IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/92 iphe. 11
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Badumise UYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Nceda Abasebatsha Benze Inkqubela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukunceda Abanye Banqule UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 10/92 iphe. 11

Isingxobo Semibuzo

◼Abantwana abaselula abanabazali abangamaKristu banokuba nesabelo ukusa kuwuphi umkhamo kubulungiseleli basentsimini ngaphambi kokuba bagqalwe njengabavakalisi abangabhaptizwanga?

Abazali abangamaKristu bafuna ukuba abantwana babo babe ngabakhonzi bakaYehova abaqolileyo nabazinikeleyo. (1 Sam. 2:18, 26; Luka 2:40) Besebancinane, abantwana abakwiintsapho zamaKristu bafanele bakwazi ukuthetha ngokucacileyo bekhusela ukholo lwabo olusekelwe eBhayibhileni. Abantwana bakhula msinya ngokomoya xa bepheleka abazali babo kubulungiseleli basentsimini kwasebusaneni. Kodwa kubalulekile ukuba abaselula bashukunyiswe ngokusuka entliziyweni yabo ukuba baza kuyinandipha inkonzo yasentsimini, ukuba baza kuba nomnqweno wokuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga nokuba baza kuqhubeka benesabelo kumsebenzi wokushumayela uBukumkani. Kufuneka baqeqeshwe ngenyameko ngabazali babo. (1 Tim. 4:6; 2 Tim. 2:15) Maxa wambi abanye abavakalisi abafanelekileyo basenokunceda ukuba abazali babo bayavuma.—Bona incwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 99-100.

Njengoko abantwana abanembeko bepheleka abazali babo abangamaKristu kumsebenzi wendlu ngendlu, bafunda indlela yokuba nesabelo kubulungiseleli. Kodwa abasayi kugqalwa njengabavakalisi abangabhaptizwanga de bavelise umlinganiselo othile woko banokukwenza nobuchule abanabo. Abazali abangamaKristu basenokugqiba ngomkhamo umntwana anokuba nesabelo ukufikelela kuwo ekunikeleni ubungqina njengoko besebenza kunye. Abantwana abangekagqalwa njengabavakalisi abangabhaptizwanga abafanele bahambe bodwa okanye bapheleke abanye abantwana kwinkonzo yasentsimini. Abazali banokulungiselela ukuba abantwana babo baye kwinkonzo yasentsimini baze babavumele ukuba babe nenxaxheba ngeendlela ezahlukahlukeneyo, njengokufunda isibhalo, ukunikela iphecana okanye iphephancwadi, okanye ukubonisa umninimzi umfanekiso okwenye yeempapasho. Njengoko umntwana ekhula, usenokukwazi ukuba nenxaxheba kwingxubusho ukusa kumlinganiselo omkhulu ngakumbi.

Ngoqeqesho olufanelekileyo, abaselula bafunda ukubuxabisa ubunzulu bobulungiseleli njengoko besabela kukhokelo lwabazali babo yaye benehambo elungeleleneyo. Abazali abafanele babashiye abantwana babo abangekagqalwa njengabavakalisi abangabhaptizwanga kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini, belindele ukuba abanye babanyamekele. Abazali abanenkxalabo bayayiqonda imbopheleleko yabo yobuqu yokuba neliso kumsebenzi wabantwana babo. Kambe ke, abanye abavakalisi abanenkathalo basenokukulungela ukunceda ekuqeqesheni abantwana abancinane ebandleni ababonakalisa umdla wokwenene ekukhonzeni uYehova kubulungiseleli.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share