IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/92 iphe. 5
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • ‘Ukufuna Amazwi Amyoli, Amazwi Achanileyo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Indlela Yokwenza Uphando
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubacebisa Njani Abanye?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 12/92 iphe. 5

Isingxobo Semibuzo

◼ Ngaba sifanele sitsalele uMbutho umnxeba ukuze sifumane iimpendulo zemibuzo yeBhayibhile okanye icebiso lobuqu?

Abantu abaninzi basebenzisa umnxeba ukuze benze izinto ngokukhawuleza, kodwa ngokufuthi kubandakanyeke okungakumbi kunesantya. Ehlabathini kuqhelekile ukubeka phambili ukulungelwa kobuqu; abantu bayakuphepha ukuzibhokoxa.

Onjani wona umahluko esiwufumana kwicebiso likaThixo! Usibongoza ukuba sifune ulwazi ngokungathi sifuna ubutyebi obuselelweyo, nto leyo ethetha ukuba sifanele sikulungele ukuzibhokoxa. Amava abonisa ukuba ukuba senjenjalo siya kufumana ulwaneliseko oluhlala luhleli.—IMize. 2:1-4.

Umgudu onjalo ufanelekile ukuba kuphakama umbuzo njengoko silungiselela isabelo esithile kwiintlanganiso okanye xa sijamelana nengxaki yobuqu. Kunokuba sisuke nje sitsalele uMbutho umnxeba, siya kungenelwa ngokwenza uphando lobuqu eBhayibhileni nakwiimpapasho zethu, ingakumbi iWatch Tower Publications Index, eneembekiselo ezixabisekileyo zeZibhalo nezemibandela ethile.

Sinokuthi emva kokuba ‘sifune ubutyebi obuselelweyo,’ siye komnye wabadala basekuhlaleni ukuba sisafuna uncedo. Abadala banolwazi lweBhayibhile namava angakumbi ekuphandeni inkcazelo ethile. Uncedo lwabo olulungeleleneyo luya kufaneleka ingakumbi ukuba sifuna icebiso kwingxaki okanye kwisigqibo sobuqu kuba bakufuphi kuthi yaye bayayazi imeko yethu.—Thelekisa IZenzo 8:30, 31.

Ukuba kusabonakala kufuneka inkcazelo engakumbi evela ngqo kuMbutho, ngokuqhelekileyo kuhle ukuba kuthunyelwe ileta. Kwakhona abadala basenokuba luncedo ekulungiseleleni oku. Ileta enjalo iya kwenza ukuba kubekho ixesha ukuze impendulo isekelwe kuphando okanye kwingcamango efanelekileyo, nto leyo ngokuqhelekileyo engenakwenziwa ngomnxeba.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share