Nikela Ingqalelo Kwabanomdla Obafumeneyo
1 Xa sihambisa amaphephancwadi ethu nezinye iimpapasho zobuthixo, sisasaza isigidimi esasivakaliswa nguYesu Kristu. Ngoko ke sifanele senze umgudu okhethekileyo wokubuyela kubo bonke ababonakalisa umdla.
2 Maxa wambi umninimzi usenokufuna ukuqala awafunde amaphephancwadi ngaphambi kokugqiba enoba uyafuna ukuwarhumela okanye akafuni kusini na. Ukuba ububalaselise inqaku elithile kuVukani! ebenomdla kulo umninimzi, xubusha ngezinye iingongoma ezikwelo nqaku xa ubuyela, uze usekele ingxubusho yakho kwisibhalo esinye yaye mhlawumbi nakwisiqendu esinye okanye ezibini. Ukuba usenomdla, mchazele ukuba uVukani! uyingenelo kwintsapho yonke. Nkupho nganye ixubusha ngemibandela eyahlukahlukeneyo, njengemeko-bume, ukuphucula ubuntu, ukuhlangabezana neengxaki zanamhlanje nemibuzo ephathelele abantu abaselula. Mchazele ukuba uyafumaneka ngomrhumo yaye unokufumana iinkupho ezili-12 kangangeenyanga ezili-12 ngomnikelo wee-R9,50.
3 Kuthekani ukuba umninimzi akanamdla kuwo onke amanqaku akwinkupho yakutshanje kaVukani!? Kunokuyeka incoko, usenokusebenzisa elo thuba ngokufundisa umninimzi ngakumbi ngomsebenzi wamaNgqina kaYehova ngokusebenzisa inkcazelo ekwiphepha 237 lencwadi Ukuqiqa.
4 Ukuba kwixa elidluleyo ubuhambise inkupho ye-“Mboniselo” ngokusebenzisa eyesi-2 kuTimoti 3:1-5 waza wabalaselisa inkcazelo ekwiphepha 2 leli phephancwadi, xa ubuyela usenokuthetha okufana noku:
◼ “Kwincoko yethu kwixa elidluleyo, sixubushe ngentsingiselo yoko kwenzekayo ehlabathini namhlanje. Abantu abaninzi baphelelwe ngumdla kuThixo nakwimilinganiselo yakhe yokuphila njengoko yandlalwe eBhayibhileni. Oku kuye kwasiphembelela gqitha isimo sengqondo sabantu omnye komnye, njengoko kuchazwe kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5. Ngaba ucinga ukuba sikho isizathu esisengqiqweni sokulindela iimeko ezilunge ngakumbi kwikamva?” Emva kokuvumela amagqabaza, usenokwalathisela ingqalelo kweyesi-2 kaPetros 3:13. Yandula ke utyhile kwiphepha 86-92 kwincwadi Ukuqiqa, uze ubalaselise oko uBukumkani buya kukwenzela uluntu.
5 Xa ubuyela, usenokuqonda ukuba umninimzi uyathandabuza ukurhumela la maphephancwadi. Usenokuzama le ntshayelelo yomzila wamaphephancwadi:
◼ “Ndingavuya kakhulu ukumana ndidlula apha ndikuzisele iinkupho zakutshanje zeMboniselo noVukani! rhoqo emva kweeveki ezimbini. Ungathanda ukuba ndikwenze oko?” Ukuba umninimzi uyavuma, qinisekisa ukuba uthabatha zonke iinkcukacha uze ngokuthembeka ubuyele rhoqo emva kweeveki ezimbini. Kwezinye iimeko, ngenxa yomgama omde okanye ezinye iingxaki, kusenokufuneka umchazele ukuba uza kubuyela kanye ngenyanga neenkupho ezintathu. Umzila wamaphephancwadi yindlela ebalaseleyo yokuzuza intembelo yabantu abasenokuba banamathandabuzo kancinane ngamaNgqina kaYehova. Inkoliso yemizila yamaphephancwadi iphumele kwizifundo zeBhayibhile ezihle.
6 Masenze umgudu wokubuyela kubo bonke ababonakalisa umdla kwinyaniso size sibancede beze kwindlela esa ebomini obungunaphakade.—Yoh. 4:23, 24.