IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/93 iphe. 4
  • Ukubuyela Ukuze Sakhe Umdla EBhayibhileni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukubuyela Ukuze Sakhe Umdla EBhayibhileni
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwenza Amabuyelo Ngendlela Elula Nephumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukuhlakulela Umdla Kwisigidimi SoBukumkani
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Nxibelelanisa Amaphecana Nolunye Uncwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Indlela Yokuhlakulela Umdla
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 7/93 iphe. 4

Ukubuyela Ukuze Sakhe Umdla EBhayibhileni

1 Maxa wambi kwinkonzo yasentsimini sidibana nabantu ababonakalisa umdla othile kwiindaba ezilungileyo kodwa bexakeke kakhulu ukuba bangathetha nathi ngelo xesha sibatyelele ngalo. Ngaba siyazama ukubuyela ngelinye ixesha ukuze sabelane nabo ngesigidimi soBukumkani? Okanye mhlawumbi siye saba nencoko ebangel’ umdla nomninimzi, kodwa angalwamkeli uncwadi. Ngaba siyabuyela ukuze sithethe naye ngokubhekele phaya ngenyaniso?

2 Kubalulekile ukugubungela intsimi yethu ngokucokisekileyo size sibuyele kubo bonke abanomdla esinokubafumana. Ngaba sibuyela kuphela kwabo bamkele incwadi okanye amaphephancwadi? Ukuba kunjalo, sisenokuba asibasiso abantu abathile abanomdla. Ngokuqinisekileyo asifuni kucingela ukuba umntu othile akakufanelanga ukukhuthazwa ngokomoya ngokubhekele phaya kuba engakhange alwamkele uncwadi. (Thelekisa amaRoma 14:4.) Mhlawumbi emva kotyelelo lwethu, umninimzi usenokucinga ngoko sikuthethileyo okanye usenokuxabisa umgudu esiwenzileyo wokumtyelela. Usenokuba nomdla ngakumbi xa sibuyela.

3 Xa ubuyela kumntu obexakekile, usenokuthi:

◼ “Ndiyavuyiswa kukukubona kwakhona. Kwixesha elidluleyo xa bendilapha, asikhange sikwazi ukuthetha ngenxa yokuba ubungenaxesha. Ndiyakubona ukuba ungumntu oxakekileyo, yaye ndizakubetha koomofu. Mhlawumbi uyixhalabele impilo yakho neyabo ubathandayo. Kodwa, ngaba ubusazi ukuba uThixo uthembise ukuphelisa konke ukugula? Ngaba oko akuyi kuba kuhle? [Vumela impendulo.] Phawula ingongoma ekwisiqendu 4 sale ncwadana inemifanekiso enomxholo othi ‘Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha.’” Ukuba ixesha liyavuma, funda esi siqendu uze uhlolisise esinye sezibhalo ezisekupheleni kwephepha 4 ezibonisa iimeko zehlabathi elitsha. Ukuba umninimzi uyavuma, usenokuba nako ukuqalisa isifundo seBhayibhile sekhaya.

4 Xa utyelela kwakhona umntu oye wamkela iphecana, usenokuthetha okufana noku:

◼ “Ukugqibela kwam ukukubona, uthabathe umbhalo weli phecana linomxholo othi Ngubani Ngokwenene Olawula Ihlabathi? Ngaba ukufumanisa kunzima ukwamkela into yokuba uSathana ulawula eli hlabathi? [Vumela impendulo.] Phawula isiqendu sokuqala esikwiphepha 6.” Sifunde esi siqendu, wandule ubuze oku: “Kutheni uSathana efuna ukusikhohlisa?” Emva kokuba umninimzi ephendule, qwalaselani kunye isiqendu sesine esikwiphepha 3. Usenokuqhubeka uliqwalasela ngokucokisekileyo eli phecana, okanye usenokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? uze uqwalasele isiqendu 8 esikwiphepha 13.

5 Kukho isizathu esilungileyo sokuba singqale size sibuyele kwabanomdla esibafumana kumsebenzi wethu wokushumayela kwanaxa bewubonakalisa ngokulinganiselweyo. Kubalulekile ukubakhathalela abanye, ukushukunyiselwa ukubanceda bafunde inyaniso. Intlangano kaYehova ilungiselela uncwadi neentshumayelo ezicetyisiweyo ezinokusinceda ekwenzeni abanye bayiphaphele intswelo yabo yokomoya.—Mat. 5:3.

6 Ukuba uye wanencoko emnandi nomntu onokuba ebengenamdla kangako, musa ukulibala ukubuyela kuye ukuze uhlakulele umdla. Oko kusenokuphumela ekuqaliseni isifundo seBhayibhile sekhaya nasekuziseni loo mntu kwindlela yobomi. Sikhuthaza bonke ukuba baqhubeke benesabelo ngokunenkxalabo kulo msebenzi wokusindis’ ubomi.—1 Tim. 4:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share