IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/94 iphe. 4
  • Ukunceda Abanye Baqonde Ukuxabiseka Kweempapasho Zethu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunceda Abanye Baqonde Ukuxabiseka Kweempapasho Zethu
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunikela Ubungqina Kuzo “Zonke Iintlobo Zabantu”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Buyela Ukuze Uncede Abantu Bafunde Ngoko Banokukwenza Ukuze Baphile Ngonaphakade
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Zilungiselele Eyakho Intshumayelo Yamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Ukuzisebenzisa Kakuhle Iimpapasho Zethu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 1/94 iphe. 4

Ukunceda Abanye Baqonde Ukuxabiseka Kweempapasho Zethu

1 “Ilizwi likaThixo liphilile yaye linamandla.” (Heb. 4:​12, NW) Ekubeni iimpapasho zethu ezisekelwe eBhayibhileni zinceda abantu bangenelwe kumandla eLizwi likaThixo, sizisebenzisela ukuvusa umdla eBhayibhileni xa sinikela ubungqina ngokungacwangciswanga okanye xa sityelela kwindlu ngendlu.

2 Umnikelo woncwadi ngoJanuwari yiyo nayiphi incwadi endala enamaphepha ali-192 eyapapashwa ngaphambi kowe-1980 ibandla elinayo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00. Ukuba ezi ncwadi ziyafumaneka ebandleni lakho, lungiselela intshumayelo yakho yesigidimi soBukumkani ukuze ikhokelele kwingongoma ethile esencwadini oyisebenzisayo. Kunokwenziwa njani oku?

3 Indlela Yokulungiselela: Okokuqala, khetha inkcazelo esencwadini oyisebenzisayo enokuba nomtsalane kubantu abantliziyo zinyanisekileyo kwintsimi yakho. Yandula ke, ucinge ngesiganeko esisandula ukwenzeka okanye umbandela abanomdla kuwo abantu ngokubanzi osenokuba nako ukuwuxubusha ngokufutshane nomninimzi ngaphambi kokutsalela ingqalelo yakhe kwinkcazelo ebhaliweyo oyikhethileyo. Mhlawumbi kukho isibhalo esibonisiweyo okanye esicatshuliweyo onokusifunda, enoba kuseBhayibhileni okanye ngokungqalileyo encwadini, ukuxhasa inkcazelo yakho. Kwakhona zama ukumshiya umbuze umbuzo okanye enengongoma onokuyisebenzisa njengesiseko sotyelelo lokubuyela.

4 Amabandla amaninzi anemibhalo embalwa yencwadi Ubutsha Bakho​—⁠Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo nethi Ukuphulaphula kuMfundisi Omkhulu. Ukuba ezi ncwadi ziyafumaneka, kutheni ungalungiseleli ukuncokola nabantu abaselula odibana nabo entsimini? Bakhuthaze bafunde enye yezi mpapasho zintle. Ukuba uhambisa incwadi “Injongo Kanaphakade” kaThixo Iyoyisa Ngoku Ukuze Kulungelwe Umntu, unokutsalela ingqalelo yomninimzi kwisahluko 1, ufunde amacandelo afanelekileyo abalaselisa injongo kaThixo ngoluntu.

5 Hambisa Incwadi Iindaba Ezilungileyo​—⁠Zokonwabisa Wena: Emva kokuba uzazisile, usenokuthi: “Ndiqinisekile ukuba uya kuvumelana nelokuba akubonakali kunokwenzeka ukunandipha ulonwabo lokwenene emhlabeni kwanokuba lixesha nje elifutshane ngenxa yeengxaki esijamelana nazo ezinjengokugula, ukwaluphala, indlala, ulwaphulo-mthetho nokunganqabiseki. [Vumela umninimzi agqabaze.] Kukho izizathu ezilungileyo zokukholelwa ukuba kunokwenzeka ngokwenene ukuphila ngonaphakade emhlabeni ngolonwabo. Esinye isizathu sesokuba uThixo uthembisa oko. Phawula oko INdumiso 37:29 ikutshoyo. [Yifunde.] Kodwa kuthekani ngoonobangela bokungonwabi esibakhankanyileyo? KwiSityhilelo 21:⁠4 uThixo uthembisa ukubaphelisa. [Sifunde.] Ndiyazi ukuba ungathanda ukufunda okungakumbi, yaye ukuze sikuncede wenjenjalo, sihambisa le mpapasho.” Yandula ke ubonise umninimzi ingongoma ekwincwadi Iindaba Ezilungileyo.

6 Maxa wambi kusenokuba kokufaneleke ngakumbi ukuhambisa amaphephancwadi okanye iphecana. Sinezizathu ezininzi zokuba nehlombe nenzondelelo ekukhuthazeni abanye bafunde ezi mpapasho ukuze bakwazi ukubona amandla eLizwi likaThixo kubomi babo ngokusabela kulwalathiso lwalo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share