Khuthaza Ukukhula Ngamabuyelo Anentsingiselo
1 Ukuze sincede abo babonakalise umdla, kubalulekile ukuba siqhubeke sibanika ukudla kokomoya ngokubuyela rhoqo. Amatyelelo ethu ngokuthe ngcembe aya kunceda akhuthaze ukukhula kwabo ngokomoya. (1 Kor. 3:6-9) Noko ke, ukuze amatyelelo ethu abe nentsingiselo, kubalulekile ukuba silungiselele kwangaphambili, sicinga ngaloo mntu.
2 Ukubuyela Kwabo Besibashiyele Iphecana: Mhlawumbi kutyelelo lokuqala besihambise iphecana elithi Ihlabathi Elitsha Elinoxolo.
Emva kokwenza impinda emfutshane ngoko besikuxubusha, sisenokubuza okufana noku:
◼ “Nguwuphi urhulumente onokuzisa ezi nguqulelo? [Vumela amagqabaza.] Alithandabuzeki elokuba nawe ungakunandipha ukuphila kwiimeko ezinjengale. Sinokuzinandipha njani ngokobuqu iimeko ezinje?” Sinokwandula ke siqwalasele umbandela ophantsi komxholwana othi “Indlela Onokuphila Ngayo Apho.” Yalathisela ingqalelo kwincwadi Unokuphila Ngonaphakade, kwisahluko 15, “Ukuba Ngumlawulwa Woburhulumente BukaThixo.” Sisenokuxubusha iziqendu zokuqala ezibini sandule ke sibuze lo mbuzo: “Kufanele kusichaphazele njani ukufunda ngoThixo?” Sisenokwenza amalungiselelo okuphendula lo mbuzo size sisixubushe ngokubhekele phaya esi sahluko kutyelelo olulandelayo.
3 Xa sibuyela kwabo sibashiyele incwadi “Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni,” sisenokuthi:
◼ “Xa bendilapha kwixa elidluleyo, sixubushe ngeengxaki ezininzi uluntu olujamelene nazo kunye noko uThixo athembisa ukukwenza ngazo. Noko ke, kutheni uThixo evumele ukubandezeleka ithuba elide kangaka? Isahluko 11 sencwadi endikushiyele yona sinempendulo ebangela umdla.” Cela umninimzi eze neyakhe incwadi ukuba unako. Emva kokuqwalasela iziqendu ezimbalwa, sisenokubuza: “Ngaba ucinga ukuba kungenzeka ukuba siphile kumhlaba ekungasayi kuphinda kubekho ubungendawo kuwo, apho abantu baya kukwazi ukunandipha ubomi obungunaphakade phantsi korhulumente wobulungisa?” Chazela umninimzi ukuba ungakuvuyela ukubuya kwiveki ezayo nize nixubushe iimpendulo zale mibuzo kwisahluko 1, “Ukuphila Ngonaphakade Akulilo Nje Iphupha.”
4 Ukubuyela Kwabo Besibashiyele Amaphephancwadi: Ukuba ubukhethe inqaku elithile aye wanomdla kulo umninimzi, thetha ngeengongoma ezongezelelekileyo ezikwelo nqaku xa ubuyela, ugxininisa amagqabaza akho kwisibhalo esinye esiyintloko nakumbandela oxubusha ngaso. Ukuba usaqhubeka enomdla, usenokuxubusha iingenelo zamaphephancwadi. Kwakhona, usenokutsalela ingqalelo kwinkupho elandelayo yephephancwadi ukuba inenqaku elixubusha kwangombandela ofanayo. Kungenjalo, sisenokwalathisela ingqalelo kumbandela okwincwadi Unokuphila Ngonaphakade oxubusha ngaloo mbandela size senze amalungiselelo okuwuxubusha kutyelelo lwethu olulandelayo.
5 Ukubonakalisa kwethu umdla wobuqu ngokuqhubeka sisenza amabuyelo anentsingiselo kuya kubonisa uthando lwethu ngabantu nangoYehova. (Yoh. 13:34, 35) Ngamana singaqhubeka sikhuthaza ukukhula ngokomoya kwabo bakwintsimi yethu ngokwenza amabuyelo anentsingiselo ngokuthe rhoqo.