongakholelwayo kuThixo okanye okholelwa ukuba uThixo akanakwaziwa, umbuzo 4 nowesi-5 inokusetyenziswa ukuze kutsalwe ingqalelo yakhe kuze mhlawumbi kuphumele kwincoko eyingenelo.
5 Lonke uluntu lufanele lumfune uThixo yaye lufune inkoliseko yakhe ngoku. Iziganeko zehlabathi zibonisa ukuba iArmagedon ayifikanga igalelekile. Lixesha lokubonakalisa inzondelelo emsebenzini. Elinjani lona ilungelo esinalo lokubongoza abanye ukuba bafune uYehova ngoku, ngoxa esenokufunyanwa! (Isa. 55:6, 7) Incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ibanceda njani abantu kwiphulo labo lokufuna uThixo? Inikela inkcazelo exhokonx’ iingcinga kubantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, isiqendu 26 kwiphepha 297 sibonisa amaSilamsi ukuba ubuKristu bokwenyaniso abuyifundisi imfundiso kaBathathu Emnye. Phawula indlela isiqendu 43 kwiphepha 229 esisenokuwuvuselela ngayo umdla kumaYuda mayela nokusebenzisa igama likaThixo.
6 Sinezizathu ezaneleyo zokuba nehlombe xa sinikela le ncwadi. Ukuba sikwazi kakuhle oko ikuqulutheyo, siya kufumana amathuba okuvusa umdla kubantu abanyanisekileyo abaneemvelaphi ngeemvelaphi zonqulo. Ngamana singabonakalisa inzondelelo kule nkonzo.
7 UYehova unguThixo onobubele nonenceba. Hayi indlela esisesobubele ngayo isimemo sokuba sifunde ngaye! Kusenokubakho abaninzi ngakumbi abaza kuba ngabadumisi bakaYehova. Apha kuJuni, ngoncedo lwencwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, siya kukwazi ukunceda abaninzi abakwiNgqobhoko kwanabo banemvelaphi engeyoyabuKristu nabangenaThixo ukuba baqalise ukunqula uYehova “ngoMoya nangenyaniso.” (Yoh. 4:23, 24) Kwanga singazingisa ekufuneni abo bafuna inyaniso size silomeleze ulwalamano lwabo kunye noThixo wenyaniso. Unako ukufunyanwa!