IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/91 iphe. 3-4
  • Ukuqalisa Izifundo Ngokusebenzisa Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuqalisa Izifundo Ngokusebenzisa Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • INDLELA YOKUQALISA ISIFUNDO
  • UKUZIQONDA IINTSWELO ZOMNTU NGAMNYE
  • UKUFIKELELA ABANTU ABANGENGABO ABEENKONZO ZOBUKRISTU
  • Ukubuyela Sinosukelo Lokuqalisa Isifundo SeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imfuneko Yokuba Uluntu Lufune UThixo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Ukunikela Ubungqina Kuzo “Zonke Iintlobo Zabantu”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 6/91 iphe. 3-4

Ukuqalisa Izifundo Ngokusebenzisa Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo

1 UYesu wathi, “Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10) Oku kwakuthetha ukuba abafundi bakhe babeya kudibana nabantu beelwimi ezahlukahlukeneyo, abaphila ngeendlela ezahlukeneyo nabaneemvelaphi ezininzi nezahlukeneyo zonqulo. Kwakhona kwakuthetha ukuba abafundi bakhe banamhlanje, amaNgqina kaYehova, babeya kuba nesabelo sokufundisa iindidi zonke zabantu.

2 Ngokungathandabuzekiyo incwadi yethu entsha ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo iya kunceda abantu abangakumbi abaneentliziyo ezinyanisekileyo ukuba bafumane uThixo wenyaniso, uYehova, baze bamkele indlela yakhe yenyaniso. (Yoh. 4:21-24) Sinokuziqalisa njani izifundo zeBhayibhile ngokusebenzisa le mpapasho?

INDLELA YOKUQALISA ISIFUNDO

3 Kusenokubekwa isiseko sokuqalisa isifundo seBhayibhile kwakutyelelo lokuqala wakuba uluqondile utyekelo lwaloo mntu olungokonqulo. Mhlawumbi kolo tyelelo lokuqala, uye watsalela ingqalelo yomninimzi kwisahluko okanye kwisiqendu esithile. Kwangoko, okanye kutyelelo lwamva, kwaloo ngongoma inye inokusetyenziswa njengesiseko sokuqalisa incoko ekhokelela kwisifundo. Ngokusebenzisa imibuzo esemazantsi ephepha, uyakwazi ukuyigcina ingxubusho iyebangel’ umdla. Kambe ke, asinamdla wakuvusa impikiswano kodwa, kunoko, sinomdla wokuwuqwalasela ngokusengqiqweni umbandela. Nokuba siyiqala ekuqaleni incwadi okanye kuso nasiphi na esinye isahluko, eyona njongo yethu ifanele ibe kukwalathisela abantu kwisahluko 10, 15 nese-16. Ngoba?

4 Ekuphela kwejelo lokufuna uThixo wenyaniso nguKristu. UYesu wathi, “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.” (Yoh. 14:6) Isahluko 10 siwuphendula ngokucacileyo umbuzo othi, “Ngaba UYesu Wayeyindlela Yokuya KuThixo?” Sicacisa isizathu sokufaneleka kukaYesu, indlela esazi ngayo ukuba wayengengomntu nje wasentsomini, indlela ekwaprofetwa ngayo ngaye kwangaphambili, isizathu sokuba abafundi bakhe bokuqala bakholelwe kuye njengendlela yokuya kuThixo, nendlela esazi ngayo ukuba uThixo wayekholisiwe nguye. (Yoh. 6:44, 65) Isahluko 15 nese-16 zixubusha ngomxholo othi “Ukubuyela KuThixo Wenyaniso” nothi “UThixo Wenyaniso Nekamva Lakho.”

UKUZIQONDA IINTSWELO ZOMNTU NGAMNYE

5 Emva kokufundisisa izihlandlo eziliqela sisenokukugqala kububulumko ukutshintshela kwimpapasho yeBhayibhile enezona mfundiso zisisiseko, njengencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Ekubeni incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo yenzelwe ngokuyintloko ukutsalela abantu abaneemvelaphi ezininzi ezahlukahlukeneyo kuThixo wenyaniso, asizizo zonke izahluko ezinokuba nomtsalane kubantu bonke. Sifanele sazi indlela yokuba bhetyebhetye kwiintshumayelo zethu nasekuhlengahlengiseni isifundo ngokweentswelo zomntu ngamnye.—1 Kor. 9:19-22.

6 Ngokomzekelo, sisenokuyihambisa le ncwadi kumntu ozibiza njengomKristu. Ngoko umbuzo onokutshayelela ngawo ibuyelo usenokuba ngothi, “Kutheni zizininzi kangaka nje iinkonzo ezizibanga zizezobuKristu?” Ngaloo ndlela, isahluko 11 esithetha ngowexuko nesahluko 13 esithetha ngoHlaziyo zinokuba sisiseko sokuqalisa isifundo. Njengoko lo mntu ebona indlela iNgqobhoko eyaqala ngayo, siya kumnceda ukuba aqiqe ngeemfundiso zeBhayibhile njengoko zingqubana neemfundiso ezisisiseko zeNgqobhoko ewexukileyo. Siyathemba ukuba, inyaniso iya kumvul’ ingqondo loo mntu ukuze abe nokuhlakulela ulwalamano noYehova uThixo. (Yoh. 8:31, 32) Kunokwandula ke kuqhutywe isifundo kwisahluko 15 nese-16 okanye kwincwadi Unokuphila Ngonaphakade.

UKUFIKELELA ABANTU ABANGENGABO ABEENKONZO ZOBUKRISTU

7 Ekufundisiseni nabantu bezinye iinkonzo, kufanelwe kusoloko kubonakaliswa uthando lobuKristu nobuchule. UPawulos wakugxininisa oko xa wabhala wathi: “Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.” (Kol. 4:6) KumaHindu sisenokuzama ukuqalisa isifundo kwiphepha 372 phantsi komxholwana othi “Idinga Lehlabathi Elitsha.” Wandule ke uye kwisahluko 5 esixubusha ngobuHindu. Oyena ndoqo ekuphumeleleni kukwazi iintswelo zomntu lowo.—Thelekisa IZenzo 17:22, 23.

8 Kufuneka ubuchule ngokukhethekileyo xa kuxoxwa namaSilamsi. Ngokungathandabuzekiyo aya kutsaleleka kwisahluko 12 esithetha ngobuSilamsi. Njengoko kuxutyushwa ngaloo mbandela, kweminye imibuzo kuye kwafakwa imibhalo yeBhayibhile yokwenza uthelekiso, ngokukodwa ukususela kwisiqendu 23 ukusa phambili. Sibongoza abantu ukuba baqiqe ngokuvisisana nesimemo seBhayibhile esithi: “Khanize sibonisane, utsho uYehova.”—Isa. 1:18; 1 Pet. 3:15.

9 Zama ukunceda abantu beenkonzo ezahlukeneyo ukuba bafune uThixo wenyaniso. Khumbula ukuba ngoxa sisenokutyala size sinkcenkceshe, ekugqibeleni, nguThixo ‘onokuhlumisa imbewu yenyaniso’ xa umhlaba ufanelekile.—1 Kor. 3:6, 7; Mat. 13:18-23.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share