Abaveleli Abakhokelayo—Umveleli Wenkonzo
1 Umveleli wenkonzo unomdla wokwenene kuyo nayiphi na into ephathelele inkqubela yomsebenzi wokuhambisa ivangeli kwintsimi eyabelwe ibandla. Ngaloo ndlela uphumeza indima ebalulekileyo ekusincedeni sizalisekise imbopheleleko yethu yokushumayela iindaba ezilungileyo. Njengomhambisi wevangeli onenzondelelo, uba ngowokuqala ukulungelelanisa zonke izinto eziphathelele intsimi. Ekubeni ekwazi ukufundisa, unceda abantu ngabanye babe nempumelelo kubulungiseleli.—Efe. 4:11, 12.
2 Lo mdala uwuvelela ngokungqalileyo umsebenzi wezicaka zolungiselelo ezabelwe ukusingatha uncwadi, amaphephancwadi nentsimi. Nguye oqinisekayo ukuba kukho isixa esaneleyo soncwadi, samaphephancwadi kunye neefomu zenkonzo ezisetyenziswa nyanga nganye. Uye ahlole ifayile yentsimi kanye ngonyaka ukuze abone iidilesi zamakhaya ekuthiwe singangeni kuwo, aze abele abazalwana abafanelekayo ukuba bawatyelele la makhaya.
3 Ngumveleli wenkonzo owalathisa kwiinkalo ezahlukeneyo zokushumayela, eziquka ukunikela ubungqina kumashishini, ezitratweni nangomnxeba. Ukuphaphele ukulungelelanisa amalungiselelo asebenzisekayo eentlanganiso zenkonzo yasentsimini iveki yonke, kuquka Iiholide. Unomdla wokwenene kumsebenzi wokuqhutywa kwezifundo zeBhayibhile. Ufuna iindlela zokunikela uncedo lokomoya kwabo baxhiphulisayo okanye abapholileyo kubulungiseleli. Unenkxalabo ngomsebenzi woovulindlela, yaye uvelela ilungiselelo Loovulindlela Abanceda Abanye.
4 Njengelungu leKomiti Yenkonzo Yebandla umveleli wenkonzo wenza naluphi na uhlengahlengiso olufunekayo kwiZifundo Zencwadi Zebandla. Xa etyelele iqela lakho, qiniseka ukuba ubakhona yaye ufak’ isandla kwinkonzo yasentsimini.
5 Bonke ebandleni bafanele bakulungele ukusebenzisana nolwalathiso olunikelwa ngumveleli wenkonzo. Oku kuya kusinceda sandise ubuchule kumsebenzi wethu wokwenza abafundi size sifumane uvuyo olungakumbi kubulungiseleli bethu.