Zilungiselele Eyakho Intshumayelo Yamaphephancwadi
1 Siyalixabisa iphephancwadi IMboniselo noVukani! ngenxa yamanqaku alo asexesheni nanemfundiso, agubungela yonke into ukususela kwimicimbi yehlabathi ukusa ‘kwizinto ezinzulu zikaThixo.’ (1 Kor. 2:10) Ngo-Oktobha, siza kube sihambisa imirhumo yala maphephancwadi omabini. Sonke sikhumbula izinto ezininzi ezintsha nezakhayo esazifunda kula maphephancwadi, asetyenziswa nguYehova ekutyhileni inyaniso ngokuqhubekayo. (IMize. 4:18) Kufuneka siwasasaze ngehlombe ngokubanzi kangangoko kunokwenzeka.
2 Hlolisisa Intsimi Yakho: Banjani abantu abahlala kwindawo okuyo? Ukuba bahlala bexakekile, kusenokufuneka ulungiselele intshumayelo emfutshane nengqalileyo. Ukuba ukwintsimi enabantu abangaxakekanga kangako, usenokukwazi ukuthetha okungakumbi. Ukuba inkoliso yabaninimzi iyasebenza emini, usenokuphumelela ngakumbi xa utyelela emakhayeni ayo emva kwemini okanye emalanga. Usenokudibana nabanye emini ngokunikela ubungqina esitratweni okanye ngokungena kwiivenkile ngeevenkile. Bambi abavakalisi bafumana imiphumo emihle ngokuya ebantwini abakwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha nakwiipaki ezisedolophini ngokungacwangciswanga.
3 Wazi Kakuhle Amaphephancwadi: Funda inkupho nganye ngokukhawuleza nje emva kokuyifumana. Khetha amanqaku ovakalelwa kukuba asenokubangel’ umdla ebantwini abakwintsimi yakho. Yiyiphi imibandela ebaxhalabisileyo? Khangela ingongoma ethile onokuyicaphula kwinqaku oceba ukulisebenzisa. Cinga ngombuzo onokuwubuza ukuze uvuselele umdla. Khetha isibhalo esifanelekileyo oya kusifundela umninimzi ukuba uyalifumana elo thuba. Cinga ngonokukuthetha xa ubeka isiseko sokubuyela.
4 Lungiselela Intshayelelo Yakho: Wakhethe ngenyameko amazwi oceba ukuwasebenzisa xa uzazisa naxa uqalisa incoko. Abanye baye baphumelela ngale ntshayelelo: “Ndifunde inqaku elimnandi kweli phephancwadi, yaye ndifuna nabanye balifunde.” Kanti abaninzi baqala ngombuzo ongeengongoma zencoko abacebe ukuzisebenzisa. Ngokomzekelo:
5 Ukuba ubalaselisa inqaku elingokwanda kolwaphulo-mthetho, usenokubuza uthi:
◼ “Yintoni ebiya kufuneka ukuze sikwazi ukulala ebusuku ngaphandle kokoyika ukuphangwa okanye ukwenzakaliswa?” Mcacisele ukuba unenkcazelo ethile engesicombululo sale ngxaki. Kungekudala esi sicombululo siza kushenxisa yonke ingxushungxushu eyenzeka ekuhlaleni. Khankanya okuthile okukwiphephancwadi okunikela elo themba. Xa ubuya, usenokutsalela ingqalelo yomninimzi kwisahluko 1 sencwadi ethi Ulwazi.
6 Xa uhambisa iphephancwadi elingobomi bentsapho, usenokuthetha oku:
◼ “Inkoliso yabazali ikufumanisa kulucelomngeni ngokwenene ukukhulisa intsapho kule mihla. Kuye kwabhalwa intaphane yeencwadi ngalo mbandela, kodwa kwaneengcali azithethi ntw’ inye. Ngaba ukho nawuphi na umntu onokunikela ukhokelo olunokuthenjwa?” Mchazele ngengongoma ethile ekwiphephancwadi elo ebonakalisa isiluleko sobulumko esifumaneka eBhayibhileni. Xa ubuyela, xubusha ngeengongoma zeZibhalo ngokukhulisa abantwana ezigutyungelwe kwincwadi ethi Ulwazi, kwiphepha 145-8.
7 Xa ubalaselisa inqaku elingengxaki yasekuhlaleni, usenokuthi:
◼ “Uninzi lwabantu luziva lusebunzimeni ngenxa yamaxesha anzima esiphila kuwo. Ngaba ucinga ukuba uThixo wayenenjongo yokuba siphile ngolu hlobo?” Mbonise inqaku elibonisa indlela yokujamelana neengxaki zanamhlanje okanye elo linikela isizathu sokukhangela phambili kwikamva eliya kube lingenawo amaxhala. Kutyelelo lwakho olulandelayo, xubusha umfanekiso nebhokisi ekwiphepha 4-5 kwincwadi ethi Ulwazi, wandule ke umkhokelele ngqo kwisifundo seBhayibhile sekhaya.
8 Hlengahlengisela Umninimzi: Uya kudibana nabantu abanezilangazelelo neemvelaphi ezahlukeneyo. Lungiselela intshumayelo esisiseko oya kuyihlengahlengisa kumninimzi ngamnye. Cinga ngendlela onokukuhlengahlengisa ngayo oko ubuya kukuthetha endodeni, kwibhinqa, kumntu okhulileyo, okanye koselula. Akukho migaqo ingqongqo ngoko umele ukuthethe. Sebenzisa nakuphi na okuthandayo okuya kuba nemiphumo. Noko ke, yiba nehlombe, thetha ngokusuka entliziyweni, uze ube ngumphulaphuli olungileyo. Abo ‘banotyekelo olufanelekileyo’ baya kuyibona indlela onyaniseke ngayo yaye baya kusabela kakuhle.—IZe. 13:48.
9 Ncedanani: Ngokuphakelana ngezimvo, sifunda iindlela ezintsha esinokuthetha ngazo. Ukuqhelisela iintshumayelo zethu kunye kusenza sibe namava nentembelo. (IMize. 27:17) Ukuba uyakuqhelisela oko uza kukuthetha, uya kukhululeka ngakumbi emzini. Kubalulekile ukuba abazali bazinike ixesha lokunceda abantwana babo balungiselele, baphulaphule njengoko beqhelisela intshumayelo yabo, baze banikele namacebiso ngendlela yokuphucula. Abasebatsha banokungenelwa ngokusebenza nabavakalisi abanamava ngakumbi.
10 Ukuzilungiselela eyakho intshumayelo yamaphephancwadi akuyomfuneko ukuba kube yinto enzima. Into efunekayo nje kukucinga ngento ethile oya kuyithetha wandule ke uyithethe ngendlela ebangel’ umdla. Ngokuthabatha inyathelo lokuqala nangokucinga kusengaphambili, unako ukuzenzela intshumayelo eya kukwenza ufumane intsabelo entle.
11 Ukusasaza amaphephancwadi yenye yezona ndlela ziphambili sisasaza ngazo isigidimi soBukumkani kwihlabathi lonke. Ukuba nje unokunika abantu abanyanisekileyo IMboniselo noVukani!, la maphephancwadi anokuzithethela ngokwawo. Ngamaxesha onke khumbula ukuxabiseka kwawo nendlela isigidimi esikuwo esinokubusindisa ngayo ubomi babantu. Le ndlela ‘yokwenza okulungileyo nokwabelana ngezinto nabanye’ imkholisa kakhulu uYehova.—Heb. 13:16.