Iintshayelelo Ezivusa Umdla
1 Ngalo lonke ixesha sifanele sibonakalise umdla wobuqu nofudumeleyo kubantu esidibana nabo kubulungiseleli basentsimini. Ukubuza indlela abazibona ngayo izinto kubonisa ukuzihlonela kwethu izimvo zabo. Oko sikuthethayo nemibuzo esiyibuzayo isenokuvuselela ukucinga kwabo ize ibangele ukuba bafune ukufunda okungakumbi ngoThixo neenjongo zakhe ngoluntu.
2 Ebudeni bukaSeptemba siya kwalathisela ingqalelo kwinyaniso engoMdali wethu nenjongo yakhe yokuguqula lo mhlaba ube yiparadisi njengoko siya kube sinikela incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Abaninzi kuthi baqhelene nale mpapasho. Sekunjalo, zinike ithuba lokuphinda uyihlolisise le mpapasho ngokobuqu, uze ukhethe iingongoma ezithile onokuzibalaselisa. Xa uxubusha ngenkcazelo ekwincwadi Unokuphila Ngonaphakade, yivule uze uyinike umninimzi. Bhekisela kwimibandela nakwimifanekiso ethile. Yiba nentshiseko ekubonakaliseni ukuxabiseka kwale mpapasho intle.
3 Emva kokuba uzazise ngokufudumeleyo, unokuthi:
■“Ucinga ukuba yintoni efunekayo ukuze uluntu lufumane uxolo nolonwabo lokwenyaniso kulo mhlaba? [Vumela impendulo.] IBhayibhile ithi simele soyike uThixo size siqonde ukuba unguMdali wezulu nomhlaba.” Funda ISityhilelo 14:7, uze utyhile kwiphepha 8 lencwadi Unokuphila Ngonaphakade uze ufunde isiqendu 6, ubalaselisa ingcamango yokuba umhlaba awumiwanga ngokwenjongo yantlandlolo yoMdali. Kwakhona ngokomdla womninimzi unokufunda isiqendu 10 kwiphepha 10 uze ugqabaze ngemifanekiso ekwiphepha 11-13. Mcacisele lo mntu ukuba kungekudala iparadisi yasemhlabeni iza kubakho ngokwenene. Nikela incwadi uze wenze amalungiselelo okubuyela kwabo babonakalisa umdla.
4 Okanye usenokuthi:
■“Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba sisaluphala size sife? Eminye imithi iye yaphila amawakawaka eminyaka. Kodwa abantu baphila kuphela iminyaka engama-70 okanye engama-80 baze bafe. Ngaba wakha wazibuza isizathu soko? [Vumela impendulo.] Apha kwabaseRoma 5:12 iBhayibhile iyasiphendula. [Funda.] Ngaba le meko iya kuze iguquke? Impendulo ‘nguEwe’ njengoko kubhalwe apha kwiSityhilelo 21:3, 4. [Funda.]” Mbonise incwadi Unokuphila Ngonaphakade, uphawule umxholo wandule utyhile kwimifanekiso ekwiphepha 162. Emva kokuba ugqabaze ngale mifanekiso usenokufunda isiqendu 19 nesama-20 kwiphepha 165. Mbonise umninimzi indlela le mpapasho intle ekwanokumnceda ngayo nentsapho yakhe ukuba baphile kwixesha ekungasayi kubuye kubekho ukufa naxa umhlaba wonke uya kube uguqulwe waba yiparadisi. Nikela incwadi uze wenze amalungiselelo aqinisekileyo okubuyela.
5 Ukuba umninimzi uvakalisa ukubuthandabuza ubukho boMdali, usenokuthi:
■“Baninzi abantu abavakalelwa njengawe, ngokukodwa ngenxa yokubona konke ukubandezeleka okusehlabathini. Ukuba uThixo ukho, kutheni evumela ukubandezeleka? Ngaba unokucinga ngaso nasiphi na isizathu esisengqiqweni soku?” Kuxhomekeka kwindlela aphendula ngayo, usenokukwazi ukuqhubeka usebenzisa isahluko 11 sencwadi Unokuphila Ngonaphakade ukuze uhambisele phambili le ngxubusho. Iimpendulo ezongezelelekileyo neziluncedo kulo mbuzo zinokufunyanwa kwincwadi Ukuqiqa, iphepha 38 nelama-39.
6 Asisukeli kuphela ukuvusa umdla kwisigidimi soBukumkani kodwa sikwafuna ukuqalisa izifundo zeBhayibhile. Hayi indlela esikuvuyela ngayo ukuba nale ncwadi intle nenemifanekiso ecacisa inyaniso ngoMdali wethu Ozukileyo nangenjongo yakhe yokuguqula lo mhlaba ube yiparadisi! Kwanga singayisebenzisa kakuhle ukuze sivuselele umdla wabantu abantliziyo zinyanisekileyo esidibana nabo ebudeni bukaSeptemba.