Ukuzisebenzisa Kakuhle Iimpapasho Zethu
1 Intlangano kaYehova ebonakalayo isilungiselele intaphane yeempapasho ezahlukahlukeneyo zokusinceda kumsebenzi wethu wokushumayela nokufundisa. (Mat. 28:19, 20) Uxabiso lwethu ngeempapasho zoMbutho lufanele lusishukumisele ukuba sizisebenzise kakuhle kubulungiseleli bethu.
2 Ekuphumezeni ubulungiseleli bethu, sifuna ukunceda ababumvu ukuba bahambe endleleni yobomi. Uncwadi lunokusinceda ekwenzeni oko. Xa sixubusha ngeZibhalo nomntu onomdla, sisenokufumanisa ukuba umbandela othile ubangel’ umdla kuye. Ukuba siqhelene kakuhle nombandela lowo ngokusuka kwiimpapasho ezahlukahlukeneyo, siya kukwazi ukuyitshintsha intshumayelo yethu size sinikele impapasho exubusha ngokukhethekileyo ngombandela umntu lowo esithetha naye anomdla kuwo. Oku kusenokufuna ukuba sibuyele kuloo mntu siphethe impapasho efanelekileyo.
NIKELA OKO KUFUNEKAYO
3 Ngokuyisebenza ngokucokisekileyo intsimi yethu, siya kufumana abantu abanomdla ngokwenene eBhayibhileni yaye abangathanda ukwazi okungakumbi ngayo. Nayiphi na kwiimpapasho zethu inokumnceda ukuba ayiqonde iBhayibhile. Kodwa ukuba sithetha nomntu ongakholelwayo eBhayibhileni nokholelwa ukuba iyaziphikisa yaye ayivumelani nenzululwazi, kusenokuba kokufanelekileyo ukunikela incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Loo mpapasho ikungqina kububuxoki ngokupheleleyo ukugxeka kwabantu iBhayibhile ize inikele ingcaciso ethe gca ngesizathu sokuba iBhayibhile ifanele yamkelwe njengeLizwi likaThixo. Okanye usenokunikela incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, usebenzisa isahluko 15 nese-16.
4 Abantu abaninzi bajamelene neengxaki kubomi babo basekhaya. Basenokuba banolwazi oluncinane ngesiluleko seBhayibhile okanye indlela yokusisebenzisa. Ukubanceda bahlangabezane neengxaki zobomi baze bafumane izicombululo eziluncedo, sisenokunikela incwadi ethi Ubomi Bentsapho. Basenokungenzi iinguqulelo ngokukhawuleza ngalo lonke ixesha, kodwa sinokuphuhlisa ingongoma yokuba isiluleko seBhayibhile siyasebenza ngokwenene.
5 Xa utyelela abantu abanabantwana, cinga ngokunikela iimpapasho ezilungiselelwe ngokukhethekileyo abaselula. Mhlawumbi usenokusebenzisa impapasho ethi Imibuzo Yabantu Abaselula. Abavakalisi abaninzi baye banceda abazali kwanolutsha ngokunikela Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile okanye ethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu.
6 Amaphecana aphatheka lula, yaye anokusetyenziselwa ukuqalisa incoko xa kusetyenzwa kwindlu ngendlu naxa kunikelwa ubungqina obungacwangciswanga. Iphecana elithi Liyintoni Ithemba Ngabafileyo Obathandayo? linenkcazelo ebalulekileyo nethuthuzela ngokwenene. Ngaba uphatha amaphecana aliqela awahlukeneyo? Ngaba unentshumayelo oyilungiseleleyo yokuwatshayelela?
7 Njengoko sisabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo, sifuna ukuwasebenzisa kakuhle amancedo awahlukahlukeneyo okufundisisa iBhayibhile alungiselelwe ‘ngumkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mat. 24:45-47) Intabalala engako yokutya kokomoya ibonisa ukuba nesisa kukaYehova nenkxalabo anayo ngalo lonke uluntu.