Isingxobo Semibuzo
◼ Kufanele kujongwe njani ukukhonza njengovulindlela ongumncedani?
Ubuvulindlela bobuncedani bufanele bujongwe njengelungelo nembopheleleko enzulu. Amashumi amawaka abavakalisi nyanga nganye amiselwa ukuba akhonze njengoovulindlela abangabancedani, yaye bambi bakwenza oko ngokuqhubekayo. Siyabancoma aba bavakalisi banenzondelelo iimeko zabo ezibavumelayo ukuba bachithe iiyure ezingama-60 ezifunekayo kwinkonzo yasentsimini nyanga nganye abakhonza ngayo njengoovulindlela abangabancedani. Abadala nabanye bafanele babakhuthaze abavakalisi abafaka isicelo senkonzo yobuvulindlela bobuncedani ukuba bakuthabathe nzulu ukumiselwa kwabo baze baphephe naluphi na utyekelo lokuba nesimo sengqondo sokungakhathali.
Njengakoovulindlela abathe ngxi, abo ngokuzithandela baba ngoovulindlela abangabancedani kangangenyanga enye okanye ezingakumbi bafanele babale iindleko kuqala. (Luka 14:28) Oku kuquka ukugqiba kusengaphambili enoba ngokusengqiqweni banako kusini na ukulindela ukuchitha umlinganiselo ofunwayo wexesha kubulungiseleli basentsimini ngaphandle kokutyeshela ezinye iimbopheleleko zobuKristu. Isigqibo somntu sokubhalisa njengovulindlela ongumncedani sifanele senziwe emva kokuqwalasela iimeko zakhe zobuqu ngomthandazo. Asifanele sishukunyiswe ziimvakalelo ezivuseleleke ngenxa yokuba abanye befaka izicelo. Sifanele sibe sisigqibo esicingisiswe kakuhle, esihamba nocwangciso olubhaliweyo lokuzalisa oko kufunekayo. Kubalulekile ukusifunda eso sicelo ngenyameko aze ubani agqibe entliziyweni yakhe ukuba ngokunyanisekileyo unako ukuthi ewe koko kufunwayo.
Kambe ke, kubandakanyeke ukuzibhokoxa okongezelelekileyo. Zimbi iinyanga ebudeni bonyaka ziya kuvumela ukuba ‘uxakeke’ ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. (IZe. 18:5, NW) Ezi ziquka ixesha leSikhumbuzo elingoMatshi nangoAprili neenyanga ekukho kuzo utyelelo lomveleli wesiphaluka ebandleni. Abavakalisi abaninzi ngovuyo bayaziqeqesha ukuze balandele ucwangciso olungqongqo ngandlel’ ithile ukuze bakwazi ukuba nesabelo esongezelelekileyo kumsebenzi wokushumayela ebudeni bezi zihlandlo zomsebenzi okhethekileyo, beqonda ukuba umphumo usoloko uziintsikelelo ezityebileyo. (2 Kor. 9:6) Abavakalisi abaninzi benza umgudu okhethekileyo wokuba ngoovulindlela ebudeni beenyanga zekhefu nangazo naziphi na iinyanga ebudeni bonyaka ekwenzekayo ukuba kubekho iimpela-veki ezintlanu ezizeleyo. Kodwa xa betyobela izicelo, bayaqonda ukuba kufuneka babambelele kumgaqo othi ‘uEwe wenu makabe nguEwe’ ngokwenza konke okusemandleni abo ukufaka ingxelo yeeyure ezingama-60 okanye ezingaphezulu nyanga nganye bekhonza njengoovulindlela abangabancedani.—Mat. 5:37.
Abavakalisi abangenako ukuba ngoovulindlela banokunceda ngokuzenza bafumaneke ukuze basebenze noovulindlela abangabancedani, belungiselela izigqibo ezingqalileyo zokusebenza nabo. Kuluncedo ukuhlala ithuba elidana entsimini noovulindlela xa kunokwenzeka. Oovulindlela basenokukuxabisa ngokukhethekileyo ukuxhaswa ngabanye abavakalisi ebudeni bexesha lakusasa, emva kwemini okanye ngorhatya. Oovulindlela abangabancedani bayakuvuyela ukumenywa ukuba basebenze nabanye ekwenzeni amabuyelo nasekuqaliseni izifundo zeBhayibhile zekhaya. Ngaloo ndlela abo banokubaxhasa oovulindlela abangabancedani ngokuqinisekileyo baya kufumana uvuyo olufumaneka ngokupha.—IZe. 20:35.
Inkuthalo yoovulindlela abangabancedani abaninzi ixatyiswa ngokunzulu. Abo banako ukubathelela banokulindela iintsikelelo ezityebileyo. (IMize. 10:4) Wena uya kuba naso nini isabelo kuvuyo lomsebenzi owandisiweyo njengovulindlela ongumncedani?